
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Phambi kokuba sithengiswe isixhobo sokwandisa apha eMzantsi Afrika, esodidi naluphi na lweentlobo zezityalo ezibhengeziweyo ngokwe-Plant Improvement Act, 1976  , kufuneka amagama eendidi ezinjalo aqukwe kuluhlu lweendidi .

ISebe lezoLimo ligcina izintlu zeendidi ngokuphathelele kwezolimo, imifuno nezityalo zeziqhamo. Ubhengezo lwezityalo ngeenjongo zomThetho kwakunye nokuquka iindidi kwizintlu kwenziwa ngokulandela isicelo. Isizathu sokufikelela isigqibo sixhomekeke ekubalulekeni kohlobo lwesityalo kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika.

Nawuphi na umntu okanye iziko lingafaka isicelo sokuqonda udidi. Udidi lufaneleka ukufakwa kuluhlu lweendidi xa lukholisa iimfuneko ze-DUS esisifinyezo se-, U = uniform, i.e. all the plants look alike , S = stable, i.e. even after repeated multiplication the plants still look like the original plants  naxa udidi lunegama elamkelekileyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Thumela izinto ezilandelayo ku-Registrar for Plant Improvement :

ifomu yesicelo ezaliswe ngokupheleleyo
technical questionnaire 
intlawulo emiselweyo yesicelo novavanyo
imbewu okanye izixhobo zokumilisa
ugunyaziso olubhaliweyo oluvela kumnini-sityalo, ukuba awusimilisanga, wasikhetha okanye waqhubela phambili udidi.



Bonisa ngokucacileyo kuthotho lwemibuzo yobuchwepheshe ukuba zeziphi ezinye iindidi ezaziwayo eMzantsi Afrika, ekufuneka udidi olutsha luthelekiswe nazo ukumisela ukuzibalula.
Kukho iintsuku ezimiselweyo ekufuneka kuthunyelwe ngazo amaxwebhu nezixhobo zokumilisa kuMbhalisi. Iinkcukacha zezi ntsuku, inani lezixhobo zokumilisa ekufuneka zithunyelwe nalapho kufuneka zithunyelwe khona, ziyafumaneka kuMbhalisi.
Xa ukhuselo ngokwemiqathango yamalungelo ommilisi wezityalo nalo lufuneka, abenzi bezicelo bakhuthazwa ukuthumela izicelo ngaxeshanye ukulondoloza ixesha nemali.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Plant Improvement Act, 1976  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokufaka udidi kuluhlu iya kuthatha ithuba elinye lokulima ubuncinane.

Entla

Iindleko

Intlawulo yesicelo malunga nokuqonda udidi: R790
Intlawulo yovavanyo malunga nokuqonda udidi:

ihlelo A : R900
ihlelo B : R1 100
ihlelo C : R1 900



Isicelo sokuguqula okanye ukongeza igama lodidi olusele lufakwe kuluhlu lweendidi: R1 500

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



PBR/VL 2004 
Technical questionnaire 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


