﻿
Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina – umntu oneshishini lakhe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo isebenziseka kumntu welizwe langaphandle ojonge ukuseka ishishini eMzantsi Afrika; okanye osele enepemethe yeshishini ukuze aqhube ishishini kweli lizwe; okanye ojonge ukutyala imali kwishishini esele likhona kweli lizwe.

Izicelo zingathunyelwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya kwiphondo ojonge ukuqhubela kulo ishishini. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-947 kunye ne BI-29.

Umgcini nomhloli wee-akhawunti zemali olilungu lequmrhu labagcini nabahloli bee-akhawunti zemali , omele indawo yakho, kufuneka ahambise uqinisekiso lokuba igalelo lemali emiselweyo kwixabiso lempahla nezinto  elikwiincwadi zeshishini, lityaliwe. Igalelo lemali emiselweyo liyi R2,5 million kwaye lingabekelwa bucala okanye lincitshiswe kuphela xangaba oko kuthathwa ngokuba kungumnqweno welizwe okanye xangaba oko kucelwe liSebe lezoRhwebo naMashishini.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for permanent residence permit , BI-947 

Power of attorney in respect of an application/extension of  immigration permit or temporary residence, BI-29 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


