Isicelo senkxaso yokunakekela omnye umntu     



Inkcazelo 

Inkxaso yokunakekela omnye umntu  luxanduva lokunika omnye umntu, umzekelo umntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, ukutya, indlu, impahla yokunxiba, imfundo kunye nonakekelo lonyango, okanye ukulungiselela omnye umntu iindlela nezinto eziyimfuneko ukuze anikwe ezi zinto zidingekayo kwimpilo yakhe. Olu xanduva lwasemthethweni lokunika inkxaso lubizwa ngokuba 'luxanduva lokuxhasa okanye 'luxanduva lokusapota'.



Ngubani ekufuneka akhuphe inkxaso yokunakekela omnye umntu ?



Uxanduva lokusapota lusekelwe kubudlelwane begazi, ukwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni okanye kwimeko yokokuba aba bantu batshatile.



Umntwana kufuneka asapotwe okanye axhaswe

Ngabazali bakhe, nokuba batshatile, bayahlalisana, bohlukene okanye baqhawule umtshato , kubandakanywa abazali abamkele umntwana wabangowabo ngokusemthethweni; kunye/okanye
Ootatomkhulu noomakhulu bakhe, nokubangaba abazali bomntwana babetshatile okanye babengatshatanga. Kodwa ke oku kwahluka ngokwemeko ngemeko.



Uxanduva lokusapota ilungu losapho  aliqingqelwa nje kuphela ukusapota umntwana. Naliphina ilungu lefemeli, nokuba lineminyaka yobudala engakanani na, lingacela naliphina ilungu lefemeli lilisapote okanye lilixhase, kodwa ke xa ngaba le miqathango mibini ilandelayo ifezekisiwe:

Ilungu lefemeli elibanga isapoti alinako ukuzisapota ngokwalo.
Ilungu lefemeli ekucelwa kulo isapoti alinakoyisakala ukuyikhupha le sapoti ibangwayo.
Zeziphi iinkcitho ezingabangwa?

Ungabanga isapoti eqiqileyo eyimfuneko ukuze unike umntwana okanye omnye umntu onelungelo lokusapotwa indlela yokuphila nokukhula okufanelekileyo. Oku kubandakanya ukunika izinto ezidingekayo empilweni ezifana nokutya, impahla yokunxiba kunye nendlu, ndawonye nokuhlawuwulela imfundo efanelekileyo. Inkundla ingayalela nokuba utata womntwana enze igalelo kwintlawulo yeendleko zokulungiselelwa komntwana kunye nenkxaso ukusukela kumhla wokuzalwa komntwana ukuyakutsho kumhla wokunikwa komyalelo wesapoti. Inkundla inganika nomyalelo wokuhlawulwa kweendleko zonyango okanye ingayalela ukuba umntwana abhaliswe phantsi kwesikim sonyango somnye wabazali njengomntu oxhomekekileyo. Ukwenzela ukuba inkundla ikwazi ukukhupha umyalelo wesapoti ofanelekileyo, bobabini abazali mabanike inkundla ubungqina beendleko zabo.



Imbono yakho ngokuziphatha komnye umzali ayilichaphazeli ilungelo labantwana bakho lokufumana isapoti. Kukwafuneka uyihlawule isapoti, nokubangaba omnye lo umzali

uphinde watshata;
uhambisana  nomnye umntu;
akavumi ukuba ubone abantwana; okanye
ukubangaba nawuphina umbandakanyeki emva kwexesha ubanabanye abantwana.

Uxanduva lwakho lokuhlawula isapoti kunye nelungelo lakho lokufikelela ebantwaneni bakho yimibandela emibini eyahlukene kakhulu kwaye ayingqamananga tu. Ngaphezu koko, abantwana bakhe nawuphina umzali abaluchaphazeli uxanduva lokusapota. Kodwa ke, nangona kunjalo, imali yesapoti ingalungiswa ukubangaba omnye umbandakanyeki uzisa isicelo esinjalo.



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.  


Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo sesapoti kwinkundla kamantyi ekwisithili ohlala kuso.
Ukubangaba uyathandabuza, inkundla yendawo ohlala kuyo iyakukuxelela ukuba usenze kweyiphina inkundla isicelo sesapoti.
Yiya kwinkundla efanelekileyo uze ugcwalise kwaye uhambise iFom A, ethi: Isicelo somyalelo wenkxaso yokunakekela omnye umntu .
Ngaphezulu kwefom oyigcwalisileyo, hambisa ubungqina bengeniso-mali yakho yenyanga kunye neenkcitho, obufana neerisiti zokuthenga ukutya, umbane kunye neentlawulo zeemali ezibizwayo zerenti okanye beentlawulo zeemali ezibizwayo zerenti.
Inkundla iyakubeka umhla ekuyakufuneka wena nomphenduli  niye ngawo enkundleni.
Igosa lesapoti kunye nomphandi bayakuphanda isibango sakho kwaye bajonge iimeko zakho.
Inkundla iyakukhuphela umphenduli  isamani  ukuze aye kuvela enkundleni ngomhla ochaziweyo ukuze kuxoxwe ngalo mbandela.
Umphenduli ke angakhetha ukuba avume ukuhlawula le sapoti ngale ndlela ibangwa ngayo, okanye aye kuphikisana nalo mba enkundleni.
Ukubangaba umphenduli uyavuma ukuhlawula isapoti njengoko ibangwa, umantyi uyakuphonononga imiqulu efanelekileyo. Uyakuthi ke akhuphe umyalelo, kwaye angagqiba ekubeni enze njalo ngaphandle kokufuna ukuba ababandakanyeki bavele enkundleni.
Ukubangaba umntu ekuthiwa unoxanduva lokufaneleka ahlawule isapoti akakuvumi ukukhutshwa komyalelo, kufuneka avele enkundleni, apho kuyakumanyelwa khona ubungqina bababandakanyeki bobabini nobamangqina babo.
Ukubangaba inkundla ifumanise lo mntu enoxanduva lokufaneleka ahlawule isapoti, iyakwenza umyalelo wemali yesapoti ekufuneka ihlawulwe. Inkundla iyakuqulungqa nokuba zenziwe ninina, njanina iintlawulo zesapoti.
Inkundla ingayalela ukuba imali yesapoti ihlawulwe ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Kwi-ofisi kamantyi ekwindawo umntu ahlala kuyo okanye kuyo nayiphina enye i-ofisi karhulumente echongelwe le meko
Kwi-akhawunti yebhanki okanye yequmrhu lokwakha echongwe ngulo mntu ubandakanyekayo
Nqo kulo mntu ufaneleke afumane le mali
Ngomyalelo oyalela ukuba umqashi womntu onoxanduva lokufaneleka ahlawule isapoti axhuzule intlawulo yesapoti nqo kumvuzo womqeshwa, ngokuhambisana noMthetho omtsha weNkxaso yokuNakekela omnye umntu 

Imithetho esetyenziswayo

Maintenance Act, 1998  and related Regulations UMthetho weNkxaso yokuNakekela omnye umntu, kunye neMigqaliselo eyayamene nawo

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

Uyakuphathwa ngokulinganayo, ngokunobuntu nangesidima.
Izikhalazo ziyakuphathwa ngokukhawuleza nangobunono kangangoko kunokwenzeka
Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo. Inkqubo iyonke, ukusukela ekuhambiseni isicelo ukuya kutsho ekufumaneni intlawulo yakho yokuqala yesapoti, ingathabatha iiveki ezininzi, kuxhomekeke kwintsebenziswano yabo bobabini ababandakanyeki.
Amangqina ahamba inkqubo, kubandakanywa umntu obanga isapoti, bavumelekile bafumane izibonelelo ezimiselweyo zenkxaso nohambo. Kodwa ke, inkundla iyakwenza isigqibo, ngokubona kwayo, malunga nokuba eso sibonelelo siyakuhlawulwa na kumntu onganikwa umyalelo wokuba ahlawule isapoti.
Umntu obanga isapoti makenze isicelo kwigosa lesapoti ukuze ahlawulwe iimali zamangqina.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.
Iifom ezigcwaliswayo  
Form A: Application for Maintenance Order
Form B: Substitution or Discharge of existing Maintenance Order
Form C1: Subpoena in terms of Section  of the Maintenance Act, 1998 
Form C2: Subpoena in terms of Section  of the Maintenance Act, 1998
Form D: Notification to admit Statements by Witnesses
Form E: Maintenance Order in terms of section 16 of the Maintenance Act, 1998
Form F: Notice to make Maintenance Payments on behalf of person against whom Maintenance Order was made
Form G: Consent and Maintenance Order in terms of section 17 read with Section 16 of the Maintenance Act, 1998
Form H: Order by Default and Notice in terms of Section 18 read with Section 16 of the Maintenance Act, 1998
Form I: Application for Variation/Setting Aside of an Order by Default in terms of Section 19  of the Maintenance Act, 1998
Form J: Notice in terms of Section 19 of the Maintenance Act, 1998
Form J: Application for Enforcement of Maintenance or other Order in terms of Section 26 of the Maintenance Act, 1998
Form L: Warrant of execution against Property in terms of Section 27 of the Maintenance Act
Form M: Application for Setting Aside of a warrant of Execution in terms of section 27 of the Maintenance Act, 1998
Form N: Application for Suspension, Amendment or Rescission of an Order for the attachment of Emoluments in terms of Section 28 of the Maintenance Act, 1998
Form O: Notices to and by Employer in terms of Section 29 of the Maintenance Act, 1998
Form P: Application for Suspension, Amendment or Rescission of an Order for the attachment of Debts in terms of Section 30 of the Maintenance Act, 1998
Form Q: Complaint of Failure to Comply with a Maintenance Order for purposes of Section 31 of the Maintenance Act, 1998



Iinkcukacha zonxulumano 






