﻿
Isicelo sokongezelwa ixesha lokusa iifom zerhafu yengeniso-mali
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umrhafi angenza isicelo sokongezelwa ixesha lomhla ekufuneka ase ngawo iifom zerhafu.
Isicelo siyakwaliwa ukubangaba enye yezi meko ikho kwiingxelo zomrhafi:

I-adresi yomrhafi ayaziwa kwi-SARS.
Iingxelo zomrhafi azinantshukumo.
Inkampani/Iqumrhu elingavulelekanga/Iqumrhu lokugcina ngentembeko, lilele.
Umrhafi umkile wayokuhlala kwelinye ilizwe.
Ingxelo yomrhafi iphawulwe njengelifa, umzekelo, ukubhubha, ukungakwazi ukuhlawula amatyala, ukupheliswa kwenkampani.
Ifom yalo nyaka werhafu ungqalileyo ekuthunyelelwe wona isicelo, ibiseyifunyenwe.
Kukhutshwe isigunyaziso okanye umyalelo wokubizwa wonyaka werhafu ongqalileyo.
IiFom zeRhafu yeNgeniso-mali  azikabuyiswa kwaye khange kwenziwe malungiselelo - iphelelwe imihla ebekufanele kubuyiswe ngayo ezo fom.
Iimali zeRhafu yengeniso-mali azikahlawulwa kwaye khange kwenziwe malungiselelo okurhoxisela omnye umhla.
Ifom yeli xesha okanye yalo nyaka khange ikhutshwe.
Umrhafi akanaxanduva lemfaneleko kulo nyaka werhafu umiyo.
Isicelo sokongezelwa ixesha ligqitha ngaphaya kwethuba ekufikelelwa kulo elivumeleke kwicandelo lomrhafi.
Ingxelo yomrhafi ikwinkqubo yokuba isuswe komnye ummandla itshintshelwe komnye.
Iifom zerhafu/Iimali ze-VAT azikahlawulwa kwaye khange kwenziwe malungiselelo afanelekileyo - imihla yokubuyiswa kwezo fom iphelelwe/ akukho malungiselelo achaziweyo wezomali zingekakhutshwa.
Isitetimenti/ifom/imali yokulungelelanisa i-PAYE ayikasiwa kwaye khange kwenziwe malungiselelo afanelekileyo – imihla yokubuyiswa kweso sitetimenti/loo fom iphelelwe/khange kwenziwe malungiselelo okurhoxisela loo mali ingekakhutshwa, komnye umhla.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo sokwandiselwa ixesha lokungenisa iiritheni zerhafu yengeniso  ngokusebenzisa iziko lewebhu le SARS okanye nge-imeyili.
Cela uKongezelwa iXesha okuKodwa ngencwadi oyisa kwi-ofisi yeBhrentshi ye-SARS ekufuphi kuwe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Sakuba siqhubekisiwe isicelo sakho, uyakwaziswa nge e-mail, kusetyenziswe i-adresi ye e-mail enikwe nguwe. Ukubangaba awuyinikanga i-adresi ye e-mail, unganxulumana ne-Ofisi yeBhrentshi ye-SARS ekufuphi kuwe, emva kwemini enye yokusebenza.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Bhalisa ngonxibelelwano lwekhompyutha.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


