﻿

Isicelo somnyenyevu wokungabandakanywa kwirhafu yengeniso-mali

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umnyenyevu wokubonelela ngerhafu unikwa imibutho engajonganga kwenza nzuzo, esekelwe ukubayinzuzo kuluntu ngokubanzi. Nangona kunjalo, lo mnyenyevu wokubonelela uyakufumaneka kuphela kwimibutho ehambisana nemimiselo yoMthetho weMibutho eNgajonganga kwenza Nzuzo , kunye nemithetho eyayamene nalo.

Imibutho enqwenela ukwenza izicelo zomnyenyevu wokungabandakanywa kufanele ziwele phantsi kwelinye lala macandelo alandelayo:

Inkampani efakwe phantsi kweCandelo 21 loMthetho weeNkampani  Inkampani yeCandelo 21 inemimiselo kunye nemigaqo yokumanyana njengemiqulu yokuyiseka kwaye ibhalisiwe kuMphathi woBhaliso lweeNkampani.
Iqumrhu lokugcina ngentembeko elinomqulu wokuliseka kunye nencwadi yesivumelwano sasemthethweni sentembeko, esibhaliswe kwiNqununu yeNkundla ePhezulu.
Iqumrhu labantu. Iqumrhu labantu abahlangene ngokuzithandela elilawulwa ngumgaqo-siseko.

Xa imiqulu yokuseka ingahambisani nemimiselo yeCandelo 30 loMthetho weMibutho eNgajonganga kwenza Nzuzo, isicelo kufuneka sikhatshwe sisibhengezo sesithembiso esibhaliweyo esisayinwe ngumenzi-sicelo. Uyakuthi ke umnyenyevu wangaphambili uqhubeke ukusebenza kude kube leloxesha apho umenzi-sicelo ayakube azisiwe yi-South African Revenue Service  ngesigqibo ngokomthetho omtsha.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Imibutho okungokunje enganikwanga umnyenyevu ogunyazisiweyo wokungabandakanywa kwirhafu yengeniso-mali, ingathumela ifom yesicelo egcwalisiweyo ehamba nemiqulu yokuxhasa eyimfuneko, ndawonye nesibhengezo sesithembiso esibhaliweyo nesisayiniweyo, apho abantu abenza lo msebenzi ngentembeko bathembisa ngokuhambisana nemimiselo yeCandelo 30 loMthetho weMibutho eNgajonganga kwenza Nzuzo .
Le miqulu yokuxhasa ilandelayo kufuneka ikhaphe isicelo:

inkampani: Faka ikopi yeMimiselo kunye neMigaqo yokuManyana 
iqumrhu lokugcina ngentembeko: Faka ikopi yeencwadi zezivumelwano zasemthethweni zentembeko kunye nazo naziphina iincwadi zezivumelwano zasemthethweni ezilandelayo zokulungisa
iqumrhu labantu: Faka ikopi yomgaqo-siseko wakutshanje.

Imibutho esekwe ngenjongo ephambili yokunika izipho zemali yokufunda ngenxa yokugqwesa, iibhasari kunye nezipho zokufunda, uphando kunye nokufundisa, kufuneka, ngaphezulu kwale miqulu ingentla, igcwalise iSibhengezo seSithembiso eSibhaliweyo ekuthiwa yi-EI 3 Written Undertaking.
Izikolo zoluntu kunye nezizimeleyo , amaziko emfundo ephakamileyo, amaziko emfundo esisiseko noqeqesho lwabantu abadala , ndawonye namaziko emfundo noqeqesho oluqhubekayo , kufuneka zifake ikopi yesatifiketi sobhaliso esikhutshwe nguGunyaziwe obandakanyekayo weMfundo.
Ifom egcwalisiweyo, ikunye nemiqulu efanelekileyo, kufuneka ibuyiselwe kule adresi ilandelayo:
The Commissioner: SARS
Tax Exemption Unit
P.O. Box 11955
Hatfield
0028

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Taxation Laws Amendment Act, 2000  as amended by Section 78 of Act 19 of 2001; and Section 63 of Act 30 of 2002 and Section 198 of Act 45 of 2003

UMthetho wokuLungisa weMithetho yokuRhafa, njengoko ilungisiwe liCandelo 78, neCandelo 63, neCandelo 198

Nonprofit Organisations Act, 1997 

Companies Act, 1973 

Income Tax Act, 1962  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Zonke izicelo ezifunyenwe liCandelo lokunika iMinyenyevu yokuNgabandakanywa kwiRhafu , ezinenkcazelo efanelekileyo kunye nemiqulu yokuxhasa eyimfuneko, ziyakukhutshelwa incwadi eveliswe ngekhompiyutha engqina ukufunyanwa kwazo, kwisithuba seeveki ezine ukusukela kumhla wokuthunyelwa.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for exemption from income tax, EI1 

Isibhengezo sesithembiso esibhaliweyo

Isibhengezo sesithembiso esibhaliweyo – Izipho zemali yokufunda ngenxa yokugqwesa kunye neebhasari


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


