
Isicelo somnyenyevu wokungaphulukani nobumi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Lo mnyenyevu wenza ukuba abemi baseMzantsi Afrika babengabemi belinye ilizwe ngaphandle kokuphulukana nobumi babo baseMzantsi Afrika. Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Abenzi-zicelo abajonge ukufumana ubumi belinye ilizwe ngaphandle kokuphulukana nobumi babo baseMzantsi Afrika kufuneka balandele le nkqubo:

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-1664 kunye ne BI-529.
Veza ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi yaseMzantsi Afrika okanye ipaspoti.
Veza ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi sokuzalwa saseMzantsi Afrika kunye nencwadi ebhaliweyo nefungelweyo echaza ukuba akukho bumi bungobunye obufunyenweyo. Zonke iikopi zemiqulu kunye nencwadi ebhaliweyo nefungelweyo kufuneka ziqinisekiswe kuphela ngumntu oneGunya lokuQinisekisa iMiqulu okanye nguMkomishinari weZifungo.

Abemi baseMzantsi Afrika abaphulukene nobumi babo baseMzantsi Afrika emva kokufumana ubumi belinye ilizwe ngelixa babengasengobantu abangenamalungelo wokuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, kwaye ngaphandle kokwenza izicelo zokugcina obu bumi phambi kokuba babengabemi bamanye amazwe, bangenza izicelo zomnyenyevu.

Abenzi-zicelo kufuneka balandele le nkqubo:

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI 1666 kunye ne BI 529.
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi sobumi belizwe langaphandle.
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo ye-ID yaseMzantsi Afrika okanye ipaspoti okanye isatifiketi sokuzalwa saseMzantsi Afrika.
Zonke iikopi zemiqulu kufuneka ziqinisekiswe kuphela ngumntu oneGunya lokuQinisekisa iMiqulu okanye nguMkomishinari weZifungo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Citizenship Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha iintsuku zokusebenza ezi 5.

Entla

Iindleko

R128

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-1664 
, BI-529 
, BI-1666 
, BI-862 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


