﻿
Isicelo sokuqonda ngobumi baseMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

nkonzo iqonda ukuba ingaba umenzi-sicelo ungummi waseMzantsi Afrika nyhani na phambi kokuba kukhutshwe iNcwadi yeSazisi. Isebenza kubantu ababengabemi baseMzantsi Afrika phambi kokuba balifulathele eli lizwe kwaye abajonge ukubuyela kubumi baseMzantsi Afrika. Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-529.
Gcwalisa incwadi ethi 'To whom it may concern'.
Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-1664 ukuze ungaphulukani nobumi bakho baseMzantsi Afrika.
Iinkcukacha zobuqu zomenzi-sicelo ziyahlolwa kwiNcwadi yeLizwe yoBhaliso lweNani neeNkcukacha zaBantu.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Citizenship Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iiveki ezisi 8 ukuya kwezili 12.

Entla

Iindleko

Incwadi ethi – To whom: R58
Isicelo sokugcina ubumi baseMzantsi Afrika: R128

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



BI-529 
, BI-1664 
To whom it may concern letter 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


