﻿
Isicelo sokuba ngummi waseMzantsi Afrika ngokomnombo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umntu ongummi waseMzantsi Afrika ngokomnombo nguye nabanina ozalelwe ngaphandle koMzantsi Afrika ngabazali apho okungenani omnye wabazali engummi waseMzantsi Afrika. Ukuzalwa komntwana kufuneka kubhaliswe ngokuhambisana noMthetho wokuBhaliswa kokuZalwa nokuBhubha .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom ekuthiwa yi BI-24.
Umzali ongowaseMzantsi Afrika makagcwalise ifom ekuthiwa yi BI-529.
Kwimeko yokwamkelwa komntwana ngumntu ongamzelanga ibengowakhe , thumela umyalelo wokwamkelwa komntwana ngumntu ongamzelanga ibengowakhe 
Thumela ikopi yesi satifiketi sokuzalwa selizwe langaphandle.
Thumela iikopi zezatifiketi zomtshato zomenzi-sicelo nezomzali 
Ukubangaba umenzi-sicelo wazalelwa ngaphandle komtshato, bobabini abazali mabasayine ifom yokubhaliswa kokuzalwa ethi BI-24.
Thumela ubungqina ukubangaba umzali waseMzantsi Afrika ufumene ubumi belizwe langaphandle.
Thumela ubungqina bokuzalwa kwalo mzali waseMzantsi Afrika.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Citizenship Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for determination of status, BI-529 
Application for notice of birth, BI-24 


Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


