﻿

Isicelo sokuguqula isini

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abemi baseMzantsi Afrika okanye abantu abanemvume yokuhlala isigxina kweli lizwe ababekwinkqubo yokuguqula isini phambi kokuba uMthetho wokuBhaliswa kokuZalwa nokuBhubha , uqalise ukusebenza, bangenza izicelo zokuguqula izini zabo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-526 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba uhlala kwilizwe langaphandle.
Veza isatifiketi sokuzalwa.
Kwimeko yomntu oguqulelwe amalungu esini ngoqhaqho okanye ngonyango, hambisa iingxelo ezichaza uhlobo kunye neziphumo zayo nayiphina inkqubo eyenziweyo kunye naluphina unyango olwenziwe okanye olulungiswe ziingcaphephe zonyango eziqhube lo msebenzi okanye ezifake unyango.
Kuzo zonke iimeko, nika ingxelo ekhapha isicelo, echaza imbonakalo yesini somenzi-sicelo xakungoku. Le ngxelo kufuneka iqulungqwe yingcaphephe yezonyango exilonge umenzi-sicelo ukuze kuqondwe imbonakalo yakhe ngokwesini.
Khupha ingxelo esuka kugqirha wezifo zengqondo odlene iindlebe zokucebisa umenzi-sicelo, enika iinkcukacha ezipheleleyo zale meko, ngakumbi imbali yayo kunye nobume bengqondo balo mntu ngokuphathelelene nolu guqulo lwesini.
Ukubangaba umenzi-sicelo uneminyaka yobudala eli 16 okanye nangaphezulu, kufuneka kwenziwe isicelo sencwadi yesazisi entsha.
Kufuneka kunyatheliswe iminwe ngeenjongo zokungqinisisa kunye nokufaka inkcazelo eyeyakutshanje nebingekafakwa, kuvimba wenkcazelo ye-HANIS.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Alteration of Sex Description and Sex Status Act, 2003  

Births and Deaths Registration Act, 1992  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ingathabatha iiveki ezisi 8.

Entla

Iindleko

R55

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Change of gender, BI-526E 

Application for identity document, BI-9 


Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


