﻿

Isicelo se visa

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

I-visa luphawu olugunyazisiweyo olubekwa kwipaspoti esebenzisekayo yomntu welizwe langaphandle, olunika loo mntu welizwe langaphandle igunya lokungena eMzantsi Afrika.

I-visa kufuneka:

ifunyanwe phambi kokuba umenzi-sicelo alishiye ilizwe lakhe endulukela eMzantsi Afrika

ifunyanwe kwilizwe langaphandle, kwaye akunakwenziwa isicelo sayo kumasango okungena aseMzantsi Afrika

kwenziwe isicelo sayo kwelo lizwe, kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika, kumazwe apho uMzantsi Afrika umelweyo kuwo

kwenziwe isicelo sayo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika ekufuphi okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika elikufuphi, ukubangaba uMzantsi Afrika awumelwanga elizweni lakho. Oku kuyabandakanyeka nakubantu abaneepaspoti zozakuzelwano lwamazwe nezigunyazisiweyo abafuna iipemethe zozakuzelwano phakathi kwamazwe.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

gcwalisa ifom yesicelo se-visa, ekuthiwa yi-BI-84
ipaspoti yakho kufuneka ibe iyasebenziseka ithuba elingekho ngaphantsi kweentsuku ezingama 30 emva kokuphelelwa kolu tyelelo lucetywayo
ipaspoti yakho kufuneka okungenani ibenephepha elinye elingasetyenziswanga xa uyisa kugunyaziso
kufuneka kuhlawulwe imali ebekiweyo, ukubangaba kuyimfuneko
kufuneka kuhanjiswe isatifiketi sokugonywa, ukubangaba kuyimfuneko
hambisa ingxelo okanye imiqulu engqina iinjongo zotyelelo kunye nexesha ozakulihlala kolu tyelelo
veza ubungqina bokubanako ngokwaneleyo ngokwezemali
veza ubungqina betikiti lomoya elisebenzisekayo lokuya nokubuya
kusengacelwa idipozithi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezili 10.

Entla

Iindleko

R 425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a visa, BI-84 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


