
Isicelo sepaspoti yokukhenketha
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti yokukhenketha yincwadi efunekayo xa undwendwela kwelinye ilizwe okanye xa uphinda ungena eMzantsi Afrika. Ipaspoti yokukhenketha ikhutshelwa abemi baseMzantsi Afrika abaneminyaka yobudala eli 16 okanye nangaphezulu. Iyasebenza kundwendwelo lwawo wonke amazwe ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngolunye uhlobo. Isebenza iminyaka eli 10 ukusukela ngomhla ekhutshwe ngawo.

Kufuneka ubenencwadi yesazisi  okanye isatifiketi sokuzalwa ukuze wenze isicelo. Isicelo sepaspoti kunye nesencwadi yesazisi ungazenza ngexesha elinye ukubangaba awunako ukulinda.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 uyise ngokwakho kwi-ofisi ekufuphi yeSebe lezeKhaya. Yise kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko lobuMeli beli ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Uyakunyatheliswa iminwe  ukuze ishicilelwe kwiNcwadi eBhale iNani neeNkcukacha zaBantu belizwe.
Hambisa iifoto ezimbini ezilingana kwipaspoti.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Passports and Travel Documents Act, 1994 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ipaspoti ingakhutshwa kwisithuba seeveki ezi 6.

Entla

Iindleko

R176

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a South African passport or travel document, BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


