
Isicelo sepaspoti yexeshana elifutshane

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti yexeshana elifutshane inikwa abantu baseMzantsi Afrika ekufuneka bathabathe uhambo olukhawulezileyo kwaye abangenako ukulinda ukukhutshwa kwepaspoti yesiqhelo. Ipaspoti yexeshana elifutshane isebenziseka iinyanga ezili 12. Xa usenza isicelo sepaspoti yexeshana elifutshane, kukwafuneka wenze nesicelo sepaspoti yesigxina.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya eMzantsi Afrika.
Hambisa:

incwadi echaza ukuba kutheni udinga ipaspoti yexeshana elifutshane
incwadi yakho yesazisi okanye isatifiketi sokuzalwa
iifoto ezine ezilingana kwipaspot
incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  ukubangaba ipaspoti yakho yaseMzantsi Afrika yalahleka okanye yabiwa.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Passports and Travel Documents Act, 1994  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iintsuku zokusebenza ezi 5 ukuya kwezili 10.

Entla

Iindleko

R85: Isicelo sepaspoti yexeshana elifutshane.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a South African passport or travel document, BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


