﻿
Isicelo sepemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso     

Inkcazelo 



Isicelo sokukhuselwa ngumbuso  sisicelo somenzi-sicelo sokuba avunywe njengembacu.



Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ngumntu obaleke elizweni lakhe lemvelaphi ngenxa yokoyika ukungcungcuthekiswa , kwaye ocela ukuvunywa njengembacu – kule meko ke eMzantsi Afrika. Umenzi-sicelo uhlala engumntu ocela ukuvunywa njengembacu ngelilixa isicelo sakhe sisaqwalaselwayo.



Umntu ocela ukuvunywa njengembacu unikwa ipemethe yethutyana yokukhuselwa ngumbuso  engavuselelwayo, kwisango lokungena eMzantsi Afrika . Le pemethe isebenziseka iintsuku ezili 14 kwaye igunyazisa umntu onayo ukuba ayokuzixela kwi-Ofisi yoKwamkela iiMbacu, ekuthiwa yi-Refugee Reception Office , ukuze enze isicelo sokukhuselwa ngumbuso.



Imbacu  ngumntu onikwe ubume bokukhuselwa ngokoMthetho weeMbacu .



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya Department of Home Affairs. 





Inkqubo emayilandelwe 

Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ufaka isicelo ngokwakhe kwindawo echongiweyo yoKwamkela iiMbacu, apho kwenziwa ezi zinto zilandelayo:
Umenzi-sicelo uqale aphononongwe imeko yakhe
Umenzi-sicelo unyatheliswa iminwe 
Kuziswa itoliki 


Udliwano-ndlebe lokuqala luqhutywa liGosa loKwamkela iiMbacu  kwaye kugcwaliswa ifom ekuthiwa yi BI-1590.
Ipemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso  iyashicilelwa, isayinwe, igximfizwe isitampu kwaye inikwe umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso.
Le pemethe, esebenziseka iintsuku ezingama 30, iyakuvumela umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ukuba ahlale eMzantsi Afrika ixeshana elifutshane. Le pemethe ingongezelwa ixesha lokusebenziseka leentsuku ezingama 30, ize iphinde yongezelwe elinye ixesha leenyanga ezintathu.
Phambi kokuphelelwa kwepemethe yokucela ukukhuselwa ngumbuso, umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso, kufuneka axelele iGosa loKwamkela iiMbacu ukuze angenele udliwano-ndlebe lwesibini, oluqhutywa liGosa lokuQulungqa uBume beeMbacu elibizwa ngokuba yi-Refugee Status Determination Officer .
IGosa lokuQulungqa uBume beeMbacu liyaqhubeka ngokulamla kule nyewe yesicelo kwaye lithabatha isigqibo malunga nesicelo sokukhuselwa ngumbuso.
Ukubangaba sivunyiwe isicelo sokukhuselwa ngumbuso, , imbacu kufuneka yenze isicelo sekhadi le-ID yeembacu, elinobuxhakaxhaka beenkcukacha, kuyo nayiphina i-Ofisi yoKwamkela iiMbacu kwisithuba seentsuku ezili 15.
Emva kokunikwa eli khadi, imbacu ingenza isicelo soMqulu wokuNdwendwela weSivumelwano seZizwe eZimanyeneyo, ekuthiwa yi-United Nations Convention Travel Document  kuyo nayiphina i-Ofisi yoKwamkela iiMbacu.
Ubume bobumbacu buhlala iminyaka emibini, kodwa imbacu kufuneka ibhale incwadi icele ukuqwalaselwa ngokutsha kobume bobumbacu okanye ukongezelelwa kwexesha lokusebenziseka kobume bobumbacu, kwiinyanga ezintathu phambi kokuba obo bume bobumbacu buphelelwe.



Umthetho osetyenziswayo 



Refugee Act, 1998  UMthetho weeMbacu
1951 UN Convention relating to the Status of Refugees ISivumelwano seZizwe eZimanyeneyo sango 1951, esimalunga noBume beeMbacu
1969 OAU Convention Governing the Specific Aspects of Refugee Problems in Africa ISivumelwano soMbutho weManyano ye-Afrika sango 1969, esiLawula iMiba eNgqalileyo yeeNgxaki zeeMbacu e-Afrika
1967 Protocol relating to the Status of Refugees IMigaqo yeMvumelwano yango 1967, ephathelelene noBume beeMbacu
1993 Basic Agreement between the Government of South Africa and the UNHCR ISivumelwano esisiSiseko sango 1993, phakathi koRhulumente waseMzantsi Afrika kunye noMkomishinari oMkhulu weeMbacu weZizwe eZimanyeneyo
The Immigration Act, 2002  as amended UMthetho wokuNgena eLizweni, njengoko ulungisiwe



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo



Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiinyanga ezintandathu.



Iindleko 



Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezigcwaliswayo 



Isicelo sokukhuselwa ngumbuso, ekuthiwa yi BI-1590 



Iinkcukacha zonxulumano 




