
Isicelo semali yoncediso kwikhaya labantwana
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ikhaya labantwana yindawo ebhalisiweyo yokunakekela abantwana. Amakhaya wabantwana angabanga imali yoncediso oluyisabhsidi yenyanga kurhulumente ukuze afezekise iindleko zawo eziqhubekayo. Imali yesabhsidi ekhutshwayo ayifani kwaye isekelwe kwiindleko eziqhubekayo zeli khaya kunye nenani labantwana abahlala kulo.

Ngubani ongenza isicelo semali yoncediso oluyisabhsidi?
Ngamakhaya wabantwana abhalisiweyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom kwi-ofisi yeeNkonzo zeNtlalo ekufuphi kuwe.
Ifom yesicelo egcwalisiweyo kufanele ityikitywe  nguMhlali-Ngaphambili weKomiti yeManeyijimenti kunye noMqondisi weNgingqi weKhaya laBantwana elibandakanyekayo.
Hambisa ifom kwiSebe ikunye nesatifiketi sobhaliso lwe-NPO kunye nezitetimenti zebhanki.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Childrens Act, 2005  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le mali yoncediso oluyisabhsidi ifumaneka kwiziko kwikhaya ngalinye elingumzuzi elifumana izindlu ngokweziko.
Le mali yoncediso ihlawulwa nqo kwiziko, hayi kumzuzi.
Inkqubo yesicelo iyakuthabatha ngaphezulu kweenyanga ezintathu ukuze isicelo siqhubekiswe.
Sakuba sihanjisiwe isicelo sakho, siyakuvavanyelwa ukunyaniseka.
Ukubangaba iSebe lanelisekile sisicelo, uyakuyinikwa imali yoncediso.
Esi sigqibo sisekelwe ekufumanekeni kwezinto eziyimfuneko kunye nemfuneko yale nkonzo.
Isebe likhupha ezi mali zoncediso oluyisabhsidi qho ngeenyanga ezintathu, kuxhomekeke kuqwalaselo ngokutsha lwemisebenzi yeli khaya labantwana.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom iyafumaneka kwii-Ofisi zoPhuhliso lweNtlalo ezikufuphi kuwe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

0800 60 10 11


