
Isicelo sepemethe yenkqubo yokutshintshiselana ngabafundi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yenkqubo yokutshintshiselana ngabafundi yipemethe enikwa umfundi welizwe langaphandle ekufanele athabathe inxaxheba kwiprojekthi okanye kwinkqubo ethile kwiziko lemfundo laseMzantsi Afrika elikwinqanaba lesithathu 

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika.
Hambisa incwadi esuka kwiSebe leMfundo okanye kwiziko loluntu lemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika:

engqina ukuba eli ziko lilo eliququzelela okanye eliphethe le nkqubo
echaza imisebenzi yale nkqubo kunye nexesha eliyakuthatyathwa yile nkqubo
engqina ukuba eli ziko liyakuthabatha uxanduva olupheleleyo malunga nalo mfundi ngelixa ekwiRiphabhlikhi kwaye umfundi wamkelelwe ukuba abhaliswe.

Hambisa incwadi esuka kwiziko elithile lelizwe langaphandle:

engqina iinkcukacha zomfundi, kubandakanywa ubhaliso lomfundi kwiziko lemfundo ekwinqanaba lesithathu kwilizwe langaphandle
engqina umhla eyakuqala ngawo le nkqubo eMzantsi Afrika.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


