Isicelo sokutshintshela ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo selayisensi yomqhubi yexeshana
Isicelo sepemethe yomqhubi yoqeqesho lobuchule
Isicelo selayisensi yomqhubi
Ukuvuselela ilayisensi yomqhubi
Isicelo sokunikwa enye ilayisensi yomqhubi xa obun
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Isicelo sokutshintshela ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iilayisensi zabaqhubi ezikhutshwe kwamanye amazwe kwaye ezamkelweyo eMzantsi Afrika ziya kuguqulelwa kwiilayisensi zabaqhubi eziluhlobo lwekhadi lekhredithi xa abantu abanezi layisensi befuneka befumene iilayisensi zaseMzantsi Afrika ngokoMthetho weLizwe weZithuthi zeNdlela (National Road Traffic Act, 1996).
Isicelo sokutshintshela imvumelo yomqhubi yamazwe ngamazwe kufanele sikhatshwe yilayisensi yomqhubi esegunyeni, eyakhutshelwa yona le mvumelo.
Ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle okanye iMvumelo yoMqhubi yaMazwe ngaMazwe ingatshintshelwa kwilayisensi yaseMzantsi Afrika kuphela akube umenzi-sicelo engummi waseMzantsi Afrika, okanye akube efumene imvume yokuhlala isigxina kweli lizwe (oko kukuthi, hayi abantu abaneemvumelo zozakuzelwano okanye zezivumelwano phakathi kwamazwe).
Ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle kufuneka ibe isemthethweni ngomhla wokutshintshela kwaye kufuneka ibekwelinye leelwimi ezigunyazisiweyo zaseMzantsi Afrika. Ukuba akunjalo, isicelo masikhatshwe yinguqulelo ekhutshwe ngugunyaziwe onelungelo noxanduva lokwenza njalo.
Xa umntu onelayisensi yokuqhuba yelizwe langaphandle ephinda eqalisa ukubangumhlali osisigxina, okanye efumana imvume yokuhlala isigxina eMzantsi Afrika, ilayisensi yelizwe langaphandle iya kuphelelwa ukuba semthethweni kunyaka omnye ukusukela kumhla loo mntu athabathe ngawo okanye aphinde waqalisa ngawo ukuhlala isigxina.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
o khupha incwadi eyamkelekileyo yokuzazisa njengoko kumiselwe ngumthetho waseMzantsi Afrika (umzekelo, iNcwadi yeSazisi (ID), i-ID yexeshana, ipaspoti esemthethweni yaseMzantsi Afrika, okanye ipaspoti yelizwe langaphandle ehamba nemvumelo yokuhlala isigxina).
o hambisa incwadi ephuma kugunyaziwe onelungelo noxanduva lokukhupha loo ncwadi, engqina ukuba semthethweni kwelayisensi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle, futhi echaza udidi lwelayisensi (uhlobo lwesithuthi esingasetyenziswa)
o hambisa ilayisensi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle o hambisa iifoto ezine ze-ID, zombala omnyama nomhlophe.
Hlawula imali ebandakanyekayo njengoko imiselwe ngumthetho waseMzantsi Afrika.
Uya kuhlolwa amehlo kweli ziko phambi kokuba kugqitywe ukutshintshelwa.
Qaphela: Awuyikungenela zimviwo zelayisensi yomqhubi. Ilayisensi yomqhubi yexeshana isemthethweni iinyanga ezintandathu kwaye ikhutshwa kwangoko, ngaphandle kwendleko.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo siqulunqwa kwangolosuku ube sele unikwa usuku lovavanyo.
Entla
Iindleko
Mpumalanga
Entla
Entla
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
