﻿

Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina – umsebenzi

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo ilungiselelwe umntu welizwe langaphandle onqwenela ukwenza isicelo sobume bokuhlala isigxina ngenxa yokuba enikwe ingqesho esisigxina eMzantsi Afrika. Esi sicelo kufuneka sibe ngaphakathi kweziqingqo zangonyaka ezibekwa kumaxesha ngamaxesha.

Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya kwiphondo ojonge ukusebenza kulo okanye kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-947 kunye ne BI-29E.
Umntu ozakubangumqashi wakho kufuneka athi thaca ubungqina bezi zinto zilandelayo kwiSebe lezeKhaya:

bokuba isikhundla osinikwayo sikho
bokuba isikhundla kunye nenkcazelo yomsebenzi ozakuwenza sasikhutshiwe kwisibhengezo sokwazisa  ngendlela ebekiweyo
bokuba zange kubekho bemi baseMzantsi Afrika okanye abahlali abasisigxina abaneekhwalifikheyshini ezifanelekileyo ukuze bangene kweso sikhundla.

Department of Labour , kufuneka liqinisekise ukuba iimeko nemiqathango yokunikwa le ngqesho ayikho ngaphantsi kwaleyo ikhoyo kwicandelo lemarike engqameneyo yabemi nabahlali. Ngokwenza njalo, iSebe leZabasebenzi lifuneka ukuba lithathele ingqalelo izivumelwano zeengxoxo ezihlanganelweyo kunye neminye imigangatho ebandakanyekayo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for permanent residence permit, BI-947 

Power of attorney in respect of an application for a temporary or permanent residence permit, BI-29E 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


