﻿
Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina – abalingane bomtshato
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo isebenziseka kumntu welizwe langaphandle onobudlelwane bobulingane obusisigxina nommi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-947 kunye ne BI-29.

Nabo ubudlelwane bobomi besigxina obuphakathi koogxa besini esinye nabezini ezahlukeneyo, bukwavumeleka, kodwa, endaweni yesatifiketi somtshato, abo gxa kufuneka ukuba bavokothekise ubizo lwabo lokuhlalisana kunye nokuxhasana kwabo ubuqu nangokwemali, ngokuthumela incwadi ebhaliweyo nefungelweyo .

Ukuze iSebe lezeKhaya linike ipemethe yokuhlala isigxina kumlingane welizwe langaphandle wommi okanye womhlali osisigxina waseMzantsi Afrika, eli Sebe kufuneka laneliseke ukuba bukho ubudlelwane bobulingane obusekwe ngentembeko nangenene.

Ipemethe yokuhlala isigxina ikhutshwa phantsi komqathango wokuba, iyakuphelelwa, ukubangaba kwisithuba seminyaka emibini ukusukela kumhla wokukhutshwa kwepemethe, ubudlelwane abusaqhubeki, ngaphandle kokuba imeko yeyokubhubha.

Ngugxa womtshato welizwe langaphandle, omnye kuphela ongenza isicelo sobume ngenxa yokuba etshate ummi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika.

Kufuneka ube utshate nommi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika ngokomthetho wentlalo yabemi okanye ngokomthetho wesiko lesiqhelo isithuba seminyaka emihlanu.

Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for permanent residence permit , BI-947 

Power of attorney in respect of an application/extension of  immigration permit or temporary residence, BI-29 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


