

Isicelo sepaspoti egunyazisiweyo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti egunyazisiweyo  inikwa amagosa awayamene namaziko karhulumente xa eneenjongo zokuhambela kumazwe angaphandle ngemicimbi yaseburhulumenteni. Ipaspoti egunyazisiweyo isebenziseka iminyaka emihlanu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qinisekisa ukuba uyiphethe incwadi yakho yesazisi okanye isatifiketi sokuzalwa ukuze wenze isicelo.
Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kwaye uyise ngokwakho kwi-ofisi ekufuphi yeSebe lezeKhaya. Yise kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Nyathelisa iminwe  ukuze ifakwe kuvimba woBhaliso lweNani neeNkcukacha zaBantu.
Hambisa iifoto ezimbini ezilingana kwipaspoti.
Yenza isicelo sepaspoti egunyazisiweyo kunye nencwadi yesazisi ngexesha elinye ukubangaba awunako ukulinda.
Hambisa incwadi ephuma kumqashi echaza izizathu zokuba kutheni udinga ipaspoti egunyazisiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

.

South African Passports and Travel Documents Act, 1994  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha iveki enye ukuya kwiiveki ezi 6.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

.

Application for a South African passport or travel document, BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


