
Isicelo sepaspoti yongxamiseko
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti yongxamiseko yincwadi efuneka ngokukhawuleza xa ujonge ukuhambela kumazwe angabamelwane angafuni ii-visa zokungena. Ipaspoti yongxamiseko ingasetyenziselwa kwanokubuyela eMzantsi Afrika ngokungxamisekileyo. Isebenziseka iinyanga ezilithoba ukusukela kumhla wokukhutshwa kwayo, kodwa isetyenziswa kuhambo olunye kuphela, ukuya kwilizwe elibandakanyekayo nokubuyela eMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya.
Hambisa:

incwadi echaza ukuba kutheni udinga ipaspoti yongxamiseko
incwadi yakho yesazisi okanye isatifiketi sokuzalwa
incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  ukubangaba ipaspoti yakho yaseMzantsi Afrika yalahleka okanye yabiwa
iifoto ezine zakutshanje ezilingana kwipaspoti.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Passports and Travel Documents Act, 1994  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku zokusebenza ezintlanu.

Entla

Iindleko

R64

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


