﻿
Isicelo sepemethe yokufumana unyango
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yokufumana unyango inikwa umntu welizwe langaphandle oneenjongo zokufumana unyango eMzantsi Afrika. Loo pemethe yonyango ihlala isebenziseka iinyanga eziphelela kwisithandathu ngexesha. Yenza isicelo sepemethe yotshintshiselwano kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika elikufuphi kuwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ebizwa ngokuba yi BI-1738.
Hambisa ipaspoti yakho ekufuneka ibe iyasebenziseka iintsuku ezingekho ngaphantsi kwama 30 emva kokuphelelwa kotyelelo olucetywayo.
Hambisa ubungqina bokubanako ngokwemali ukuze umelane nezidingo zemihla ngemihla zabo bonke abantu abakhapha umntu onepemethe yonyango , ngokwezitetimenti, iimpepha ezibonisa umvuzo, ukuba zikhona, okanye iitshekhi zabahambi.
Hambisa incwadi evela kwingcaphephe yezonyango okanye kwiziko lezonyango, ebonisa izizathu okanye imfuneko yonyango, ixesha ekulindeleke ukuba lithatyathwe lunyango kunye neenkcukacha zezicwangciso zokunyangwa eMzantsi Afrika.
Nika iinkcukacha zomntu okanye zeziko elinoxanduva lokuhlawula iindleko zonyango kunye neemali zasesibhedlele zomntu onepemethe, ukuba zikhona. Hambisa ubungqina bokubanako ngokwemali okanye besicwangciso soncediso lonyango ukubangaba i-medical scheme okanye umqashi akayikuba noxanduva lokuhlawula iindleko.
Khupha omnye okanye nangaphezulu koko, kule miqulu ilandelayo, ikhaphe isicelo sakho sepemethe:

isatifiketi sonyango esipheleleyo
isatifiketi sokuzalwa esipheleleyo
isatifiketi somtshato esipheleleyo 
incwadi ebhaliweyo nefungelweyo ekuthiwa yi-affidavit BI-1712A ukubangaba kubandakanyeka ubudlelwane bobulingane obungengomtshato, ihambe nobungqina bokuhlalisana
isivumelwano esizotywe ngumntu oqeqeshelwe ukwenza njalo ngokomthetho, kwiimeko zokuhlalisana
ubungqina bomtshato wesintu, ukubangaba oko kuyabandakanyeka
umyalelo woqhawulo-mtshato, ukubangaba oko kuyabandakanyeka
ubungqina bomyalelo wenkundla onika ilungelo lokugcina abantwana, ukubangaba oko kuyabandakanyeka
isatifiketi sokubhubha, ngokuphathelelene nomlingane ongasekhoyo, ukubangaba oko kuyabandakanyeka
imvume ebhaliweyo esuka kubo bobabini abazali, okanye kumzali omnye onguye yedwa ogcina abantwana, ukuba oko kuyabandakanyeka, ihambe nobungqina bokubanguye yedwa ogcina abantwana
ubungqina bokwamkelwa komntwana ngumntu ongamzelanga ibengowakhe  ngokwasemthethweni, ukuba oko kuyabandakanyeka
umyalelo wokwahlukana ngokwasemthethweni, ukuba oko kuyabandakanyeka
isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa, ukubangaba wena, menzi-sicelo, uneminyaka yobudala engama 21 nangaphezulu, ngokuphathelelene nawo onke amazwe ohleli kuwo unyaka okanye ngaphezulu konyaka
isatifiketi sokugonywa, ukuba oko kuyabandakanyeka.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


