
Isicelo sepaspoti embaxa

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti embaxa  yincwadi enamaphepha angama 64 elungiselelwe abantu abahamba rhoqo. Ipaspoti embaxa iyafana nepaspoti yomkhenkethi, ngaphandle nje kokuba yona inenani lamaphepha aphinda-phindwe kabini ukuze ibenamaphepha awongezelelweyo we-visa.

Ipaspoti embaxa:

inikwa abemi baseMzantsi Afrika abaneminyaka yobudala eli 16 okanye nangaphezulu
sebenziseka kuhambo oluya kuwo onke amazwe, ngaphandle kokuba inomfakelo ogunyazisa ngenye indlela
isebenziseka iminyaka eli 10 ukusukela kumhla wokukhutshwa kwayo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Phatha kuwe incwadi yakho yesazisi okanye isatifiketi sokuzalwa xa usenza isicelo.
Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-73 kwaye uyise ngokwakho kwi-ofisi ekufuphi yeSebe lezeKhaya. Yise kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Nyathelisa iminwe  ukuze ifakwe kuvimba woBhaliso lweNani neeNkcukacha zaBantu.
Hambisa iifoto ezimbini ezilingana kwipaspoti.
Ukubangaba awukabinayo incwadi yesazisi kwaye uxheshwa lixesha, ungenza isicelo sepaspoti kunye nesencwadi yesazisi ngexesha elinye.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Passports and Travel Documents Act, 1994  UMthetho waseMzantsi Afrika weePaspoti neeNcwadi zokuNdwendwela

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiiveki ezi 6.

Entla

Iindleko

R352

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a South African passport or travel document, BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


