
Isicelo sesatifiketi somtshato 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isatifiketi somtshato sibubungqina bokuba utshatile. Umtshato kufuneka uqhutywe kukho aba bantu batshatayo, amangqina amabini aphethe iincwadi zawo zezazisi kunye negosa lokutshatisa.

Qonda ngobume bakho bomtshato kwi-online.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Abantu abatshatayo kufuneka babeneencwadi zezazisi kunye nefom egcwalisiweyo ekuthiwa yi BI-31 .
Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-130 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba uhlala kwilizwe langaphandle.
Umtshato ungagunyaziswa ligosa lokutshatisa elikhethwe kwiqumrhu okanye kumbutho ochongiweyo wobutyalike okanye ngummeli weSebe lezeKhaya.
Umtshato kufuneka uqhutyelwe etyalikeni, kwisakhiwo esisetyenziselwa iinjongo zenkonzo yetyalike kuphela, kwi-ofisi yoluntu okanye kwindlu yabucala. Ukubangaba umntu ozakutshata ulimele kakhulu okanye uyagula, loo mtshato ungaqhutyelwa esibhedlele.
Abantu abahlala kumazwe angaphandle abatshatela eMzantsi Afrika kufuneka babeneepaspoti ezisebenzisekayo kunye nefom yesicelo egcwalisiweyo ekuthiwa yi BI-31.
Aba bantu babini batshatayo, amangqina amabini kunye negosa lokutshatisa kufuneka basayine iNcwadi yokuBhalisa uMtshato kwangoko emva kokuba umtshato ugunyazisiwe.

Ukutshata kwabantu abangekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni:

Abantu abangekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni  ngabantu abangaphantsi kwama 21 eminyaka yobudala abangazange batshate ngaphambili. Ngokomthetho, abantu abake batshata ngaphambili, waze umtshato wachithwa kukubhubha okanye luqhawulo mtshato , abasengabo abantu abangekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni.

Abantu abangekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni kufuneka:

Bathi thaca imvume ebhaliweyo yabazali bobabini kunye neyabalondolozi basemthethweni okanye imvume yabalondolozi basemthethweni, ekhatshwa yifom yesicelo egcwalisiweyo ekuthiwa yi BI-32. Ungenza isicelo semvume kuMkomishinari weNtlalontle yoMntwana  ukubangaba umzali okanye abazali bakho abafumaneki okanye abazi ukuba umtshato uvunywa njanina.
Ungenza isicelo sokuvunywa kwiNkundla ePhakamileyo kummandla ohlala kuwo ukubangaba abazali bakho kunye noMkomishinari bayala okanye uMkomishinari uyala ukuvuma umtshato.

Abantu abaqhawule umtshato  abafuna ukuphinda batshate kufuneka babenomyalelo wedivosi. Yithi thaca incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  ukubangaba kukho isizatho esibambekayo sokuba ungakwazi ukuveza umyalelo wedivosi okanye ukubangaba udivosele kwilizwe langaphandle kwaye awunako ukuwufumana lo myalelo wedivosi. Le affidavit kufuneka ichaze ukuba umenzi-sicelo udivose ngokusemthethweni, ichaze igama lenkundla kunye nomhla wedivosi.

Abantu ababhujelweyo abafuna ukuphinda batshate kufuneka baveze isatifiketi sokubhubha somlingane ongasekhoyo. Mabathi thaca i-affidavit ukubangaba asifumaneki isatifiketi sokubhubha. I-affidavit kufuneka ingqine igama lomlingane obhubhileyo kunye nomhla wokubhubha.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Marriage Act, 1961  
Marriage Extension Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo: Sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi esingafinyezwanga: Izicelo zingathabatha iiveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

Isatifiketi somtshato esifinyeziweyo: R11
Isatifiketi somtshato esingafinyezwanga: R53

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



BI-130
BI-31
BI-32

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


