

Isicelo sepemethe yokusebenza yenani eliqingqiweyo ngokubanzi

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yokusebenza yenani eliqingqiweyo ngokubanzi inikwa umntu welizwe langaphandle ukubangaba loo mntu uwela phantsi kwecandelo ekugqitywe ngalo liSebe lezeKhaya qho ngonyaka, ngesaziso kwiGazethi kaRhulumente, emva kokubonisana noMphathiswa wezoRhwebo naMashishini kunye noMphathiswa weZabasebenzi. Inani leepemethe zelo candela akufanelanga lidlule inani eliqingqiweyo eliqulungqwe sisaziso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-1738 kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika.
veza incwadi ebonisa ukuba uqeshiwe
Hambisa isiqinisekiso esenziwe ngumgcini nomlondolozi wee-akhawunti zemali olilungu lequmrhu labagcini nabahloli bee-akhawunti zemali, esichaza oku kulandelayo:

ukuba awuyikuqeshwa phantsi kweemeko nemiqathango engaphantsi kwaleyo inikwa abemi okanye abahlali
inkcazelo ngezinto oyakuzenza kumsebenzi wakho
ukuba lo msebenzi uwela phantsi kwecandelo elifanelekileyo eliqulungqwe nguMphathiswa
ukuba sikho esi sithuba kwaye siyakugcwaliswa nguwe
ukuba unazo iikhwalifikheyshini ezisemthethweni eziyimfuneko ukuze wenze imisebenzi efuneka kwinkcazelo yezinto ozakuzenza kulo msebenzi.

Hambisa isibhengezo sokuzinikela komqashi ekubeni ahlawule imali yoqeqesho eziipesenti ezimbini. .
Umntu ozakubangumqashi wakho kufuneka agcwalise icandelo 13 , , no  lefom yesicelo ekuthiwa yi BI-1738.
Veza ubungqina bobhaliso kwiqumrhu lobuchule boqeqesho okanye kwibhodi yobuchule boqeqesho, ukubangaba oko kuyabandakanyeka.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha ixesha elingagqithanga kwiintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for temporary residence permit, BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


