﻿
Isicelo sepemethe yokusebenza enqanaweni 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yokusebenza enqanaweni inikwa umntu welizwe langaphandle ongomnye wabasebenzi basenqanaweni. Ipemethe yokusebenza enqanaweni ikhutshelwa ithuba elingagqithiyo kwiinyanga ezintathu ngexesha. Izicelo zingenziwa kwisango lokungena eMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Hambisa ipaspoti esebenzisekayo.
Veza incwadi yesicelo esuka kumnikazi wenqanawa, kwaye ibandakanye isibhengezo sesithembiso sokuthabatha uxanduva lokuhambisana kwaloo mntu noMthetho wokuNgena eLizweni .
Hambisa ubungqina bokubanako ngokwaneleyo komnikazi wenqanawa ngokuphathelelene nemali yokujongana neemfuno zemihla ngemihla kunye neendleko zonyango.
Hlawula idipozithi ukubangaba oko kubonwe kuyimfuneko liSebe lezeKhaya, ukuze uqinisekise ukuhambisana neemeko nemiqathango yepemethe yokusebenza enqanaweni. Loo dipozithi iyakubuyiselwa kuwe emva kokuba umke umphelo okanye emva kokuba unikwe ipemethe. Intlawulo yedipozithi ingenziwa ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye ngekhadi lemboleko yekhredithi kwindawo eneziko elilungiselelwe loo ndlela yokuhlawula.
Hambisa ubungqina bentlawulo ebingekakhutshwa yayo nayiphina intlawuliso yesohlwayo  esiwiselwe isithuthi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zithabatha ixesha elingagqithanga kwiintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-1738 .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


