﻿

Isicelo sepaspoti yomntwana

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipaspoti yomntwana yincwadi efunekayo ukuze umntwana ahambele kwelinye ilizwe. Ipaspoti yomntwana ikhutshelwa abantwana baseMzantsi Afrika abangaphantsi kweminyaka eli 16 ubudala. Iyasebenza kuwo wonke amazwe ahanjelwayo, ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngolunye uhlobo. Isebenza iminyaka emi 5 ukusukela kumhla wokukhutshwa kwayo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ebizwa ngokuba yi-BI-73 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Faka isicelo kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika ukuba uhlala kwilizwe langaphandle.
Hambisa isatifiketi sokuzalwa somntwana.
Khupha iifoto zomntwana ezimbini zepaspoti, zakutshanje.
Akunyatheliswa minwe.
Kufuneka imvume yabazali bobabini okanye abalondolozi phambi kokuba umntwana anikwe ipaspoti.
Khupha isatifiketi sokubhubha ukubangaba omnye wabazali akasekho.
Xa imvume inikwe ngumlondolozi, kufuneka kuchazwe iimeko zobo bulondolozi .
Phantsi kweemeko ezithile  xa kungakwazeki ukuba loo mzali anike imvume kwifom yesicelo, makufunyanwe imvume ebhalwe encwadini kulo mzali ungekhoyo.
Kwiimeko apho umzali alayo ukunika imvume, inkundla ejongene nemibandela elolu hlobo, mayenze isigqibo ngalo mba. Ikopi yomyalelo obandakanyekayo wenkundla mayihanjiswe nale fom yesicelo sepaspoti.
Ukubangaba abazali baqhawule umtshato , kufuneka imvume yabo bobabini abazali, ngaphandle kokuba umyalelo wenkundla uchaza ngenye indlela .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



African Passports and Travel Documents Act, 1994  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ingakhutshwa ipaspoti kwisithuba seeveki ezi 6 ukuya kwezisi 8.

Entla

Iindleko

R133

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-73 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


