
Isicelo sepemethe yeshishini
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yeshishini yipemethe enikwa umntu welizwe langaphandle ojonge ukuseka okanye ukutyala imali kwishishini eMzantsi Afrika. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika, kwiziko elimele uMzantsi Afrika okanye kwi-ofisi yezeKhaya ekufuphi kwindawo ozakuseka kuyo ishishini.

Isicelo sepemethe yeshishini kufuneka sikhatshwe sisatifiketi esikhutshwe ngumgcini nomhloli wee-akhawunti zemali obhaliswe kwiQumrhu laBagcini naBahloli bee-Akhawunti zeMali laseMzantsi Afrika, ekuthiwa yi-South African Institute of Chartered Accountants .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Kufuneka:

ubenemali eyikhetshi esisiseko sobuncinane obuyi R2,5 million okanye okungenani imali eyikhetshi eyi R2 million kunye negalelo lobutyebi onabo obuxabisa iR500 000. Le mali ichazwe ngasentla kufuneka ivele kwilizwe langaphandle kwaye kufuneka ifumaneke njengenxenye yexabiso lempahla elibhalwe kwiincwadi zeshishini
isicwangciso seshishini esibonisa ukuba ishishini linako ukufezekiseka ngokulula, kwixesha elifutshane nakwixesha elide
ubungqina besibhengezo sesithembiso sokuba okungenani abemi okanye abahlali abasisigxina abahlanu bayakuqashwa isigxina
isibhengezo sesithembiso sokubhalisa kwi-South African Revenue Service 
isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa, esivela kuwo onke amazwe oke wena nomlingane wakho nahlala kuwo ukusukela kwiminyaka yobudala eli 18 nezabo bonke abantwana abaxhomekeke kuwe abaneminyaka yobudala eli 18 okanye nangaphezulu abazakubanawe ngelilixa ukweli lizwe
isatifiketi sokugonyelwa i-yellow fever ukubangaba uhamba okanye ujonge ukuhamba ukusuka okanye ukunqumla kummandla othandwa yi-yellow fever
idipozithi yeenjongo zokubuyiselwa kwilizwe ovela kulo exabisa itikiti elinye lokuya nokubuya ngenqwelomoya kwilizwe ovela kulo okanye ohlala kulo isigxina: Loo dipozithi iyakubuyiswa emva kokumka kwakho umphelo okanye emva kokuba unikwe ipemethe. Idipozithi ingahlawulwa ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye ngekhadi lemboleko yekhredithi kwindawo eneziko elilungiselelwe loo ndlela yokuhlawula
iingxelo zonyango neze-eksreyi zomenzi-sicelo ngamnye. Abantwana abaneminyaka yobudala engaphantsi kwe 12 kunye nabasetyhini abakhulelweyo, abayikufuneka ukuba babeneengxelo ze-eksreyi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.)

BI-1738
Application for renewal of temporary residence permit, BI-1740
BI-1740

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


