
Isicelo sokubhena xa kwaliwe ubhaliso
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukubangaba ikomiti yeBhunga laseMzantsi Afrika leZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, ekuthiwa yi-South African Council for Natural Scientific Professions , iyala ukukubhalisa okanye icima ubhaliso lwakho, ungafaka isibheno kwiBhunga ukhalazele eso sigqibo kwisithuba seentsuku ezingama 30, uze ke uhlawule imali eqingqiweyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana ne-SACNASP kwisithuba seentsuku ezingama 30 ukusukela kumhla wokufumana isaziso sokwaliwa kwesicelo sakho kwaye uyakucetyiswa ngomawukwenze.
Kungenjalo, hambisa incwadi yesibheno kwiBhunga kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Incwadi kufuneka ikhatshwe yimali yentlawulo eqingqiweyo eyakuqulungqwa liBhunga.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Academy of Science of South Africa Act, 2001  
Natural Scientific Professions Act, 2003 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kwisithuba seentsuku ezingama 60 ukusukela kumhla wokufunyanwa kwesibheno sakho, iBhunga liyakwenza isigqibo ngesibheno kwaye likunike izizathu zesigqibo salo.
Ukubangaba isibheno sibhekise ekwaleni kwekomiti ukuvuselela ubhaliso lomntu obhalisiweyo, ubhaliso lwakho alunakucinywa kude kugqitywe ngesibheno.

Entla

Iindleko

Registration fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R665 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R365 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R430 per field of practice
Upgrading of registration status: R665 per field of practice

Annual fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R600 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R240 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R385 per field of practice
Pensioner : R130

Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha lokuqala lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi:  841 1057.

Iinkcukacha zebhanki:

Umzuzi: SACNASP
Nedbank
Branch: Silverton
Branch code: 164445
Account no: 1644292289

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



egistration 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


