﻿

Isicelo sokwamkelwa njengommi emva kokuhlala ixesha elithile


Inkcazelo 

Nawuphina umntu onepemethe yokuhlala isigxina eMzantsi Afrika uyavumeleka enze isicelo sobumi baseMzantsi Afrika ngokwenkqubo yokwamkelwa njengommi emva kweminyaka emihlanu engumhlali osisigxina.

Nawuphina umntu otshate ummi waseMzantsi Afrika uyavumeleka amkelwe njengommi kwiminyaka emibini emva kokuba efumene ipemethe yokuhlala isigxina ekhutshwe ngexesha lomtshato.

Umntwana oneminyaka yobudala engaphantsi kwama 21, onepemethe yokuhlala isigxina, uyavumeleka amkelwe njengommi kwamsinyane nje emva kokuba ikhutshiwe ipemethe.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezaseKhaya 

Inkqubo emayilandelwe 

Gcwalisa iifom, ezibizwa ngokuba yi BI-63 kunye ne BI-757 kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukuba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Khupha ipemethe esebenzisekayo yokuhlala isigxina okanye ubungqina bokunikwa umnyenyevu wokungafunwa le pemethe.
Gcwalisa ifom ethi SAP  kwaye unyathelise yonke iminwe  ulungiselele isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa.
Hambisa ifom egcwalisiweyo ekuthiwa yi BI-9, ihambe kunye nonyatheliso lweminwe epheleleyo kunye neefoto ezimbini ezilingana kwi-ID ukubangaba uneminyaka yobudala engaphezulu kwe15. Oku kwenzelwa ukuba ufumane i-ID emva kokuvunywa kokwamkelwa njengommi.



Umzali onoxanduva angenza isicelo egameni lomntwana ongekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni, ukubangaba phofu lo mntwana uhlala isigxina nangokusemthethweni eMzantsi Afrika.

Abenzi-zicelo abavunyelwe izicelo zabo, bayakucelwa ukuba basayine isiBhengezo sokuZinikela nokuThobela ilizwe , kwaye bayakunikwa isatifiketi sokwamkelwa njengabemi esinenombolo engu R.

Kuyakukhutshwa incwadi yesazisi kwaye ithunyelwe kumenzi-sicelo.

Abenzi-zicelo abalelwe izicelo bayakuxelelwa ngokunjalo.

Umthetho osetyenziswayo 

South African Citizenship Act, 1995  UMthetho woBumi baseMzantsi Afrika

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iinyanga ezi 2 ukuya kwezi 4.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

, BI-63 
Residence questionnaire, BI-757 
Police clearance certificate, SAP  



Iinkcukacha zonxulumano


