

Ukunika ingxelo ngezenzo zobugebenga ungazichazanga igama lakho

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo ifumaneka ngalo lonke ixesha  nakowuphina umntu ofuna ukuxela ngobugebenga nangezenzo zobugebenga, ngomnxeba, ngokunika inkcazelo engancedisa amapolisa ekunqandeni nasekuphandeni ubugebenga obo. Umtsali-mnxeba angangazichazi igama lakhe xa ekhetha ukwenza njalo.

Khumbula ukuba inombolo yomnxeba ethi 08600 10111 yinombolo yeNkcazelo ngoBugebenga.

Inombolo yoNgxamiseko malunga noBugebenga ithi: 10111.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Tsalela umnxeba kwinombolo ethi, 08600 10111 yokuNqanda uBugebenga lonke ixesha, yonke imihla. .
Umhlanganisi wenkcazelo yokunqanda ubugebenga uyakuphendula umnxeba kwaye athathe inkcazelo efumanekayo. Ungangazichazi igama lakho xa ukhetha ukwenza njalo.
Umhlanganisi wenkcazelo uyakukunika inombolo yekhowudi eyimfihlo ukuze ubhekise kuyo kwixa elizayo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Services Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uyakuncedwa kwangoko.

Entla

Iindleko

Ifowuni iyakuhlawuliswa ngamazinga endawo okutsalela umnxeba, kwaye iyakuhlawuliswa ngamazinga esiqhelo eselulafowuni xa usebenzisa iselulafowuni.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


