
Isicelo sokubhalisa imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo    

Inkcazelo

AmaBhunga eeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo  ajongana nezivumelwano ezihlanganelweyo, asombulula iimpikiswano zemiba yezabasebenzi, aseka izicwangciso zezikim ezithile kwaye aphawule kwimigaqo nemithetho yezabasebenzi.



Imibutho yabasebenzi  kunye nemibutho yabaqashi ingenza izicelo zokuseka amabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.



Amabhunga amanyanayo eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo angenza isicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi  kwiSebe leZabasebenzi ukuze abhalise imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo. Naliphina ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo lingagqiba ekubeni limanyane nelinye ibhunga okanye namabhunga amaninzi eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.



Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.



Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi ukuze ubhalise imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.

Hambisa ezi ncwadi zilandelayo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi:

Iikopi ezimbini zeSicelo soBhaliso lweBhunga leeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo 

Ikopi yesindululo sokumanyana, esiphunyezwe libhunga ngalinye kula mabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.

Isatifiketi esiphuma kwibhunga ngalinye esibonisa ukuba esi sindululo siyahambisana nemigaqo-siseko yala mabhunga.


Faka isatifiketi esibonisa ukumelwa ngokufanelekileyo kwabo bonke ababandakanyeki 




Umthetho osetyenziswayo

Labour Relations Act, 1995 , Section 34  



Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku ezingama 60 ukuze kuqhubekiswe isicelo.

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezigcwaliswayo

Application for Registration of Amalgamated Bargaining Council, Form LRA3.11 




