﻿
Isicelo Sokwamkelwa komntwana ohlanguliweyo abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni    



Inkcazelo

Ukwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni  kuthetha ukwamkela ukubangumlondolozi wasemthethweni womntwana wabanye abazali abamzeleyo, ngokuhambisana nemigaqo egunyazisiweyo yasemthethweni. Umntwana ohlanguliweyo  ngumntwana osusiweyo kubazali bakhe waze wabekwa ngokusemthethweni phantsi konakekelo lwabazali abangabahlanguli  okanye kwikhaya labantwana abahlanguliweyo. 

Umntwana angamkelwa ngokusemthethweni

Ngumyeni nenkosikazi yakhe bedibene;
Ngomhlolokazi okanye umhlolo;
Ngumntu ongatshatanga okanye oqhawule umtshato ;
Ngumntu otshatileyo onomlingane ongumzali walo mntwana; okanye
Ngumzali wendalo womntwana ozelwe ngaphandle kwemo yomtshato.

Ukubangaba ufuna ukwamkela umntwana ibengowakho ngokusemthethweni , kufuneka ufezekise ezi mfuneko zilandelayo:

Kufuneka ubenezinto ezaneleyo zenkxaso yokunakekela  umntwana nezokuhlawulela imfundo yakhe.
Kufuneka ubengumntu onegama elihle kwaye ulungele, futhi ufaneleke ukuba kungabekwa umntwana phantsi kogcino lwakho ngokuthembekileyo.
Ukubangaba umzali wendalo womntwana ungummi waseMzantsi Afrika, kukwafuneka nawe ubengummi waseMzantsi Afrika kwaye uhlale eMzantsi Afrika.
Ukubangaba awungommi waseMzantsi Afrika, kufuneka uvumeleke ubengummi okanye ube sele wenze isicelo sobumi.

Ukwamkelwa komntwana ngokusemthethweni okubizwa ngokuba lulwamkelo oluyimfihlo, apho abazali bomntwana bangavumelekanga ukuba bazi ukuba ngoobani abazali abayakwamkela umntwana njengowabo okanye uyakuhlala phi umntwana emva kokwamkelwa kwakhe, kugqaliselwa liCandelo 18 loMthetho woNakekelo loMntwana, kwaye kungenzeka kuphela xangaba inkundla yabantwana yanelisekile ukuba oku kuyakuba lolona ncedo lungcono emntwaneni.

Ukubangaba inkundla yabantwana ibhengeze umntwana okanye abantwana njengabadinga unakekelo nokhuselo, umantyi wenkundla yabantwana uyakubeka aba bantwana kunakekelo lohlangulo, kwikhaya labantwana, kwisikolo soshishino okanye kwindawo yokhuseleko. Nangona kunjalo, umntwana okanye abantwana bangaphinda babuyiselwe kunakekelo lomzali, kumnakekeli okanye kumlondolozi, apho bayakujongwa ngunontlalontle. Kule meko ke, iSebe loPhuhliso lweNtlalo lihlawula igranti yonakekelo lohlangulo kubazali bohlangulo.

Oku kwamkelwa komntwana kupoposhwayo kufuneka kubelolona ncedo lungcono emntwaneni kwaye kufuneka kubeyinzuzo kwintlalontle yomntwana.




Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa neMibandela yoMgaqo-siseko.

Inkqubo emayilandelwe

Yiya kumabhalane wenkundla yabantwana kwisithili ekuhlala kuso umntwana.
Gcwalisa iFom 11, ethi, Isicelo sokwamkelwa komntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni , kumntwana ngamnye ofuna ukumamkela ibengowakho.
Hambisa ifom ikunye nale miqulu ilandelayo
Ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi yomenzi-sicelo ngamnye kunye nesatifiketi sokuzalwa esiluqobo lwaso okanye incwadi yesazisi eluqobo lwayo yomntwana ngamnye ozakwamkelwa ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ;
IFom 12b, ethi, Ukwamkelwa komntwana ohlanguliweyo abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni: Ingxelo yomzali ongumhlanguli, , equlathe isitetimenti esibhaliweyo esiphuma kumzali wohlangulo womntwana esithi akanqweneli kumamkela umntwana ibengowakhe ngokusemthethweni; kunye
neFom 12, apho kubandakanyeka khona, ethi, Imvume yomzali okanye yomlondolozi yolwamkelo lomntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni , equlathe imvume ebhaliweyo yomzali yokwamkelwa komntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, ndawonye neFom 13, ethi, Imvume yomntwana yokuba amkelwe abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethwenm , equlathe imvume yomntwana ebhaliweyo.

Imvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni kufuneka ifunyanwe:
Kubo bobabini abazali bomntwana ozelwe emtshatweni
Kumama womntwana ozelwe ngaphandle komtshato
oEmntwaneni ngokwakhe, ukubangaba uneminyaka yobudala engaphezulu kwe 10; kwaye inkundla kufuneka yaneliseke ukuba umntwana uyaluqonda uhlobo nokubaluleka kwaloo mvume
Umzali ongumhlanguli onakekela umntwana, ukubangaba umzali ongumhlanguli akenzanga sicelo sokwamkela umntwana ibengowakhe ngokusemthethweni. Ukubangaba ke kodwa, umzali ongumhlanguli akaphumeleli ukunika imvume yakhe kulwamkelo lomntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni kwisithuba senyanga enye eceliwe ukuba enze njalo lisekela lenkundla yabantwana, inkqubo yokwamkelwa komntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ingaqhubeka ngaphandle kwemvume yakhe eyimfuneko.

Akukho mvume ifunekayo phantsi kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba abazali bomntwana babhubhile kwaye akutyunjwanga mlondolozi
Ukubangaba umzali
akakwazi ukunika imvume ngenxa yengulo yengqondo;
umbalekile umntwana kwaye akaziwa apho akhoyo;
ubethe umntwana okanye umphethe kakubi, okanye uvumele ukuba abethwe okanye aphathwe kakubi;
ubangele okanye uncedisile ekuhendweni, ekuthwalweni okanye kubuhenyukazi  bomntwana, okanye ubangele ukuba umntwana enze izinto ezimdaka;
ungumzali womntwana obekwe kugcino lomzali wohlangulo ngokuhambisana neCandelo 16, okanye ungumntwana wesikolo kwikhaya labantwana okanye kwisikolo samashishini; okanye
ubamba imvume yakhe ngokungenangqiqo.



Imithetho esetyenziswayo

Child Care Act, 1983  UMthetho woNakekelo loMntwana

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni idla ngokuthabatha ixesha elide kakhulu kwaye ingatsala gqitha ukubangaba inyewe inzima.

Iindleko

Xa ubuzisa ngeendleko, nxulumana nee-arhente zokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, iinkundla zaBantwana kunye nee-ofisi zoPhuhliso lweNtlalo.

Iifom ezigcwaliswayo



Form 11: Application for the adoption of a child 
Form12: Consent by parent or guardian to the adoption of a child 
Form12A: Withdrawal of consent to adoption by parent or guardian of child 
Form12B: Adoption of foster child: statement by foster parent (Ifom 12B: Ukwamkelwa komntwana ohlanguliweyo abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni: ingxelo yomzali ongumhlanguli














