
Ulwamkeleko ekhaya labadala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo yeyabantu abadala abafuna ukukhathalelwa lonke ixesha, ekhayeni labadala.

Ngubani ongafaka isicelo?

Ngabantu abadala abafuna inkathalo ngalo lonke ixesha.
Abantu abamkela imali yendodla.
Ngamadoda aminyaka ingamashumi amathandathu nesihlanu  nangaphezulu, kunye nabafazi abaminyaka ingamashumi amathandathu  nangaphezulu.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa I fom yesicelo kwikhaya labadala elikufutshane nawe.
Veza incwadi yakho yesazisi yase Mzantsi Afrika.
Ufakwa kuvavanyo lokuhlola ukuba ufanelwe ukufumana inkxaso mali nolwamkeleko.
Xa Siphumelele isicelo sakho, kufuneka utyikitye isivumelwano phakathi kwakho nekhaya labadala.
Xa singaphumelelanga isicelo sakho, kumele ubhenele ku Mphathjiswa wecandela lwezophuhliso lwezasekuhlaleni okanye Ku .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Aged Persons Act, 1967  
Aged Persons Amendment Act, 1998  
Older Persons Act, 2006  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukuqwalasela isicelo sakho kungathabatha intsuku ezingamashumi amathathu nesihlanu. Ixesha elimisiweyo lixhomekeke kwinani labantu abalindileyo.

Entla

Iindleko

Likhaya labadala elibeka inani lemali ebhatalwayo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

I fom DQ 98 liyafumaneka ekhaya labadala.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

Inamba engabhatalelwa yesebe lezentlalontle: 0800 60 10 11


