
Isicelo sokwamkelwa ku-grade R kwisikolo soluntu esibhalisiweyo    



Inkcazelo 

U-Grade R ngunyaka wokuqala wesigaba sesiseko semfundo esekelwe kwiziphumo kwizikolo zoluntu zamabanga aphantsi . Eli banga lilungiselelwe abantwana abaneminyaka yobudala emine nesiqingatha ukuya kwemihlanu nesiqingatha. Abazali kunye nabantu abangabalondolozi babantwana kufuneka babhalise abantwana babo esikolweni phambi komhla wokuvala, ophakathi kuka-Agasti no-Okthobha, wonyaka ophambi kokuba abantwana baqale.

Fa o batla tshedimosetso e e fetang e o e filweng ikgolaganye le Lefapha la Thuto

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo phambi komhla wokuvala obekwe zizikolo ophakathi kuka-Agasti no-Okthobha.

Bhalisa kwisikolo esikufuphi kuwe.

Hambisa isatifiketi sokuzalwa kunye nekhadi lokugonywa.

Ukuba awungommi waseMzantsi Afrika, hambisa nezi ncwadi zilandelayo;

Ipemethe yokufunda;

Ifom yokuhlala yexeshana okanye yesigxina ephuma kwiSebe lezeKhaya, kunye

Nobungqina bokuba usenzile isicelo semvume yokuhlala eMzantsi Afrika. .



Umthetho osetyenziswayo 

South African Schools Act, 1996 &nbsp; UMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, wango 1996 

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo sakho singathabatha imini enye ukuya kutsho kwiiveki ezintandathu ukuze siphunyezwe.

Iindleko 

Iintlawulo ezibizwayo zesikolo ziyahluka ngokwezikolo.

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom zezicelo ziyafumaneka ezikolweni.

Iinkcukacha zonxulumano



