
Isicelo sokufakwa phantsi kolawulo lwasemthethweni, ukupheliswa kunye nokucinywa kobhaliso lwequmrhu, inkampani okanye iqumrhu elingavulelekanga
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukubangaba iqumrhu, inkampani okanye iqumrhu elingavulelekanga alinako okanye aliyi kuwahlawula amatyala alo okanye lifezekise uxanduva lwalo , uMqondisi-Jikelele  wezoRhwebo naMashishini angalilawula ngokwasemthethweni okanye aliphelise iqumrhu loshishino.

Iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, naliphina ilungu lequmrhu okanye nawuphina omnye umntu onomnqweno, angenza isicelo kwiinkundla sokuba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lifakwe phantsi kolawulo lwasemthethweni loMqondisi-Jikele okanye lipheliswe. Inkundla emamela esi sicelo kufuneka ibelicandelo leNkundla ePhezulu  okanye iNkundla kaMantyi enamandla okumisela ubulungisa kummandla iqumrhu elikuwo okanye eliqhuba kuwo iinkonzo. Nazo iinkundla zingawisa umyalelo ngolu hlobo ukubangaba ngowona myalelo ungcono okanye ufanelekileyo kule meko.

Ukubangaba inkundla iwisa umyalelo wokuba uMqondisi-Jikelele kufuneka alawule ngokusemthethweni iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, uyakubanegunya lokuphatha imibandela yequmrhu okanye yequmrhu lokubambisa, phantsi kwemiqathango yoMthetho weeNkampani .

Ukubangaba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lenza isicelo esibhaliweyo kuMqondisi-Jikelele, uMqondisi-Jikelele angalicima ubhaliso lwequmrhu okanye lwequmrhu lokubambisa ukubangaba wanelisekile ukuba

isindululo esixhasa ukucinywa kobhaliso savunywa kwintlanganiso eyayiyiwe linani elivokothekileyo lamalungu equmrhu okanye equmrhu lokubambisa;

isindululo savunywa sisininzi samalungu awayekhona okanye awayemelwe kule ntlanganiso; kwaye

amanyathelo athatyathiwe malunga nayo yonke imibandela ebandakanyekayo ekufanele ngokwengqiqo kujongwane nayo phambi kokucinywa kobhaliso, kubandakanywa inkqubo eyakulandelwa malunga nempahla nezinto kunye nezinto eziluxanduva lemfaneleko nezingamatyala equmrhu.


Ukubangaba inkundla igqiba ekubeni iphelise iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, iyakwenza isigqibo malunga nendlela impahla nezinto zequmrhu eziyakohlulwa ngayo ngokulinganayo nangokufanelekileyo. Inkundla iyakuziqwalasela naziphina iziphakamiso ezinokuba zenziwe nguMqondisi-Jikelele malunga nokwabiwa kwempahla nezinto.

Ukubangaba uMqondisi-Jikelele okanye iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, naliphina ilungu lequmrhu okanye nawuphina omnye umntu onomnqweno, wenza isicelo sokuba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lifakwe phantsi kolawulo lwasemthethweni loMqondisi-Jikelele okanye lipheliswe, UMphathiswa angamisela imigaqo ekuyakulawulwa ngayo iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa nguMqondisi-Jikelele okanye eliyakupheliswa ngayo. UMphathiswa angachaza namandla nemisebenzi yoMqondisi-Jikelele, iGosa loBhaliso, iqumrhu, amalungu kunye nababandakanyeki abanomnqweno kwezi meko.

Kwimeko yenkampani okanye yequmrhu elingavulelekanga ekuthiwa yi-close corporation , nawuphina umbandakanyeki onomnqweno, umqondisi okanye umphicothi weencwadi zemali wenkampani, i-South African Revenue Service  okanye uMphathi woBhaliso lweeNkampani, angenza isicelo sokuba inkampani okanye i-CC icinywe kubhaliso.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiCompanies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukucinywa kobhaliso lwenkampani, iqumrhu kunye ne-CC

Inkampani, iqumrhu okanye i-CC, ebhalisiweyo, kufuneka ibhale incwadi egunyazisiweyo yokwenza isicelo sokucinywa kobhaliso.

Chaza izizathu zokuba kutheni inkampani okanye i-CC isenza isicelo sokucinywa kobhaliso.

Xa kunokwenzeka, bonisa inombolo yerhafu yenkampani okanye ye-CC.

Bonke abaqondisi kunye namalungu enkampani okanye e-CC kufanele basayine incwadi ukubangaba ubhaliso lucinywa ngokuzithandela kwabaqondisi okanye kwamalungu.



Entla

Umthetho osetyenziswayo

Companies Act, 1973  UMthetho weeNkampani

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukucinywa kobhaliso kuthabatha malunga neenyanga ezintandathu.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


