
Isicelo semvume yeentshukumo zonke ezinxulumene nezinto eziphilayo eziguqulwe ngokwemfuzo apha eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isebe lezoLimo lilawula i-Genetically Modified Organisms Act, 1997 . Oku kufakelela ukukhutshwa kweemvume, ukugunyazisa okanye izatifiketi:

zokungenisa elizweni izinto eziphilayo eziguqulwe ngowemfuzo  apha eMzantsi Afrika
ukuthumela ngaphandle kwelizwe ii-GMO ukuphuma eMzantsi Afrika
ukusebenzisa ii-GMO phantsi kolawulo lwelebhu, kwigumbi lokukhulisa okanye kwindlu yezityalo eziluhlaza
ukungenisa ii-GMO ngenjongo kwimekobume yendalo yaseMzantsi Afrika apho kuqhutywa ulingo lokukhulula
ukuqhubeka okanye ukwandisa iinkqubo ezigunyazisiweyo zexesha eligqithileyo
ukucoca impahla  okanye ngenjongo yokukwenza imveliso) yee-GMO
ukukhulula ngokubanzi ngenjongo yezolimo lwezorhwebo nenkqubo yee-GMO
ubhaliso lwamalungiselelo achaphazelekayo kwiinkqubo zee-GMO
imeko yeempahla ze-GMO.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Misela ukuba loluphi ugunyaziso olufunayo yaye uzalise ifomu efanelekileyo.
Qaphela izinto ezifuneka kuqala malunga nezicelo ezithile:

ukhululo olubanzi lwezicelo kufuneka lwandulelwe ngokuphumeza iinkqubo kwimekobume yendalo yaseMzantsi Afrika kwithuba lamaxesha amathathu okulima
izicelo zokuqhubeka ngenkqu ziya kwamkelwa kuphela xa inkqubo ibigunyazisiwe kwixesha elidlulileyo.

Thumela isicelo kunye nenani elimiselweyo lweekopi kuMbhalisi wee-GMO.
Thumela ikopi eyongezelelweyo yesicelo, engaqulathanga ulwazi oluyimfihlo lwezoshishino, kuMbhalisi wee-GMO.
Hlawula intlawuliso emiselweyo .
Thumela ingxelo yeenkqubo eziqhutywe kwixesha elidlulileyo .
Thumela ubungqina bezaziso zikawonkewonke .
Abenzi bezicelo kufuneka basebenzise izikhokelo ezilandelayo:

guideline document for work with genetically modified organisms 
guideline document for use by the Advisory Committee when considering proposals/applications for activities with genetically modified organisms 
terms of reference for sub-committees to assist the Advisory Committee in terms of Section 11 of the Genetically Modified Organisms Act, 1997   lomThetho wezinto eziPhilayo eziGuqulwe ngokweMfuzo, 1997)
guideline document for making a public notification in terms of Regulation 6 of the GMO Act 
GMO transit policy 


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Genetically Modified Organisms Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

UMbhalisi umisela ukuhambelana kwesicelo nemimiselo ye-Genetically Modified Organisms Act, 1997 .
IKomiti eCebisayo ihlola i-data yenzululwazi ethunyelwe nesicelo yaye yenza iinkuthazo malunga nokhuseleko lwenkqubo ecetywayo kwiBhunga lokuPhumeza.
UMbhalisi ufumana iminikelo yesizwe  ngethuba elivunyelweyo.
IBhunga lokuPhumeza lenza isigqibo malunga nesicelo, liqwalasela isicelo, iinkuthazo zeKomiti eCebisayo, iminikelo kawonkewonke neziphumo ezinokuba khona kumacandelo afana nelezolimo, elezempilo, elezemekobume, elezabasebenzi, elezorhwebo nelezenzululwazi nophuhliso lweteknoloji.
Ukuba isigqibo seBhunga lokuPhumeza kusesivumayo, uMbhalisi ugunyazisa ukukhutshwa kwemvume.
UMbhalisi ukhupha imvume efanelekileyo.
Zonke iimvume zikhatshwa yimiqathango yeziqulathi .
Abahloli abavela kwiSebe lezoLimo baqaphela ngononophelo ukuphunyezwa kwemiqathango yemvume.

Entla

Iindleko

