
Isicelo selungelo nethuba lokufikelela kwinkcazelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Injongo yoMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo  kukuqinisekisa ukuba abantu banako ukusebenzisa ilungelo labo lomgaqo-siseko lokubanethuba lokufikelela kuyo nayiphina inkcazelo esezandleni zombuso, ndawonye nokufumana inkcazelo esezandleni zomnye umntu, efunekayo ukuze kusetyenziswe okanye kukhuselwe naliphina ilungelo.

Imeko ekhuthaza ukusetyenziswa kwelungelo lokufikelela kwinkcazelo kukuphembelela imo nesiqhelo sokwenza izinto elubala kunye nokusabela iimfuno zabantu kumaziko oluntu nawabucala, kunye nokuphakamisa intlalo apho abantu baseMzantsi Afrika banako ukufikelela ngokusebenzisekayo kwinkcazelo, ukwenzela ukuba bakwazi ukusebenzisa nokukhusela ngokupheleleyo wonke amalungelo wabo.

Yeyiphi inkcazelo esezandleni zeSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko okanye ekulo naliphina iziko loluntu, ekungafikelelwa kuyo?

Ungafikelela kuyo yonke imiqulu kunye neengxelo okanye kwiingxelo ezisezandleni zeSebe, amagosa alo okanye kulo naliphina iziko loluntu. Akukhathaliseki nokuba loo nkcazelo yaqala ninina ukubakhona. Le nkcazelo ibandakanya le ilandelayo.
Iingxelo zobuqu ezisezandleni zeSebe okanye zeziko loluntu.
Inkcazelo okanye iingxelo zombandakanyeki wesithathu: kuphela ngemvume esuka kumntu wesithathu obandakanyekayo, ngakumbi ukubangaba imiqulu inenkcazelo eyimfihlo okanye yabucala.
Inkcazelo ekungathintelwanga fikelelo kuyo nguMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo. Ukufikelela kwinkcazelo kuyathintelwa phantsi kweemeko ezithile, umzekelo:

xa ingxelo icelelwa ukusetyenziswa kwiinkqubo zobugebenga okanye zentlalo yabemi okanye
xa sele iqalile inkqubo yobugebenga okanye yentlalo yabemi, kuloo meko ke inkcazelo ayinakusetyenziswa kwinkundla yomthetho, ngakumbi ukubangaba inkundla icinga ukuba iyakwenza umonakalo kwinkqubo yobulungisa.



Iingxelo zekhabhinethi kunye neekomiti zayo.
Iingxelo ezayamene nomsebenzi wobulungisa wenkundla.
Inkcazelo efunyenwe liqumrhu elasekwa ngokomthetho ukuze lisombulule iimbambano ezithile.
Inkcazelo esezandleni zegosa lezobulungisa laloo nkundla okanye lelo qumrhu elasekwa ngokomthetho ukuze lisombulule iimbambano ezithile kunye.
Nenkcazelo esezandleni zelungu elithile lepalamente okanye lendlu yowiso-mthetho yephondo.

Nangona kunjalo, UMthetho wokuPhakamisa iLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo ungaphezulu kwawo nawuphina omnye umthetho okanye imithetho iyonke engakunqanda okanye ikuthintele ekubeni ufikelele kuyo nayiphina inkcazelo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Cela uSekela weGosa leNkcazelo wesebe elibandakanyekayo likarhulumente akuncede ufikelele kwinkcazelo okanye kwimiqulu oyidingayo.
Gcwalisa kwaye uhambise iFom A, Ethi: Isicelo selungelo nethuba lokufikelela kwingxelo yeziko loluntu . Le fom ungayifumana kwi-ofisi yeSebe okanye uyikhuphe kwi-website
Ukubangaba inkcazelo oyifunayo ayifumaneki mahala, kuyakufuneka uhlawule imali yokucela . Kusengafuneka nokuba uhlawule imali yokufikelela kunye nokufunisa .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Promotion of Access to Information Act, 2000  and related Regulations 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

USekela weGosa leNkcazelo kufanele aphendule kwisithuba seentsuku ezingama 30 esifumene isicelo sakho.
Ukubangaba iGosa leNkcazelo liyala ukukunika imvume yokufikelela kwinkcazelo oyicelileyo, ungafaka isibheno kuMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
Ukubangaba awukoneliseki sisiphumo, ungenza isibheno kwinkundla yomthetho.
IGosa leNkcazelo okanye uSekela weGosa leNkcazelo uyakukunceda kule nkqubo.
Ukubangaba le nkcazelo uyifunayo ayikho ezandleni zesebe loRhulumente, kodwa ikwiziko lombuso, uSekela weGosa leNkcazelo uyakutshintshela isicelo sakho kwiGosa leNkcazelo lelo ziko loluntu libandakanyekayo kwisithuba seentsuku ezili 14.
Iziko loluntu elibandakanyekayo kufuneka liphendule isicelo sakho kwisithuba sexesha eliqiqileyo. Uyakwaziswa ukubangaba oku kuthe kwanjalo.

Entla

Iindleko

Nxulumana neCandelo leLungelo neThuba lokuFikelela kwiNkcazelo leSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kwinombolo ethi 012 315 1715 ukuze uqonde ukuba iintlawulo azitshintshanga na.

Iintlawulo zeengxelo zeziko loluntu, njengoko zixelwe kwiMigqaliselo ekhoyo kuMthetho.

Iintlawulo zokuvelisa iikopi zezi zilandelayo:

