﻿
Imiba malunga nale website


Iinjongo zale website
Imiba echatshazelwa yinkcazelo ekwi-website
Iilwimi
Ezinye izibakala ze-website
Ukulandelelana kwezihlandlo zokufaka inkcazelo yakutshanje
Ubunikazi benkcazelo
Ubume bohlobo lwemiqulu
Ingaba udinga uncedo ngeengxaki ozifumene kwi-website?
Iimeko nemiqathango yokusetyenziswa

Iinjongo zale website

Injongo ye-website yaseMzantsi Afrika kukuvelisa umthombo omnye wenkcazelo malunga neenkonzo ezinikwa ngurhulumente waseMzantsi Afrika. Le website ijolise ekubeni inciphise umsantsa wokwahluka okukhoyo phakathi kwabantu abanikwe amandla kunye nabo bangenamandla, phakathi koqoqosho lokuqala kunye nolwesibini. Le website ilungenelelo olubaluleke kakhulu olujonge ekuqinisekiseni ukuba abemi banako ukunxulumana norhulumente.

I-website ijolise kubasebenzisi abangabemi baseMzantsi Afrika kuzo zonke iindawo zelizwe, amashishini okanye iimibutho yaseMzantsi Afrika, ekhoyo okanye enokubakhona, kunye nabemi nemibutho ekwamanye amazwe, edinga iinkonzo kurhulumente waseMzantsi Afrika.

Icandelo elingundoqo labasebenzisi libandakanya izilamlisi, ezifana naMaziko waBahlali weeNkonzo ngeeNkonzo, abizwa ngokuba zii-Multi-purpose Community Centres , aBasebenzi boPhuhliso loLuntu, ekuthiwa zii-Community Development Workers  kunye neZiko lokuTsalela uMnxeba ekuthiwa yi-Batho Pele Gateway Call Centre, eziyakuncedisa ekuphembeleleni ukusetyenziswa kwe-website ngabo bangakwaziyo ukusebenzisa i-Internet nqo.

Imiba echatshazelwa yinkcazelo ekwi-website

Inkcazelo ngeenkonzo zikarhulumente

I-website iqulathe inkcazelo ngeenkonzo zikarhulumente ezinikwa kwinqanaba lorhulumente welizwe.

Inkcazelo yeenkonzo yahlulahlulwe yangamacandelo aziintlobo zeenkonzo ezintathu:

Iinkonzo zabantu: iinkonzo zabemi baseMzantsi Afrika eziququzelelwe ngokweziganeko zobomi
Iinkonzo zemibutho: iinkonzo ezingqamene nemibutho kunye namashishini
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle: inkcazelo engqaliselwe abemi abaphuma kwamanye amazwe abadinga iinkonzo ezibandakanyekayo kurhulumente waseMzantsi Afrika.

Icandelo ngalinye kula liphinde lakhiwa ngohlobo oluhambisana nendlela yokulandelelana kweziganeko zobomi . Iziganeko zobomi ziphinda zahlulahlulwe ngokwezigaba zobomi.

Inkcazelo kwinkonzo nganye ilungiselelwe ngokwemiba esisiseko esixhenxe, eyile: inkcazelo, inkqubo emayilandelwe, imithetho esetyenziswayo, ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo, iindleko, iifom ezigcwaliswayo, kunye neenkcukacha zonxulumano.

Inkcazelo eyayameneyo

Eli candelo le website, eliboniswe kumgca wokukhangela osekunene, liqulathe unxulumaniso kwii-website ezayameneyo kweso siganeko sobomi.

Iilwimi

Oluhlobo lwe-webhusayiti lulungiselelwe iilwimi ezilishumi elinanye njengesiNgesi, isibhulu, isiNdebele, isiXhosa, isiZulu, isiPedi, isiSuthu, isiTsonga, isiSwati, isiVenda kanye nesiTswana


Inkcazelo yenkonzo ngokwemvelaphi ibhalwe nge-English, ize ke emva koko iguqulelwe kwezinye iilwimi. Inkcazelo yeenkonzo ekwenzinye iilwimi ifakwa kwi-website emva kokuba iguquliwe.

Ezinye izibakala ze-website 
Sebenzisa iphepha elithi Nxulumana nathi  ukuze wenze iziphawulo okanye ubuzise nge-website yeeNkonzo zikaRhulumente.
Unxulumaniso lwe www.gov.za lufikelelisa kwiphepha lokungena le-Online kaRhulumente waseMzantsi Afrika, elifikelelisa kule webiste  kunye ne-website yeNkcazelo kaRhulumente .

Imephu yesiza ilumelo lwembonakalo yamehlo yolwakhiwo nocwangciso lwe-website. Inikezelwa ngokokulandelelana kobume nogunyaziso, nto leyo ecubungula inkcazelo yesiza ibeyimiba yezihloko ezingqaliseka ngokwandayo. Ngoko ke iyakunceda ukwazi ukuzifundisa malunga nendlela ekucwangciswe ngayo imiba equlathwe kwi-website.

Iphepha lokufikelelisa kwinkcazelo ye-website linika udweliso lwezona nkonzo kufikelelwa kuzo kakhulu. Ezi zingeniso zifikelelisa kwiinkonzo ezintlanu ezizezona zityelelwa kakhulu ngabasebenzisi. Olu dweliso luqhelaniswa nermeko yezibalo zesitatistiksi samaphepha atyelelweyo.

Ibhokisi yokufunisa iyafumaneka kuwo wonke amaphepha kwi-website. Xa ungenisa amagama okufunisa, kuyakufuniswa ngala magama kuyo yonke i-website. Kwakhona, usengangenisa ufuniso olulolona lunenkqubela-phambili nolukwizinga eliphezulu ngokukhetha unxulumaniso lwe-Advanced search. Olu hlobo lokufunisa lufunisa ngenkcazelo kwezinye ii-website zikarhulumente.

Unxulumaniso kwii-website zangaphandle luboniswa ngamagama athi, 'outside link – opens in new window', ayakubonakala kwibhokisi xa i-cursor yakho igqithiselwa kunxulumaniso. I-website iyakuvula isikroba esitsha sokukhangela.

Ukulandelelana kwezihlandlo zokufaka inkcazelo yakutshanje

I-website imana ifakwa inkcazelo entsha. Umgaqo wethu kukunika inkcazelo njengoko imana ifumaneka kwaye naxa ifumaneka. Nangona kunjalo, abavelisi be-website yeeNkonzo zikaRhulumente abanakunika isiqinisekiso ngobutsha benkcazelo epapashwa kwezinye ii-website esinxulumana nazo. Jonga icandelo elithi, iiMeko neMiqathango, kumhlathi 4.3.

Ubunikazi benkcazelo

Amasebe karhulumente athabathela kuwo ubunikazi benkcazelo yawo kwi-webiste. Lo msebenzi wanikwa oomanejala bonxulumano, abanoxanduva lwenkcazelo epapashwa kwi-website.

I-Government Communications  inoxanduva lokuphatha nokulawula ukuhlanganiswa kwemiba equlathwe kwi-website.

Ubume bohlobo lwemiqulu

Obona bume bohlobo lwemiqulu bufumaneka kakhulu benkcazelo kwi-website yi-HTML. Kodwa ke, iindidi ze-PDF zemiqulu  ziyanikwa ukuze kugcinwe uqobo loyilo lwemiquilu.

Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.

Ngamanye amaxesha kuthabatha ixesha elide ukuvula imiqulu ye-PDF. Kule meko ke, sicebisa ukuba uyothulele kwikhompiyutha yakho, uze ke uyivulele kuyo.

Amacebiso okothulela imiqulu kwikhompiyutha yakho.

Xa usebenzisa isiHloli se-internet  njengesikhangeli sakho:

Ngokusebenzisa i-mouse yakho, cofa ngasekunene kumqulu ofuna ukuwothula.
Kwiintlobo-ntlobo zezihloko ezidweliswe ngokuhlayo, khetha iqhosha elithi: 'Save target as'.
Kwibhokisi ethi 'Save as', khetha indawo ofuna ukugcina kuyo lo mqulu kwidiski yakho yokugcina inkcazelo kwaye ucofe iqhosha elithi 'Save'. Ifayili iyakothulelwa kwindawo oyichazileyo.
Vula isikroba se-Acrobat Reader yakho, uze ke uvule imiqulu oyithobileyo.

Xa usebenzisa i-Netscape njengesikhangeli sakho:

Ngokusebenzisa i-mouse yakho, yithi cebu kwaye ucofe  kwisinxulumanisi somqulu ofuna ukuwugcina.
Kwibhokisi ethi 'Save As', khetha indawo ofuna ukugcina kuyo lo mqulu kwidiski yakho yokugcina inkcazelo kwaye ucofe iqhosha elithi 'Save'. Ifayili iyakothulelwa kwindawo oyichazileyo.
Vula isikroba se- Acrobat Reader yakho, uze uvule imiqulu oyithobileyo.

Ingaba udinga uncedo ngeengxaki ohlangene nazo kwi-website? 

Nceda unxulumane nathi  ukubangaba udibana neengxaki nge-website.


