






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho > Ukufumana Uncedo Lwezomthetho

Ukufumana Uncedo Lwezomthetho




INKCAZELO:

Ukuba awunako ukuhlawula igqwetha, ungafumana uncedo lwezomthetho (uncedo ngezemali kwimirhumo yamagqwetha). Kuya kufuneka uphumelele uvavanyo olubizwa ngokuba yi-'means test', oko kukuthi, kufuneka ubonise ukuba urhola imali ngenyanga engaphantsi kwexabiso elimiswe yiBhodi yoNcedo lwaseMthethweni. Eli xabiso liyatshintsha xa ungatshatanga okanye utshatile kwaye likwatshintsha ngokuhamba kwamaxesha. Kufuneka uphinde ubonise ukuba awunayo impahla enokuthengiswa kufunyanwe imali ekwi-akhawunti yokulondoloza, nenokuthi isetyenziswe ekuhlawuleni imirhumo yakho yomthetho. Ungafumana uncedo lwezomthetho kwiindidi ezahlukeneyo zamatyala.

AWUNAKULUFUMANA uncedo lwezomthetho:
* Kwityala lolwaphulo-mthetho ukuba uza kuvuma ityala.
* Kumatyala amalunga nezithuthi, ukuquka namatyala okuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala.
* Kwimirhumo yolwaphulo-mthetho loshishino olunjengobuqhetseba.
* Kwimirhumo yokuthengisa iziyobisi.
* Kwityala lakho lesithathu okanye ngaphezulu lolwaphulo-mthetho kwityala elinye elifanayo.
* Kwityala apho uye awaphumelela ukuhlawula ityala ngezavenge njengoko uyalelwe njalo yinkundla.
* Kwityala apho izinto onazo ziza kwabiwa ngenxa yokuba ungakwazi ukuhlawula amatyala akho.
* Ukuba ufumanise iBhodi yoNcedo lwaseMthethweni inetyala lokwenza nantoni ngokungekho mthethweni okanye esikweni.
* Ukugcinwa komba othile nonokugqitywa ligosa elinokuwugcina.
* Xa wenze isicelo sokuba ungabinamali okanye izinto zakho onazo kwabelwane ngazo.
* Xa umangalela imali (umonakalo) kumabango anxulumene nolwalamano anjengonyeliso, ulwaphulo lwesithembiso sokutshata, ulwaphulo lwesidima okanye ukuba bucala, ukuhenda, ukukrexeza, kunye nokuphelisa imvisiswano (apho xa ufuna ukumangalela umntu othile obangele umntu obuza kutshata naye akuphelise oku).


Ungafumana uncedo lwezomthetho kumatyala oqhawulo lomtshato, kodwa NGAPHANDLE kwaxa:
* Kukho ithuba lokuphinda nibuyelane neqabane lakho kwakhona.
* Umlawuli weBhodi ekholelwa ekubeni akukhange kubekho zinzame zaneleyo ezenziwe nguwe kunye neqabane lakho ukuba nifikelele kwisivumelwano.
* Usebenzise uncedo lwezomthetho ngaphambili ekumangaleleni uqhawulo-mtshato kodwa wagqiba ekubeni ungaqhubekeki nesi senzo sokuqhawula umtshato.
* Akukho bantwana kolu qhawulo lomtshato.


Ungafumana uncedo lwezomthetho kwimiba yezabasebenzi:
* Ukuba ubanga ukugxothwa ngendlela engafanelekanga emsebenzini (ugxothwe kakubi ngendlela enganabulungisa) ukuba ibango lakho ulenze lingaphelanga ixesha elimiswe phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-Labour Relations Act.
* Ukubanga ingxelo yokuvuzwa. Kodwa ke, uncedo lwwzomthetho alusayi kwamkelwa ukuba kukho izizathu ezifanelekileyo zokukholelwa kuwe ukuba awuwuthathi lo msebenzi ngenjongo ethile okanye urhoxile emsebenzini ukuze ufumane uncedo lwezomthetho.

Ungafumana uncedo lwasemthethweni kwizibheno kuzo zonke ezi ndidi zamatyala zidwelisiweyo, nokuba lulwaphulo-mthetho okanye lityala lasekuhlaleni (kumatyala apho umangalayo okanye umangalelwayo). Kwizibheno, uMlawuli weBhodi kufuneka naye akholelwe ekubeni unethuba elifanelekileyo lokuphumelela.


IMIYALELO:

Yiya kwi-Ofisi yeSebe leBhodi Yoncedo Lwezomthetho okanye ke, ukuba ayikho kummandla ohlala kuwo, yiya kwinkundla kamantyi ekufutshane ukuze ubuze malunga noncedo lwasemthethweni. Zonke iinkundla zikamantyi zinegosa loncedo lwezomthetho neliya kukunceda ngayo nayiphina imibuzo yakho onayo malunga noncedo lwasemthethweni.

Igosa loncedo lwasemthethweni liya kujonga ukuba uyalonelisa na uvavanyo lokufikelela olubizwa ngokuba yimeans test kwakunye nokuba imeko yakho iwela ngaphakathi kuluhlu lwezikhokhelo ezimiswe yiBhodi Yoncedo Lwezomthetho. Ukuba unelungelo koku, uya kuthunyelwa egqwetheni neliya kufumana okubizwa ngokuba 'ngumyalelo woncedo lwasemthethweni kwityala lakho. Elo gqwetha liya kuthi lijongane netyala lakho. Amagqwetha awanalungelo lokulandula umyalelo woncedo lwasemthethweni, kodwa ngokuqhelekileyo awafani akulandule oku. Ukuba angathi angakwamkeli oku, umyalelo woncedo lwasemthethweni ungenziwa kwelinye igqwetha.

Nceda uqaphele ukuba iBhodi Yoncedo Lwezomthetho asiyiyo inkonzo engahlawulelwayo yeengcebiso zomthetho. Inikeza inkxaso ngokwezimali kwimiba yomthetho kubantu abahlupheke kakhulu abangakwaziyo ukuhlawula imirhumo yomthetho. Kodwa ke, ungazifumana iingcebiso zomthetho kunye noncedo kwiiklinikhi zomthetho ezidibene needyunivesithi, kwaye ngamaxesha amaninzi, ezi klinikhi zikwathatha imiyalelo yoncedo lwasemththweni olusuka kwiBhodi Yoncedo Lwezomthetho. EStellenbosch, le mibutho mibini ikwisakhiwo esinye.


Ii-Ofisi zeBhodi Yoncedo Lwezomthetho (ezikwaziwa njengamaziko Obulungisa)

iSebe eliseFlakeni:
kuMgangatho Wesibini, kwiZiko iMelofin, kuMgaqo i-Old Klipfontein
tional Bank
Inombolo yomnxeba: 021 697 5252Inombolo yomnxeba: 021 697 5252<
Inombolo Yefeksi: 021 697 5316

iSebe eliseKapa:
kuMgangatho Wesibini, Kwisakhiwo seNedbank, eSt George's Mall, eKapa
Inombolo Yomnxeba: 021 426 4126
Inombolo Yefeksi: 021 426 5766

iSebe eliseStellenbosch
kuMgangatho Wokuqala, e-Eikestad Mall, eStellenbosch
Inombolo Yomnxeba: 021 882 9221
Inombolo Yefeksi: 021 882 9237

iSebe eliseVostile
kwa-60 kwiSitalato iRussel, eVostile
Inombolo Yomnxeba: 023 348 4040
Inombolo Yefeksi: 023 348 4051

uNdlunkulu weBhodi Yoncedo Lwezomthetho
Inombolo Yomnxeba: 011 877 2000
Inombolo Yefeksi: 011 877 222
Isikhundla Soncedo: 086 1053 425
I-email: talk@legal-aid.co.za
Iwebsite: http://www.legal-aid.co.za/index.php

iiKlinikhi Zoncedo Lwezomthetho zeeDyunivesithi:

iKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yeNtshona Kapa
Kwisakhiwo Sethala Leencwadi Elidala
kwiDyunivesithi yeNtshona Kapa
kuMgaqo iModderdam, eBellville
Indlela eya eUWC
Inombolo Yomnxeba: 021 959 2756
Inombolo Yefeksi: 021 959 2747

iKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseKapa
Kwigumbi 4.39 Kwisakhiwo iWilfred and Jules Kramer Law
eMiddle Campus, kwiDyunivesithi yaseKapa
kwa-1 kuMgaqo iStanley, eRondebosch
Malunga neKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseKapa
I-email: uctlawclinic@law.uct.ac.za
Inombolo Yomnxeba: 021 650 3551
Inombolo Yefeksi: 021 650

iKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch
kwa-44 kuMgaqo iBanghoek, eStellenbosch
Malunga neKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch
I-email: ck@sun.ac.za
Inombolo Yomnxeba: 021 808 3432 / 3925
Inombolo Yefeksi: 021 808 3720


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* INkundla kaMantyi


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IBhodi Enikezela Ngoncedo lwezoMthetho





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Law Society of South Africa Legal Information Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





