﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho > Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina

Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina




INKCAZELO:

Ukuba ulingqina yaye woyikisela ukhuseleko lwakho ngezizathu zokuba lingqina, ungazifakela isicelo sokukhuselwa njengengqina. Ungoyikisela ukhuseleko lwakho okanye olwakhe nabani na osenyongweni kuwe. Ungoyika umntu omnye okanye iqela labantu.

Nabani na olilungu lekhaya lakho okanye losapho lwakho, okanye osenyongweni kuwe nangaluphi na uhlobo, angakufakela isicelo sokhuseleko xa ungakwazi wean. Ungasifakela umntwana ngaphandle kwemvume yomntu omkhulu omjongileyo esi sicelo xa umntu lowo (umzali okanye nabani na ojongene naloo mntwana) ukuba:
* Umntu lowo mkhulu ungumrhanelwa kwelo tyala umntwana lowo alingqina kulo, okanye
* umntwana lowo akanamntu mkhulu umjongileyo, okanye
* umntu lowo mkhulu ujongene nomntwana lowo akafumaneki, okanye
* kunokubonakaliswa ukuba umntu omkhulu lowo uyala ukunikezela ngemvume engenasizathu sibambekayo.


Uba lingqina xa unikezela ubungqina (unikezela ubungqina enkundleni okanye unikezelo ingxelo efungelweyo) ngoku, okanye ke mhlawumbi kuya kufuneka unikezele kwilixa elizayo okanye wawukhe wanikezela ubungqina ngaphambili. Obu bungqina ke bunganikezelwa kwityala elikhulu lolwaphulo-mthetho, kuphendla-phendlo, kwikomishoni okanye kwinkundlana, kuphando olwenziwaliCandelo Elizimeleyo Elijongene Nezikhalazo okanye kwityala lokuthinjwa kwempahla.
Wena okanye nabani na osemngciphekweni wokhuseleko angasuswa kuloo meko inobungozi ngoko nangoko. Uya kubekwa kwindawo yokhuseleko lwamangqina yexeshana, ze emva koko kuqwalaselwe isicelo sokhuseleko lwakho isigxina. Ukuba isicelo sakho sithe saphunyezwa uya kubekwa kwindawo yokhuseleko lwamangqina isigxina.


IMIYALELO:

Kufuneka ube lingqina, okanye ufake isicelo egameni lomntu olingqina, ukuze ube nokufaka isicelo sokhuseleko lobungqina. Kufuneka unikezele ingxelo ngoloyiko lwakho, isizathu soloyiko lwakho kwanokuba ufuna ukufaka isicelo sokhuseleko lwakho njengengqina kuye namphi na opmnye waba bantu balandelayo, abaya kukunceda ufake isicelo sakho:
* Igosa eliphandayo (umcuphi) ophanda ityala olingqina kulo.
* Inkumanda yeso sikhululo okanye nabani na osemagunyeni kuso nasiphi isikhululo.
* Ukuba usentolongeni, igosa eliphetheyo kuloo ntolongo okanye unontlalo-ntle obhalisiweyo kuloo ntolongo.
* Umtshutshisi wombuso otshutshisa kwityala onikezela ubungqina kulo, okanye ke uMlawuli Wotshutshiso Loluntu (owayesakwaziwa njengeGqwetha Elikhulu Lombuso) kuloo ngingqi.
* Naliphi na ilungu leCandelo Lokhuseleko Lwamangqina.

Umntu onikezele ingxelo yakho kuye uya kwenza amalungiselelo okususwa kwakho ngoko nangoko ukuba usemngciphekweni sele usemngciphekweni wokhuseleko. Kuya kufuneka ugcwalise iphewtshana lesicelo emva kokususwa kuloo meko inobungozi. uMlawuli weCandelo Lokhuseleko Lwamangqina uya kwaziswa kwiiyure ezingamashumi amane anesibhozo emva kokuba ususiwe kuloo meko inobungozi wasiwa kwindawo okhuseleko lwexeshana.

Uya kugcinwa kuloo ndawo yokhuseleko lwexeshana isithuba esingagqithanga kwiiveki ezimbini. Ngesi sihuba ke igosa lokhuseleko lwamangqina liya kwenza uphando ngesicelo sakho, phando olo luquka uvavanyo lomngcipheko okuwo kwakunye nokhuhlolwa kwakho yingcali kwizigulo zengqondo. Igosa eli liya kunikezela le ngxelo kulo Mlawuli, oya kuhi yena afikelele kwisigqibo sokuba landiswe na ixesha lakho lokufakwa kukhuseleko lwexeshana, ufakwe kwinkqubo esisigxina yokhuseleko lwamangqina okanye asikhabe esi sicelo kusini na.

Ukuba uMlawuli lo uthi afikelele kwisigqibo sokuba ufakwe kwinkqubo esisigxina yokhuseleko lwamangqina, kuya kufuneka utyikitye isivumelwano sokukhuselwa. Kwesi sivumelwano ke uyavuma ukuba uya kuyithobela yonke imiqathango yale nkqubo yokukhuselwa, miqathango leyo ke isekelwe ekubeni ungakhuphi na naziphi na iinkcukacha ngale nkqubo ndawonye nayiphi na imiqathango enokuba iyachaphazeleka kweli tyala ubandakanyeka kulo. Akuyikufakwa kwinkqubo esisxina yokukhuselwa de ube kanti usityikityile esi sivumelwano. Esi sivumelwano ke siqulunqelwe ukuqinisekisa ukhuseleko lwakho ndawonye nokhuseleko lwamagosa enkqubo yokhuseleko lwamangqina kwakunye nabani na obandakanyekayo kule nkqubo. Onke amangqina asele ekhe afumana ukhuseleko kule nkqubo nawayithobelayo imiqathango awayeyibekelwe akwisivumelwano sawo sokukhuselwa asakhuselekile nangoku.

Ukufakwa kwinkqubo esisigxina yokhuseleko akuthethi ukuba uya kuba kule nkqubo yokhuseleko ubom bakho bonke. Ukukhuselwa isigxina kuthetha ukukhuselwa de kuphele umngcipheko wokhuseleko ebomini bakho, kwakunye nesithuba sokhuseleko sokugqibela esiziiveki ezintandathu, esilandelwa kukukhululwa kwakho kuloo nkqubo. Ukukhululwa kwakho kusenokuthetha ukutshintshwa kweenkukacha zakho, nto leyo ingakukutshintshwa kwegama nefani kwanokuhlaliswa kwenye indawo ususwe kuleyo ubusoloko uhlala kuyo.

Ukhuseleko olusisigxina, oluqhubekeka de ube ukhutshiwe kuloo nkqubo, luquka oku kulandelayo:
* Wena nosapho lwakho oluphangaleleyo, apho kuyimfuneko, niya kuhlaliswa kwindlu ekhuselekileyo esele inempahla yendlu kodwa enizithengelayo ukutya kuyo (akuyihlawuleli yona indawo yokuhlala).
* Uya kususwa kwingingqi ohlala kuyo ukuba oko kubonwa kuyimfuneko.
* Ingcali kuchaphazelekeni kwengqondo zizehlo iya kwenza uvavanyo lwengqondo ze ikuncede apho ubonakala uphazamiseka khona.
* Uya kufakwa kwinkqubo yokuziqhelanisa ukuze ube nokuzazi izinto omawuzilindele.
* Ukuba akuphangeli, uya kufumana inkxaso-mali eya kukunceda ufikelele kwizidingo zakho ezingundoqo.
* Ukuba uyaphangela, uya kufumana umvuzo othabatha indawo yalowo wakho wesiqhelo.
* Ukuba ukunye nabantwana bakho, kuya kwenziwa amalungiselelo okuba baye esikolweni.
* Ezine iindleko, ezifana okufunda kwakho, uthutho, impahla yokunxiba kwakunye neendleko zonyango, kuya kujongwana nazo.


Uya kukhatyelwa ngaphandle kwale nkqubo yokhuseleko ukuba kuye kwafumaniseka ukuba uthe wophula nawuphi umqathango obuwubekelwe, okanye kufumaniseke ukuba akuzenzi ngendlela eyamkelekileyo izinto kule nkqubo. Le nkqubo ke ayimelani tu 'nabantu abathubelezisa ulwazi', abo ke ngabantu abenza ngathi bangamangqina ukuze babe nokungena kule nkqubo.

iCandelo Lokhuseleko Lwamangqina kungoku nje linikezela nangononophelo lwamangqina aphuma kule nkqubo ukuwanceda akwazi ukuzibuyisela eluntwini emva kokushiya inkqubo esisigxina yokhuseleko (oko ke kukuthi, emva kokukhutshwa kwakho kule nkqubo). Kwisithuba sokugqibela esiziiveki ezintandathu, kuya kuphinda kwenziwe olunye uvavanyo lomngcipheko wokhuseleko lwakho. Ukukhutshswa kwakho kule nkqubo isisigxina yokhuseleko kungathetha ukutshintshwa mhlawumbi kwegama nefani yakho. Uya kuncediswa ukuze ube nokuzibuyisela eluntwini. Kusenoku yimfuneko kanti ukuba uyishiye kuphele ingingqi obusoloko uhlala kuyo. Njrngomzekelo wokuba kungenzeka njani na oku, ukuba uhlala kwindlu yeRDP kuloo ngingqi, ungatshintshelwa kwenye indlu yeRDP ekwenye ingingqi.

Yonke into enento yokwenza nokhuseleko lwamangqina yenziwa ngokwemigaqo yomthetho iWitness Protection Act 112 ka-1998. Eli Candelo Lokhuseleko Lwamangqina linee-ofisi zemimandla ezilithoba, inye kwiphondo ngalinye. Noko kunjalo ke, iindawo ezikuzo ezi ofisi azichazwa eluntwini. Ukuba unemibuzo okanye izinto ofuna ukuzazi ezifana mhlawumbi nokunikezela umkhomba-ndlela kweli Candelo, elisePitoli neliyingxenye yeCandelo Lesizwe Lotshutshiso Loluntu, elicandelo lotshutshiso loluntu laseMzantsi Afrika.
iCandelo Lokhuseleko Lwamangqina
iCandelo Lotshutshiso Loluntu
Inombolo Yomnxeba: 012 845 6000


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Izikhululo Zamapolisa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Witness Protection Act, No 112 of 1998 (UMthetho) (File type: pdf; size: 2.2 MB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





