






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ezendalo > Ukhuphiswano Lweyona Dolophu Icocekileyo

Ukhuphiswano Lweyona Dolophu Icocekileyo




INJONGO:

Phucula umgangatho wobomi babo bonke abemi boMzantsi Afrika.Eli phulo lijolise ekuziseni ulwazi nasekufundiseni abemi boMzantsi Afrika ngemiba enento yokwenza nococeko nolawulo lwenkukuma. Likhuthaza abantu ukuba badlale indima ephambili ekubuyiselweni kobuntu kwiindawo abahlala kuzo kwanokubuyisela ikratshi nokuzinikela ekucoceni iindawo abahlala kuzo.


ISIQALO:

14 uSeptemba 2004


ISIPHELO:

6 uJuni 2005


INKCAZELO:





* Imvelaphi Nembali
* Umjikelo waseNtshona Koloni
* Ukwanda Kokuthatyathwa Kwenxaxheba kunyr nabo Baphumelela Ngaphambili
* Amanqanaba Namabhaso
* Inkqubo Yokuvavanya
* Amalungu Esigqeba sePhondo
* Inkqubo Yovavanto yePhondo kwakunye Nokunikezelwa Kwamabhaso





INtshona Koloni yayiphambili Kukhuphiswano Lwesizwe Lweyona Dolophu Icocekileyo ngo-2003/2004

Ophumeleleyo - uMaspala Wenqila
Isixeko saseKapa

Ophumeleleyo - Umaspala Wekhaya
nguMaspala wase-Overstrand









Ukucoca indawo ohlala kuyo kuveza amathuba emisebenzi


Uluntu ekuhlaleni luthabatha inxaxheba ekugcineni iindawo oluhlala kuzo zicocekile


Iindawo zokuzonwabisa ezikhuselekileo nezicocekileyo ziluncedo kuye wonke umntu



IMVELAPHI NEMBALI

Ukhuphiswano Lweyona Dolophu Icocekileyo lwaphehlelelwa ngokusesikweni ngo-2001 nguMnumzana Valli Moosa (owayenguMphathiswa Wemicimbi Yendalo Notyelelo ngoko). Iidolophu ezaphumelela kwinqanaba lesizwe kumjielo wesithathu, oqale ngo-2004, ziya kupapashwa liSebe Lemicimbi Yendalo Notyelelo ngenyanga yeSilimela ngo-2005.

Olu Khuphiswano Lwesizwe lulandela Imijikelo yolu Khuphiswano Yamaphondo, mijikelo leyo iqhutywa liSebe elijongene Nemicimbi Yendalo yePhondo ngalinye.

Olu khuphiswano Lwesicwangciso-qhinga Sesizwe Solawulo Lwenkukuma futhi lunceda ekujikeni imigaqo-nkqubo nowiso-mthetho zibe ziinkqubo eziphilayo nezisebenzayo.

Eli phulo lifuna ukwazisa abemi boMzantsi Afrika ngeendlela zokunciphisa inkukuma kwiindawo abahlala kuzo.

Ukhuphiswano Lweyona Dolophu Icocekileyo lunceda:

* Ekugcineni indawo yokuhlala ecocekileyo nesempilweni.
* Ekunakaneni izithembiso zoomaspala kucoceko oluphilayo.
* Ekudaleni amathuba emisebenzi ze luze nengeniso kubantu abangaphangeliyo ngokuthi kucocwe izinto ezimdaka ziphinde zisetyenziswe.
* Ekuphakamiseni umfanekiso woMzantsi Afrikakubemi bamanye amazwe zekuncedwe ekuphuhliseni utyelelo.

UMJIKELO WASENTSHONA KOLONI

Ukhuphiswano lwephondo iNtshona Koloni luphuhlisa "Ikhaya Eliluqilima Lethu Sonke". Lo mjikelo ugxininisa kwiindawo ezihlala uluntu kwakunye neendlela oomaspala abangenelela ngazo zexesha elide eziya kukhokelela ekuphuculweni okuqhubekekayo kweendawo zokuhlala.

Umjikelo wephondo ka-2004/5 wolu Khuphiswano waphehlelelwa ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yoMsintsi ngo-2004 nguMphathiswa Wemicimbi Yendalo Nophuhliso Locwangciso, uTasneem Essop.

UKONGEZELELEKA KOKUTHATYATHWA KWENXAXHEBA KWAKUNYE NEEDOLOPHU EZAPHUMELELA NGAPHAMBILI

Ukuthatyathwa kwenxaxheba kumjikelo wephondo wolu khuphiswan kukhule ngokumangalisayo, ukusuka kumashumi amahlanu ekhulwini ukuya kutsho kumashumi amabini anesithathu koomaspala abangamashumi amabini anesine kulo nyaka! Oku kubonisa ukubaluleka kolu khuphiswano koomaspala.



Iidolophu ezaphumelela ngaphambili eNtshona Koloni


2002
Ophumeleleyo: nguMaspala waseKnysna

Indawo yesibini neyesithathu: nguMaspala waseCape Agulhas nowise-Oudtshoorn

2003
Ophumeleleyo: nguMaspala wase-Overstrand

Indawo yesibini neyesithathu: nguMaspala waseKnysna nowise-Oudtshoorn

Ngo-2003/2004, oomaspala baseNtshona Koloni abadluliselwa kukhuphiswano lwesizwe, abangaba: iOverstrand nowesixeko saseKapa, babuya nazo zonke zonke iimbasa ngokuthi baphumelele umjikelo wesizwe wolu khuphiswano kumanqanaba abangenele kuwo, angala: "Umaspala Wekhaya" "noMaspala Wenqila!"

AMABAKALA NAMABHASO

Olu khuphiswano lwahlula-hlulwe langamabakala amathathu, angala:

* Oomaspala Bebakala A (ngooMaspala Beenqila)
* Oomaspala Bebakala B (Oomaspala Bamakhaya)
* Oyena Maspala Uziphuculeyo

Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke oomaspala, ngaphandle koomaspala bezithili.

Oomaspala abaphumelelayo bafumana amabhaso anakana ezona nto zigqwesileyo bazizuzileyo. Kwinqanaba lephondo, kukho iwonga elilodwa eliya kunikwa umaspala ofezekisa ngeyona ndlela ingcono zonke iimfuno zebakala elitsha, elileli: "Oyena Maspala Uziphuculeyo", nowaphehlelelwa ngo-2004.

Umjikelo wephondo
Isixeko saseKapa, ekukuphela korhulumente wenqila eNtshona Koloni, singena zwabha kumjikelo wesizwe wolu kuphiswano futhi asiyi kulinikwa ibhaso lephondo.



Amabhaso aya Kunikwa Oomaspala Bamakhaya Abathi Baphumelele

Ibhaso lokuqala
R100 000

Ibhaso lesibini
R50 000

Ibhaso lesithathu
R30 000

Akukathatyathwa sigqibo ngokuba liya kuba yintoni na ibhaso eliya kunikwa umaspala othe wazibalula ngokuthi abe ngoyena uziphuculeyo, kodwa ke liya kwaziwa kungekudala.

Umjikelo wesizwe
Ibhaso lesigidi leerandi lilinye liya kunikwa oomaspala abaphulele kumabakala u-A noB. Umaspala othe wazibalula ngokuba ngoyena uziphuculeyo uya kuthi avuzwe ngokuthi abhengezwe kwingxelo yesizwe yovavanyo.

INKQUBO YOVAVANYO

INtshona Koloni iya kusebenzisa inkqubo yovavanyo yesizwe ukuchonga oomaspala bephondo abathathu abaphumelele emagqabini kwibakala B, kwakunye noyena uzibalula ngokuziphucula.

Isixeko sasweKapa, ndawonye nomaspala ozibalule ngokuziphucula, baya kuthi bamele eli phondo kumjikelo wesizwe wolu khuphiswano. Kwale nkqubo inye yokuchonga iya kusetyenziswa xa kuchongwa abaphumeleleyo kwinqanaba lesizwe.



Inkqubo Yokuchonga

Imeko yembonakalo
60%

Iinkqubo zenkxaso
40%

Imeko yembonakalo iqwalasela ucoceko ngokuphangaleleyo kwezi ngingqi zokuhlala nezoshishino zilandelayo:
* Umbindi wesixeko okanye wedolophu
* Iingingqi ezinamayotyombe neelali
* Ingingqi yoshishino, umzekelo: iimalike, amaziko zeentengiso, njalo-njalo
* Amaziko oluntu, umzekelo: izindlu zangasese zikawonke-wonke, amaziko ezemidlalo, amaziko alondoloza indalo, iimalike, izikhululo
* Indawo yokulhla inkukuma
* Iindawo ezivulelekileyo
* Iindawo ezitsala umdla wabakhenkethi, umzekelo: amaziko alondoloza indalo, iipaki, iilwandle, njalo-njalo.


Iinkqubo Zenkxaso iquka iinkqubo namaphulo ajoliswe kulawulo lwenkukuma oluhlanganyelweyo noluluqilima, kuquka
1. Ulawulo lwenkukuma ngumaspala kwakunye namanye amanyathelo afana neli
   * Ukuncitshiswa kwenkukuma, ukuphinda kusetyenziswe izinto ebezisele zisetyenzisiwe ngaphambili, ukwenziwa kweemveliso ngenkukuma, ukuphnda kusetyenziswe kweemveliso ebezisele ziyinkukuma ngeenjongozokudala amathuba emisebenzi
   * Imeko yendawo ekulahlwa kuyo inkukuma
   * Izixhobo ezisetyenziswe kwindawo yokuhlala inkukuma (ukulungelelana kwezi zixhobo nako kubalulekile)
   * Ulukhanganiswa koluntu ekuhlaleni kwanothatyathwa kwenxaxheba kwimiba yendalo
   * Inkxaso yohlahlo lwabiwo-mali
   * Ubume bephepha-mvume leziko lokugcwalisa umhlaba
   * Imimiselo esemgangathweni yokukhuselwa kwendalo
   * Izohlwayo zokungayithobeli le mimiselo
   * Ubukho/ukubandakanyeka kuphuhliso Lwesicwangciso Esihlanganyelweyo Solawulo Lwenkukuma
   * Inkqubo/Iinkqubo ezinjongo ikukubeka iliso umgangatho wamanzi nowomoya.



2. Amayathelo okwazisa nawemfundo nokuba abahlali baziswe ngokwaneleyo na, umzekelo:
   * ngamanyathelo okuncitshiswa kwenkukuma kuloo ngingqi, umzekelo: isikolo, ingingqi kaceba, ekuhlaleni
   * Amaxesha okulandwa kwenkukuma, iindlela ekuza kuhanjwa ngazo, iindawo emayibekwe kuzo inkukuma (ekupheleni kwendlela, emva ayadini)
   * Imigaqo-nkqubo nowiso-mthetho kwicandelo lolawulo lwenkukuma, izohlwayo zokungayithobeli le migaqo-nkqubo


AMALUNGU ESIGQEBA SEPHONDO

Isigqeba sabagwebi bephondo, eyenziwe ngamalungu ahlukeneyo, siphicotha amangenelo ngokusebenzisa iinkcukacha ezisisisekelo nangokuya kwabo maspala ze ichonge abo baphumeleleyo.



Amalungu esigqeba noMphathiswa uEssop


Isigqeba saseNtshona Koloni siquka:
* uThorsten Aab
  iSebe Lemicimbi Yamanzi Namahlathi
* uAlison Davison
  iSebe Lemicimbi Yendalo Nophuhliso Locwangciso
* uRodney Leak
  iFairest Cape Association
* uStanley Nomdo
  iSebe Lezempilo
* uRussel Mehl
  iSebe Lemicimbi Yendalo Nophuhliso Locwangciso
  Inombolo Yomnxeba: 021 483 2752
  rmehl@pgwc.gov.za

INKUQUBO YWPHONDO YOVAVANYO NOKUNIKEZELWA KWAMABHASO

Uvavanyo lwamaphondo luya kubanjwa ngenyanga yoMdumba neyoKwindla ngo-2005.

Ukwaziswa kwamagama oomaspala abaphumeleleyo nokunikezelwa kwamabhaso, yiNkulumbuso uEbrahim Rasool kuya kubanjwa kumsitho mgangatho ophezulu ngenyanga kaTshazimpunzi ngo-2005.



IXHASWA NGEZIMALI YI-:


* Owner: Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Major Sponsor: Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans | Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa

YAYAMENE

* Cleanest Town Competition: Spotless Overstrand Does it Again! (Iindaba) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Evaluation Reports - Cleanest Town Competition 2005 (Iingxelo noPhando) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 1 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





