






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Imipu > Ukohluthwa koMpu

Ukohluthwa koMpu




INKCAZELO:

INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) ingawohlutha umpu phantsi kweemeko ezithile:
* Ukuba umntu othile unompu ngaphandle kwephepha-mvume, i-SAPS ingawohlutha ze ifake isimangalo solwaphulo-mthetho ngaloo mntu.
* Ukuba umntu othile unephepha-mvume lompu kodwa uthi enze ingozi, i-SAPS ingamenza athatyathwe njengalowo ungafanelwanga kukuba nampu.
* Umntu obanjelwe amatyala athile kucingwa ukuba akafanelekanga ukuba abe nompu, kwaye akanako ukuwugcina.



IMIYALELO:


* Abantu abanemipu ngokungekho mthethweni
* Abantu abanemipu enamaphepha-mvume okanye imvume
* Abantu abanemipu enamaphepha-mvume okanye imvume
* Abantu ababanjelwe amatyala angamanye

ABANTU ABANEMIPU NGOKUNGEKHO MTHETHWENI

Nabanina umntu onompu kodwa engenalo iphepha-mvume unetyala. Ukuba unikezele ingxelo ngeli tyala kwi-SAPS, ingawukhangela ze iwuthimbe lo mpu ngaphandle kwegunya elinikwa yinkundla.

Nikezela ngengxelo kwi-SAPS kwisikhululo samapolisa malunga ngendlela owazi ngayo ukuba kukho umntu onompu ongenaphepha-mvume. Cela i-SAPS ukuba ivule ityala ukuze iphande ngalo mba. I-SAPS iya kuthimba umpu kuze kulandele ityala lolwaphulo-mthetho.

ABANTU ABANEMIPU ENAMAPHEPHA-MVUME OKANYE IIMVUME

Ukuba uyakholelwa ukuba umntu onompu onephepha-mvume unobungozi kwaye akafanelekanga ukuba abenawo, yenza ingxelo malunga noku kwisikhululo samapolisa. Cela iGosa leMipu eliMisiweyo (DFO) ukuba libambe 'udliwano-ndlebe ngokwemigaqo yeCandelo 11' ukuze lichaze ukuba lo mntu akafanelekanga ukuba abenompu. I-SAPS ingalubamba olu dliwano-ndlebe ukuba umnini-mpu:
* Uthe angabulala okanye azenzakalise okanye nawuphi na umntu ongomnye ngompu wakhe.
* Akaphilanga ncam ngokwasengqondweni, uye abe ndlongondlongo kumaxesha athile, okanye uxhomekeke etywaleni okanye kwiziyobisi.
* Akaphumelelanga ukugcina umpu wakhe ngokufanelekileyo ukuqinisekisa ukuba akukho mntu wumbi owusebenzisayo.


I-SAPS iya kugqithisa isaziso esibhaliweyo kulo mntu, emxelela ukuba kufuneka aze ngaphambili kudliwano-ndlebe. I-SAPS inganikeza iphepha eligunyazisa ukuba imgqogqe loo mntu ze iwuthimbe lo mpu kwangaxesha-nye. Udliwano-ndlebe luye lwenziwe yintsumpa ye-SAPS okanye umntu ongomnye onesikhundla esiphezulu. Umntu angamelwa ligqwetha lakhe kudliwano-ndlebe, kwaye angabiza amangqina ukuze abuzwe imibuzo, kuquka nomntu onikezele ngengxelo ngaloo ngxelo.

Ukuba umntu ufunyenwe engafanelekanga ukuba abe nompu, yonke imipu yakhe kunye namaphepha-mvume kufuneka inikezelwe kwi-SAPS. Isibhengezo sokungafaneleki ekubeni nompu siye sithathe ixesha elingekho ngaphantsi kweminyaka emibini. I-SAPS yaseNtshona Koloni yenza ngempumelelo udliwano-ndlebe lweCandelo 11 kunalo naliphi na iphondo loMzantsi Afrika.

ABANTU ABANEMIPU ENAMAPHEPHA-MVUME OKANYE IIMVUME

Phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-Arms and Ammunition Act ka-1969, abantu abababanjelwe olu lwaphulo-mthetho lulandelayo baye babonwe bengafanelekanga ukuba babe nemipu:
* ukuba nompu ngaphandle kwephepha-mvume
* ukukhomba omnye umntu ngompu
* ukungaphumeleli ukutshixela kude umpu ngendlela efanelekileyo
* ukulahla ngokungenankathalo umpu, ukuquka ubusela obubangelwa kukungaphumeleli ukutshixela umpu wakho kude ngendlela efanelekileyo
* ukudubula ngokungekho mthethweni ubeka engozini abanye abantu okanye imihlaba nezakhiwo zabo, okanye ukuphatha ngaphandle kwenkathalo umpu
* naliphi na ityala apho bekusetyenziswe umpu (ngaphandle kokuba umntu uhlawule isohlwayo sokufunyanwa enetyala).


Nawuphi na umntu obanjelwe onke la matyala kufuneka anikezele umpu wakhe kwi-SAPS. Ukuba ukho umntu omaziyo onompu kwaye unetyala elinento yokwenza nokusetyenziswa kompu, nikezela ngengxelo kwisikhululo samapolisa malunga noko. Buza i-DFO ukuze uqinisekise ukuba lo mntu uyawunikezela umpu wakhe.

ABANTU ABABANJELWE AMATYALA ANGAMANYE

Iinkundla zinobulumko bokwazisa ukuba umntu othile akafanelakanga ukuba abe nompu xa bebanjiwe, ingakumbi kumatyala aquka ubundlobongela. Ukuba ulixhoba letyala eliquka ubundlobongela, kuluncedo ukubuza umtshutshisi ngalo mba ukuba acele inkundla ukuba imise ukungafaneleki kwakhe. Umtshutshini kufuneka akwenze oku emva kokuba lo mntu ebanjiwe naxa kusenziwa isigqibo ngesohlwayo.
Abantu ababanjelwe olu lwaphulo-mthetho lulandelayo bangaziswa ngokungafaneleki kwabo ekubeni nemipu: ungcatsho-mbuso oluphezulu; ukuxhaya imfazwe; ubugrogrisi; ubhukuqo; ukonakalisa ngabom into ebalulekileyo yotshaba; ubundlobongela kuluntu; ukoyikisa; ukubulala; ukonakalisa ngolunya imihlaba nezakhiwo; ukudlwengula; ukubetha; ukuphanga; ubusela kwimidlalo; ukwaphula okanye ukungena kuwo nawaphi na amaziko, nokuba kuphantsi komthetho ongabhalwanga okanye amalungiselelo amiswe ngokusemthethweni, ngeenjongo zokwenza ityala; ukuxhwila ubaleke nomntu; ukuxhwila ubaleke nomntwana; ukuba netyala lokubulala; okanye naliphi na iyelenqe, uxhokonxo okanye ukuzama ukwenza naliphi na ityala esele lichaziwe apha ngentla.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Firearms Control Act, 60 of 2000 (UMthetho) (File type: pdf; size: 169 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Regulations Applicable to Firearms Legislation (UMmiselo) (File type: pdf; size: 75 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukufumana iPhepha-mvume loMpu (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





