﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukunikezela Ingxelo Ngobundlobongela > Ukunikezela Ngengxelo Yodlwengulo

Ukunikezela Ngengxelo Yodlwengulo




INKCAZELO:

Ukuba uthe wadlwengulwa okanye wenzakaliswa ngokwesondo, ungagqithisa ingxelo malunga noku emapoliseni. Kukuzithandela kwakho ukuba uyigqithise le ngxelo nokuba ungayigqithisi emapoliseni kodwa ukuba awuyinikezeli, ityala lakho alisayi kuphandwa okanye kufakwe simangalo. Amapolisa awavumelekanga ukuba angavumi ukuphanda ityala lakho, kodwa ukuba awuyigqithisanga ingxelo, ityala lakho alisayi kuphandwa okanye kufakwe simangalo. Kodwa ke, ukuba kukho ubungqina obuncinci emva kophando olwenziwe ngamapolisa, umtshutshisi angagqiba ekubeni angaqhubekeki netyala lakho.

Akukho xesha limisiweyo lokunikezela ngengxelo yetyala lokudlwengulwa, ngexa amanye amatyala esondo enexesha elimisiweyo eliyiminyaka engamashumi amabini. Kodwa ke, ukuba awunikezeli ingxelo yakho ngokukhawuleza emva kokuba udlwenguliwe, ubungqina obusemzimbeni bungangabikho kwaye naliphi na ingqina kunganzima ukulifumana, nokuya kuthi oku kwenze ukuba kube nzima kakhulu ukufaka isimangalo esinempumelelo. Kwakhona, xa unikezela ngengxelo, amapolisa aya kukusa esibhedlele nalapho uya kuthi ufumane unyango lokukhusela isifo sikaGawulayo neNtsholongwane yaso. Kubalulekile ukufumana olu nyango ngokukhawuleza okukhulu emva kokuba udlwengulwe.
Ukuba ungumntwana, okanye unikezela ingxelo egameni lomntwana, eli tyala liya kuqwalaselwa ngendlela eyahlukileyo kuneqhelekileyo.


IMIYALELO:


* Ukubiza amapolisa
* Ukunikezela Ingxelo
* Uvavanyo Lukagqirha
* Xa umrhanelwa enokuthi akhutshwe ngenggqawule?
* Ityala
* Imibutho Enikezela Ngenkxaso

BIZA AMAPOLISA
Ungayinikezela ngengxelo yodlwengulo ngokuthi uye kwesona kwisikhululo samapolisa sikufutshane nawe. Unganikezela ngengxelo yodlwengulo ngokutsalea umnxeba kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe. Ukuba ugqithisa ingxelo ngomnxeba, amapolisa aya kuthumela inqwelo-mafutha ukuba ikulande. Kodwa ke, ngenxa yokuba le nqwelo-mafutha yamapolisa ingangafumaneki ngokukhawuleza, kungafuneka ukuba ulinde ixesha elide ukuze ulandwe. Ukuba wenzakele kakhulu, kufuneka ubize inqwelo yezigulana okanye kungenjalo, utsalele umnxeba kwinombolo yexesha likaxakeka.

Njengesiqhelo, kufanele ukuba unikezele ingxelo yodlwengulo kwisikhululo samapolisa esikufutshane nendawo olwenzeke kuyo olu dlwengulo (nolunokwenzeka kwiindawo ekude kakhulu nendawo ohlala kuyo). Kodwa ke, ukuba uye kwesinye isikhululo samapolisa, amapolisa awavumelekanga ukuba akuthumele kwenye indawo. Kufuneka enze amanyathelo okuqala ophando, ukuquka ukuvula ityala kunye novavanyo lonyango, aze agqithisele eli tyala kwisikhululo samapolisa esifanelekileyo kamva.

Kwisikhululo samapolisa, ungacela ukuthetha nepolisa elibhinqileyo. Kodwa ke, amapolisa abhinqileyo angangabikho kumaxesha athile. Awunyanzelekanga ukuba unikezele ngengxelo yazo zonke iinkcukacha ezithe zenzeka kwi-ofisi yezohlwayo xa unikezela ngengxelo yodlwengulo. Emva kokuba uchazile ukuba ufuna ukunikezela ngengxelo yodlwengulo, kufanele ukuba uthatyathwe usiwe kwindawo esekhusini enjenge-ofisi okanye kwigumbi lokuthuthuzela amaxhoba, nelilelona gumbi lifanelekileyo nelinamagosa azinekeleyo aqeqeshlwe ukukunceda. Izikhululo zamapolisa ezininzi zinawo la magumbi okuthuthuzela amaxhoba nekufuneka ahlale evuliwe ngawo onke amaxesha, nangeempela-veki kwanasebusuku.


UKUNIKEZELA INGXELO


Kufuneka unikezele kuphela ingxelo emfutshane malunga nokuthe kwenzeka ze le ngxelo yodlwengulo ibhalwe kwiincwadi yeziganeko ezenzekileyo (incwadi apho kubhalwa khona zonke iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezenzekileyo) kwisikhululo samapolisa ngaphambi kokuba uthathwe usiwe kuvavanyo lonyango. Kufuneka uzame ukunikezela inkcazelo eneenkcukacha malunga nomntu okudlwenguleyo nalapho ugqibele khona ukumbona ngokukhawuleza ukuze amapolisa azame ukumbamba ngokukhawuleza okukhulu.

Kufuneka unikezele kuphela ingxelo eneenkcukacha malunga nokuthe kwenzeka ngexesha lodlwengulo emva kokuba ufumene uvavanyo lonyango, njengesiqhelo emva kosuku, xa uthe wafumana ixeshana. Le ngxelo ineenkcukacha iya kunikezelwa kumcuphi (igosa elenza uphando) noya kuba lipolisa elilodwa elaziyo malunga neenkcukacha zeli tyala.


UVAVANYO LUKAGQIRHA


Ugqirha karhulumente (uGqirha weSithili) uya kuthi enze uvavanyo lonyango esibhedlele kumaxesha amaninzi. Ungamfumana ugqirha wakho wabucala enze olu vavanyo kodwa kumaxesha amaninzi aba nalo olu qeqesho lokuqokelela ubungqina basenkundleni kwaye bangangalifumani ixesha lokuya enkundleni. Ugqirha kufuneka akunike nonyango lokukhusela isifo sikaGawulayo neNtsholongwane yaso. Ngenxa yokuba injongo yovavanyo lonyango ikukuqokelela ubungqina basenkundleni, akufunekanga ukuba uhlambe ngaphambi kovavanyo lonyango, njengoko oku kusenokuphelisa ubungqina. Kufuneka uze nempahla obuyinxibe ngexesha lodlwengulo ukuze nazo zivavanyelwe ubungqina obunokufumaneka.

Ukuba amapolisa athe ambamba umrhanelwa, kuya kufuneka aziswe ngaphambili ze uzame ukumkhomba umntu okudlwengulileyo ukuba ungomnye wabantu abakhoyo kwelo qela. Ukuba isikhululo samapolisa sineendlela ezimbini zesipili, oku kuya kusetyenziswa xa kuqhutywa oku kuvezwa kobuso. Akufunekanga ukuba ude umphathe umntu omrhanelayo kwaye kufuneka ungakuvumeli oku xa kukho umntu othe yenza njalo.

Xa unikezela ingxelo yakho, kufuneka unikezele iinkcukacha ezininzi kangangoko unako malunga nokuthe kwenzeka ingakumbi xa umntu okudlwengulileyo ethe wakoyikisa ngezisongelo kwakunye nokuba ebendlongondlongo na. Qinisekisa ukuba amapolisa ayazi ukuba ucinga ukuba umntu okudlwengulileyo uya kwazi apho uhlala khona kwaye ukuba uyoyika ukwenza njalo, angahlala njalo ekoyikisa. Olu lulwazi olubaluleke kakhulu nolunokunceda inkundla ekwenzeni isigqibo sokuba alinde ukuxoxwa kwetyala lakhe ngaphandle kwentolongo na okanye hayi xa sele efunyenwe.


XA UMRHANELWA ENOKUTHI AKHUTSHWE NGENGQAWULE?


Ukuba umntu okudlwengulileyo unikezwe imvume yokuba alinde ukuxoxwa kwetyala lakhe ngaphandle, amapolisa kufuneka akwazise ngoku, kuquka nemiqathango ehamba nale mvume yakhe. Omnye yemiqathango yale mvume ehlala injalo kukuba akasayi kuvunyelwa ukuba athethe nawe okanye akoyikise nangayiphi na indlela. Ukuba uthe wathetha nawe okanye ophule nawuphi na umqathango, kufuneka uqhagamshelane nomcuphi ojongene netyala lakho uze unikezele ngaloo ngxelo.


ITYALA


Ngelishwa, ingalixesha elide ukuba ityala lakho liye enkundleni ukuze kuxoxwe, kwaye ukuba amapolisa awafumani bungqina baneleyo, umtshutshisi angagqiba ekubeni angamtshutshisi. Ukuba unazo naziphi na izikhalazo malunga nendlela amapolisa athe aliqwalasela ngayo ityala lakho, kufuneka ufake isikhalazo. Ungalufumana uncedo kuwo nawuphi na omnye wemibutho ethi incedane nabantu abasinde kubundlobongela bodlwengulo ngokulungiselela ukumiselwa kokuxoxwa kwetyala kwanangazo naziphi na iingxaki ezinokuba ziya kukhathaza.


Ngosuku lokuxoxwa kwetyala, zama ukwenza amalungiselelo nomtshutshisi ngaphambi kokuvulwa kwengxoxo, okuba wena uya kufika ngaphambi kokuvulwa kwenkundla ze ube nendawo eyodwa yokuhlala njengokuba usalinde ukuqala kwengxoxo, njengoko iqhelekile into yokuba umdlwenguli nabaxhasi bakhe benze izisongelo nezoyikiso usiva futhi bakoyikise nangezinye iindlela. Ezinye iinkundla zinamagumbi awodwa okulinda amangqina anokusetyenziswa endaweni yokulinda endleleni nje kunye nomdlwenguli kwanabaxhasi bakhe. Ukuba inkundla ayinalo igumbi elilodwalokulinda amangqina, cela umtshutshisi ukuba akuvulele enye i-ofisi ze ulinde.



IMIBUTHO ENIKEZELA NGENKXASO


Nantsi imibutho esebenza ngamaxhoba angamanina nangabantwana asinde kwiintshukumo zokuxhatshazwa (ngokwesondo) apha eNtshona Koloni.

UMBUTHO
INKCAZELO
INOMBOLO YOMNXEBA:

iLIFE LINE
Apha kunikezelwa ngenkonzo esebenza amashumi amabini anesine eeyure ngosuku ukuncedana namaxhoba odlwengulo
021 461 1111

iCHILD LINE
Apha kunikezelwa ngenkonzo esebenza amashumi amabini anesine eeyure ngosuku ukuncedana namaxhoba odlwengulo kubantwana
021 461 1114

ILITHA LABANTU
Apha kunikezelwa ngeentuthuzelo eziphangaleleyo kumaxhoba obundlobongela angamanina.
021 633 2383

iNICRO WOMEN'S SUPPORT CENTRE
Iingcebiso zeentuthuzelo kumanina axhatshazwe ngokwasemzimbeni
021 422 1690

iRAPE CRISIS (yase-Observatory)
Le ke yinkonzo yokuthuthuzela nokunika iingcebiso kumaxhoba okuphathwa gadalala ngokwesondo, maxhoba lawo abudala buli-14 nangaphezulu - isebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku.
021 447 9762

iRAPE CRISIS (yaseKhayelitsha)
Le ke yinkonzo yokuthuthuzela nokunika iingcebiso kumaxhoba okuphathwa gadalala ngokwesondo, maxhoba lawo abudala buli-14 nangaphezulu - isebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku.
021 361 9085

iRAPE CRISIS (Heideveld)
Counselling and advice for sexual assault survivors 14 years and older - 24hours
021 633 9229

iBLACK SASH
Apha kunikezelwa ngoncedo lwezomthetho oluphangaleleyo.
021 461 5607

iRAPCAN
Le ke yinkonzo ejoliswe ekuthinteleni ukuphathwa gadalala kwabantwana.
021 448 9034

iSAFELINE
Le yona yinkonzo yokuthuthuzela nokunikezela iingcebiso kubantwana abathe bafumana ukuxhatshazwa, ababudala buli-16 leminyaka nangaphantsi.
021 638 1156
08000 35553 (toll free)

iFAMSA
Eli ke liziko elinikezela ngenkonzo yokuthuthuzela neengcebiso kwiintsapho, kwizibini ezithandayo kwanakwimiba yomtshato.
021 461 4228

iTRIANGLE PROJECT
Le ke yinkonzo yokuthuthuzela kwimiba yesondo
021 448 3812

IZIKO LEENTLUNGU LWAMAXHOBA OBUNDLOBONGELA NOKUXHATSHAZWA
Le ke yinkonzo yokuthuthuzela kumaxhoba obundlobongela jikelele
021 465 7373



IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Izikhululo Zamapolisa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Unyango Kubantu Abaxhatshazwe Ngokwesondo/Abadlwengulweyo (IiNkonzo)
* Victims of Sexual Offences: What You Should Know! (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 16 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





