






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezolimo > Uncedo-mali & Nenkxaso > Ukufaka Isicelo Senkxaso-mali kule Nkqubo Yophuhliso Lwezixhobo Zolimo

Ukufaka Isicelo Senkxaso-mali kule Nkqubo Yophuhliso Lwezixhobo Zolimo




INKCAZELO:

Le Nkqubo Yophuhliso Lwezixhobo Zolimo ke ijolise kuxhaseni amaqela, abantu kwakunye noluntu olukweli candelo lwezolimo oluhlala kwiingingqi ezazisakuhleleleka kwilixa elingaphambili.

Le nto ke ithetha ukuba iSebe Lezolimo: kwiNtshona Kapa linikezela ngenkxaso yezimali ukuze kufumaneke izixhobo ezomeleleyo zolimo, eziya kuncedisa ekuphuculeni imisebenzi yolomo ze zomeleze nokubandakanyeka kolunmtu kweli candelo lezolimo.

Kukho ke iindlela ezithile emazilandelwe kwinkqubo yokufakwa kwesicelo:

* Isicwangciso soshishino okanye ke icebo lokuphunyezwa kwephulo elo, ngokwendlela thile, kufuneka lingeniswe.
* Ngamaqela, abantu noluntu kwiingingqi zokuhlala ezazisakuhleleleka kuphela olukufaka ezi zicelo.
* Zizixhobo ezomeleleyo zolimo kuphela eziya kunikelwa inkxaso-mali, nto leyo ke ithetha ukuba umsebenzi, iimbono kwakunye noqeqesho lwabasebenzi aluyi kuxhaswa ngazimali.
* Abantu abafumana imivuzo (nokuba sele bethabathe umhlala-phantsi) engaphezu kweyona isezantsi karhulumente, abantu abasebenzela urhulumente nooceba abanakho ukuzifaka izicelo zale nkxaso.

Icebo elo kufuneka libe liqulethe ulwazi ngoku kulandelayo:

* ubume belo qela ngokwasemthethweni
* ukuba loo mhlaba uyaqeshwa, kuya kufuneka isibhambathiso soko sesithuba sminyaka engekho ngaphantsi kwesihlanu
* kufuneka nidize inkxaso-mali ebebikhe nayifumana kulo naliphi na isebe likarhulumente
* uhlobo lweshishini elo
* ukubandakanyeka kwamalungu - uxanduva lwawo kwanezakhono
* ithemba eliza nelo phulo: ingeniso elindelekileyo, inani lezithuba zengqesho ezilindelekileyo, ukwanda kwengeniso
* uqeqesho analo amalungu
* imvelaphi neenzuzo kwakunye namathuba empumelelo eqela lakho kumaphulo angaphambili ndawonye nenkxaso-mali
* ubungqina bemali enisenayo ukumelana neendleko zephulo elo
* isixa senkxaso-mali enisifunayo ngokupheleleyo
* amanye amahlakani abandakanyekayo kweli phulo.

Amaphulo ayakuqwalaselwa kabini ngonyaka, ngenyanga kaTshazimpunzi nangeyeThupha.

Nceda uqwalasele ke ukuba inkxaso-malui efakelwe isicelo kunyaka-mali othile siyakuphunyezwa kuphela kunyaka-mali olandelayo.
Le ke yinkxaso-mali, hayi imali-mboleko yaye kuzo zonke izicelo zenkxaso-mali zamaphulo ezithe zaphunyezwa akulindelekanga ukuba iphinde ibuyiswe le mali.


IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinnye iinkcukacha, kwanendlela yokwenza icebo lokuphumeza iphulo, kufuneka kuqhagamshelwane nalo mntu ungezantsi apha.


* kuMaspala Wesithili Esikunxweme oluseNtshona
* isiXeko saseKapa
* uMaspala Wesithili soMbindi Karoo


Qhagamshelana:
noJerry Aries
Kule Nombolo Yomnxeba: 021 808 5199
jerrya@elsenburg.com


* kuMaspala Wesithili sase-Eden
* uMaspala Wesithili saseBoland
* uMaspala Wesithili sase-Overberg

Qhagamshelana:
no-Iaan Olckers
Inombolo Yomnxeba: 021 808 5103
iaano@elsenburg.com


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ii-Ofisi zeSebe Lezolimo leNtshona Kapa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Farmer Support and Development (Department of Agriculture, Provincial Government of the Western Cape)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Technology Development & Transfer: Extension Service to Farmers (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukusetyenziswa kwemitshini (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





