Ukucela ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo iqhube uphando lokuqonda ukuba
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukucela ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo i
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Ubudlelwane bezabasebenzi
Ukucela ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo i
Ukucela ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo iqhube uphando lokuqonda ukuba ingaba inkonzo ethile iyonke okanye inxenye yayo, iyinkonzo eyimfuneko engundoqo na
Inkcazelo
Xa kuthethwa ngenkonzo eyimfuneko engundoqo (essential service) kubhekiswa kwinkonzo, eyakuthi, xangaba iphazamisekile, yenze ingozi okanye idale umonakalo kubomi okanye kwimpilo yabantu.
ingaba inkonzo iyinkonzo eyimfuneko engundoqo na okanye hayi;
ingaba umqeshwa okanye umqashi ubandakanyeka kwinkonzo echongwe nejngenkonzo eyimfuneko engundoqo na okanye hayi.
Iqela elithumela le mbambano kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo kufuneka libonise ubungqina kwikomiti bokuba ikopi yesicelo sokuthumela imbambano ithunyelwe kuwo onke amanye amaqela abandakanyeka kwimbambano. Ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo kufuneka yenze isigqibo ngale mbambano kwamsinyane kangangoko inako.
Iinkonzo zePalamente, iNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika kunye nenkonzo yezeMpilo, ziinkonzo eziyimfuneko engundoqo.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Thumela ikopi yale fom kwelinye iqela elibandakanyeka kwimbambano.
Nika ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe kwelinye iqela eli libandakanyeka kwimbambano, ngokufaka:
Ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini; okanye
Ingxelo esayiniweyo yalo mntu uhambise ikopi yefom; okanye
Ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphina obunye ubungqina obanelisayo benkonzo.
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iyakuxhomekeka kumaqela abhengeza iinkonzo njengeenkonzo eziyimfuneko engundoqo.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
