﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Amapolisa > AmaPolisa eSixeko saseKapa

AmaPolisa eSixeko saseKapa




INKCAZELO:

AmaPolisa eSixeko saseKapa (CTCP) yinkonzo yamapolisa kamasipala. Umsebenzi ophambili we-CTCP kukunikezela inkonzo yobupolisa ngokuthi ibonakale rhoqo. Nawo akwabamba abantu ze anikezele nezohlwayo zeendidi zawo amatyala. Oku ingalulwaphulo-mthetho olunzima, amatyala eZithuthi kunye nemithetho kamaspala kwingingqi ngaphakathi kwiSixeko saseKapa.

Kodwa ke, awaphandi matyala emva kokuba abantu bebanjiwe, njengoko oku ingumsebenzi weeNkonzo zabaCuphi beNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS). Ayabelana ngemisebenzi yobupolisa kwizithuthi kunye neNkonzo yeziThuthi kwiPhondo.

I-CTCP ingohlulwa kwi-SAPS (nabanxiba izambatho ezifanayo eziluhlaza okwesibhabhaka) kunye namagosa ezothutho (anxiba iizambatho ezifanayo enobuhlaza/lubhelu obukhanyayo) ngezambatho ezifanayo yabo embala umnyama nomhlophe wokujonga inkcukacha. Iinqwelo-mafutha zabo nezithuthuthu zabo nazo zikwaphawulwe ngombala omnyama nomhlophe wokujonga inkcukacha.

I-CTCP yasekwa ngomhla woku-1 kweyoMnga ku-2001 phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-South African Police Services Amendment Act 1998. Kwezinye izixeko ezinjengeThekwini naseRhawutini, iinkonzo zezihamba-ndlela zathi ngokukhawuleza zayingxenye yeenkonzo zabo zamapolisa esixeko. EKapa, oku kuza kwenzeka ngokuthe chu kwaye uninzi lwamagosa ezihamba-ndlela aza kuba ngamapolisa esixeko ngonyaka ka-2010.

Wonke umntu ongene kwi-CTCP kufuneka afumane uqeqesho olulodwa kwiKholeji yoQeqesho lwamaPolisa kaMasipala ePhilippi ngaphambi kokuba abe lipolisa lesixeko.

Kukho ikomiti ebizwa ngokuba yi-Civilian Oversight Committee, nenoxanduva lokuqinisekisa ukuba i-CTCP isebenza ngendlela efanelekileyo. Le Komiti kufuneka icebise kwiBhunga leSixeko, xa iSixeko sibacelile, kuwo nawuphi na umba onxulumene ne-CTCP. Le Komiti iqulathe amalungu eBhunga eSixeko asixhenxe kwanoluntu lwasekuhlaleni olunabantu absixhenxe abasuka kwimimandla yoluntu.
I-CTCP inee-ofisi kwisixeko sisonke. Inee-ofisi ezimbini ezinkulu, eyokuqala iseKapa ize enye ibe seMitchell's Plain, nalapho le i-ofisi yaseMitchell's Plain iyiyo yodwa esebenza imini nobusuku kwiiyure ezingamashumi amabini anesine zokusebenza(Intloko ye-CTCP ngokwangoku nguMark Sangster.


IMIYALELO:

Ungaqhagamshelana no-Anton Visser kwiCivilian Oversight Committee kule nombolo yomnxeba: 021 400 1405 okanye: anton.visser@capetown.gov.za.

Xa ufuna ukuqhagamshelana ne-CTCP ngqo:

City of Cape Town City Police
Unity Building, Polka Square, Town Centre, MitchellÆs Plain
PO Box 7586, Roggebaai, 8012
Inombolo yomnxeba: 021 378 1500

City of Cape Town City Police
1 Adderley Street, Cape Town
PO Box 7586, Roggebaai, 8012
Inombolo yomnxeba: 021 400 1405
AmaPolisa eSixeko saseKapa nawo anaso isikhundla sothungelwano ngekhompyutha

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

City of Cape Town





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* iZiko Lonxibelelwano Olukhawulezileyo Noluntu lweSixeko saseKapa (IiNkonzo)
* Ukuseka iNkampani Yokuphuculwa Kwesixeko (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





