﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ulutsha Olusemngciphekweni > Uqeqesho Lwabantu Abaselula Kwizakhono Zobomi

Uqeqesho Lwabantu Abaselula Kwizakhono Zobomi




INKCAZELO:

iChrysalis Academy inikezela ngenkqubo yokuthintelwa kolwaphulo-mthetho ekuhlaleni, ijolise "kulutsha olusemngciphekweni". Injongo yale nkqubo ke kukuxhobisa abantu abaselula ukuba bakwazi ukumelana noboni babo kwanokubanika izixhobo zokukwazi ukuthabatha inxaxheba kuqoqosho ze babe ngabona bantu babonisa ithemba lempucuko kuluntu olukwiingingqi oluhlala kuzo

Le nkqubo iya kubathatha, njengophuhliso olumandla lomzimba, lwengqondo nolomphefumlo lubasuse kubomi bokuba ngabaphuli-mthetho nemigwu, ibase kubomi obuya kubaguqula njengabantu, kubanike ukhuseleko ngokwezimali kwanokuncedana noluntu kwiingingqi oluhlala kuzo. Eli ke linyathelo lokuthintela elingafaniyo nenkqubo yokunceda abo basele bonakele bengabaphuli-mthetho nemigewu. Oko ke kuthethe ukuba le nkqubo ijoliswe ekuphuhliseni abantu abaselula ibanike nezakhono ezibaxhobisayo ebomini, kunokusombulula okanye ukuzama ukulungisa iingxaki esele zikho zolwaphulo-mthetho nobugewu.

Abona bantu kujoliswe kubo ngabantu abaselula abaphakathi kwe-17 nama-22 eminyaka ubudala abaphumelele ubuncinci ibanga lesibhozo, abangaphangeliyo nabangazange babanjwe bavalelwe ngenxa yezenzo zolwaphulo-mthetho. Le nkqubo ke okwangoku ixhaswa zifumane nenkxaso-mali kuRhulumente wePhondo. IAcademy le ke yona isePorter Estate eTokai.

Yaqala ngenyanga yeSilimela ka-2000, inkqubo nganye ithatha phakathi kwekhulu nekhulu elinamashumi amabini abafundi balapha eNtshona Koloni, abakhethwe ngokwemigaqo enzima kakhulu. Ukuthabatha inxaxheba kweli phulo kuxhomekeke emntwini lowo, kusimahla kubo bonke abantu abathi bazimase.

Le nkqubo yahlula-hlulwe yangamanqanaba amahlanu:
1. Ithuba
2. Ukwaziswa
3. Elokuphumelna Ngaphandle
4. Izakhono
5. Noluntu Ekuhlaleni

InqanabaLethuba liquka ukubhengezwa kwale nkqubo kwimibutho yasekuhlaleni kwakunye nabantu abanokuba nomdla njengabafundi.

Amanqanaba amane aseleyo enza intsalela yeeveki ezilishumi elinesibini zale nkqubo. Kwinqanaba ngalinye lale nkqubo abafundi baya kusebenza kakhulu ze badliswe nokudlaliswa, ndawonye namacandelo ahlukeneyo ophuhliso lwengqondo nolwazi ngokubaluleka kolkuzimanya noluntu. Baya kufumana izakhono ezinokusetyenziswa emisebenzini.

InqanabaLokwazisa libeka isiseko ze liseke indlela yemisebenzi yamihla le apho ucoceko nokucoceka komntu ngamnye kugxininiswa khona. Oku ke kukhatshwa kukubekwa kweminqweno, ukukhuthazeka, ukusonjululwa kweengxaki kwanonxibelelwano. Abafundi aba bakwenza nezifundo zempilo nezokutya okusempilweni, ezoncedo lokuqala kwinqanaba lokuqala, ukulwa imililo kwakunye nolwazi ngendalo engqongileyo. Bathi ke emva koko bachithe iiveki ezimbini zenqanaba Wilderness e-Outward Bound, apho kukhangela ukuba bangenza de bafikelele kweliphi na inqanaba abafundi aba, apho bafundiswa banzi ngezinto abanokuzenza nabangenakuzenza, ndawonye nokusebenzisana nabanye abantu kwakunye namandla endalo. Ukwehla intaba ngentambo, ukudlala ngokuqhuba amaphenyane, ukwenyuka amatye kunye nokuhamba ngeenyawo ixesha elide zikho kweli nqanaba.

Xa kubuyelwa eKapa, abafundi bathi bavunyelwe ukuba bafumane iindwendwe okokuqala emva kokuqala kwale nkqubo. Ngeli xesha bonke abafundi bamel' ukuba balolongeke ngokugqibeleleyo, benomfutho yaye banokuzithemba okungummangaliso. Uninzi lwabafundi abatshayayo baya kuba bewuyekile lo mkhwa xa kuleli nqanaba.

Phantsi kweliso elibukhali leengcali zabaqeqeshi abasuka eWestlake Technical College, abafundi bafumana uqeqesho Kwizifundo Lwezakhono Ezingundoqo Zobunjineli kwezi veki zine zeli nqanaba Lezakhono .


* Ukulungiswa kwezithuthi
* ukutywina
* ukwakha ngezitena
* iintsimbi
* imisebenzi yokuchwela amaplanga
* izakhono ekulungiseni imibane kwakunye nezinye izifundo zithi zinikezelwe kwiiklasi zoqeqesho kwimisebenzi yezandla.


Ngo-2002 uqeqesho kwezokhuselo, ukuthungwa nokulungiswa kwempahla kwanokupheka njengeshishini zathi zafakwa njengengxenye yezifundo ezinikezelwayo apha.

Ukuqeqesha ezemidlalo kuye kufumaneke kweli nqanaba lale nkqubo.

Inqanaba lokugqibelaEliluluntu Ekuhlaleni lijolise ekulungiseleleni ukuphilisana noluntu ekuhlaleni yaye lijolise ikakhulu kwizakhono zokuqhuba ishishini elinempumelelo, ukwaziswa kwiikhompyutha kwakunye nomkhomba-ndlela wekhono lezifundo. Kukwenziwa nothotho lweentshukumo ezamkelekileyo eluntwini ezifana nobugcisa nokuchwela, ukucula, ichess nokufunda.


Kule nkqubo yonke abafundi kulindeleke ukuba bancedise uluntu ekuhlaleni yaye bayakhuthazwa ukuba babe ngamavolontiya. Ukuzimanya nokusebenzisana nemibutho yasekuhlaleni kuyakhuthazwa ngelixa kugxininiswa kakhulu ekuzimanyeni namaphulo emisebenzi yasekuhlaleni efana nokuqeqesha amaqela emidlalo yezikolo, ukuhamba-hamba ekuhlaleni ngeenjongo zokuqinisekisa ukhuseleko kwanokuphucula umgangatho wobomi babantu ekhayeni ngokuzimanya namaphulo okulima izityalo kwakunye nezinye iintshukumo zokucoca.
iSebe Elijongene Nemicimbi sele Benezidanga lilo elijongana nenkqubela yabo banezidanga isithuba seminyaka emihlanu emva kwezi zifundo yaye liqinisekisa ukuba ulwazi ngayo yonke imisebenzi yokuvolontiya okanye amathuba engqesho ayanikezelwa kwaba bafundi kwakunye neminye imibutho ebandakanyekayo kule nkqubo. Apho ingingqi ethile inabafundi abanezidanga abangamashumi amabini nangaphezulu, kuye kwasekwa amaqela asekuhlaleni okuncedisana nokunika aba bafundi inkxaso abayidingayo. Abafundi abanezidanga badingwa kakhulu yaye ama- 67% kubo bathi baqeshwe ngamashishini angaphezu kwamashumi asixhenxe alapha eNtshona Koloni. Abafundi abanezidanga abangekaphangeli bathi bafakwe kumaphulo afana neSwimsafe neBambanani kwakunye nothotho lwamanye amaphulo aqhutywa ngamasebe nemibutho eyahlukeneyo yaseburhulumenteni.


IMIYALELO:

iChrysalis Academy le ijolise ikakhulu kubantu abasebatsha abaphakathi kwe-17 nama-22 eminyaka ubudala, abasuka kwiingingqi ezihlelelekileyo ezilapha eNtshona Koloni. Ukuba ungathanda ukuzimanya neChrysalis Academy, kufuneka:
* ube kanti akuphangeli
* ube waphumelela ibanga lesibhozo ubuncinci
* ube kanti awuzange wabandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulo-mthetho
* ube uhlala apha eNtshona Koloni.

Noxa kunjalo ke, usenakho ukusifaka isicelo sakho ngoku ungamelani nezinye iimfuno zale nkqubo. Umzekelo, ukuba wawukhe wabandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulo-mthetho okanye akunayo imfund eyaneleyo efunwayo apha, ungavunyelwa ungene ukuba isebe likarhulumente okanye umbutho ongajonge ngeniso uthi ukuthumele apho kwiChrysalis Academy, emva kokusiqwalaselisisa isicelo sakho. Kwakhona, ukuba awungowalapha eNtshona Koloni usengeza kule Academy, kodwa ke kusenokufuneka ukhuphe intlawulo ethile.

Ukuze ube nokufaka isicelo sokuya eChrysalis Academy, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ze uthumele isicelo eso nge-email okanye ngefeksi eChrysalis Academy kule nombolo 021 712 1075. Usenakho kanti nokuyityelela okanye uqhagamshelane neChrysalis Academy apha:

uChrysalis Academy
ePorter Estate, eTokai, eKapa
Private Bag X2, eTokai, 7966
Inombolo Yomnxeba: 021 712 1023
Inombolo Yefeksi: 021 712 1075
admin@chrysalisacademy.org.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Child Justice Project Brochure (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 131 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* The Child Justice Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uMatshi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





