






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezolimo > Iinkcukacha-manani, Ulwazi & Nophando > Amaphetshana enkcazelo ase-Elsenburg

Amaphetshana enkcazelo ase-Elsenburg




INKCAZELO:

ISebe lezoLimo laseNtshona Koloni liye laqulunqa imiqulwana yenkcazelo emininzi apho kunikwa khona iinkcazelwana ezimfutshane kwiinkalo ngeenkalo zezolimo.

Iphetshana ngalinye kula maphetshana enkcazelo angamashumi alithoba anesine (94) lifumaneka ngesiBhulu, ngesiNgesi nagesiXhosa, yaye libhalwe ngolwimi oluqondakala lula. Nakubeni ejoliswe kakhulu kubalimi abasaqalayo, abalimi abasele benamava bangavuna lukhulu nabo kula maphetshana zenkcazelo. Kusetyenziswe nemifanekiso kuzo zonke ngeenjongo zokuzenza ziqondakale msinyane.La maphetshana enkcazelo ke akho phantsi kwezi nkalo zilandelayo:
* Izilwanyana: Izifo
* Izilwanyana: Ukuxheshisa
* Izilwanyana: Ulawulo
* Izilwanyana: Iintlobo
* Izilimo: Imifuno
* Izilimo: Ezinye
* Ulawulo lwemali
* Ukulima iziqhamo
* Ukunkcenkceshela
* Ukusetyenziswa kwemitshini
* Umhlaba
* Imithi



IMIYALELO:

Jonga amaphetshana enkcazelo simahla apha www.elsenburg.com okanye uthenge amaphetshana eenkcukacha zemiboniso njengoko zokwenza imiboniso.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Department of Agriculture (Provincial Government of the Western Cape)


IXABISO:

Onke amaphetshana enkcazelo kuvimba weenkcukacha wase-Elsenburg, i-Elsenburg website.

Izilayidi zemibala zephetshana ngalinye kula maphetshana enkcazelo lingathengwa ngokukodwa ngofuna ukulisebenzisa kwintetho-nkcazelo, ngala maxabiso alandelayo:
Amancinane (10 izilayidi okanye ngaphantsi) - R100.00
Aphakathi (11- 25 izilayidi) - R170.00
Amakhulu (26 izilayidi okanye ngaphezulu) - R240.00

Ngeli xabiso libonisiweyo uya kufumana ZONKE izilayidi zephetshana lenkcazelo elithile. Ngamanye amazwi ke, iphetshana lenkcazelo elinezilayidi ezisibhozo liya kukudla i-R100, ngelixa iphetshana lenkcazelo elinezilayidi ezingama-20 lona liya kukudla i-R170. Eli xabiso libonisiweyo alizibandakanyi iindleko zokuwathumela.
Kananjalo, phezu kwezi zilayidi uya kufumana nekopi yephetshana eli simahla ibhalwe ngesiBhulu, ngesiNgesi nangesiXhossa.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Agricultural Policy in South Africa (1998) (Umgaqo-nkqubo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Iinkcukacha Ezingundoqo Ngezolimo (IiNkonzo)
* Statistical Information on the Agricultural Sector (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* I-Agri-Outlook: Iinkcukacha ezikuvimba wekhompuyutha ezingezoLimo eNtshona Koloni (IiNkonzo)
* iRadio Elsenburg (IiNkonzo)
* Ithala Leencwadi Neenkonzo Zolwazi zase-Elsenburg (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uMeyi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





