﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukunqanda Ubundlobongela > Ukukhuselwa Kubundlobongela Basekhaya

Ukukhuselwa Kubundlobongela Basekhaya




INKCAZELO:

Ukuba ulixhoba lobundlobongela basekhaya kwaye umntu okuphatha gadalalangumntu owalamene naye ngokwasekhaya, ungenza isicelo somyalelo wokhuseleko phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-Domestic Violence Act. Umyalelo wokhuseleko uneemeko ezithile ezimisa ukuba lo mntu okuphatha gadalala angazenzi. Ukuba lo mntu ukuphatha gadalala uthe akazithobela ezi meko, angabanjwa. Ukuba oku kuphathwa gadalala kuquka isenzo solwaphulo-mthetho, kungafakwa isimangalo sokwenza ityala elinjalo.

La magama 'ukwalamana ngokwasekhaya' aquka ukwalamana ngeendlela ezininzi. Ukwalamana ngokwasekhaya nomntu othile xa:
* Nitshatile okanye nanitshatile nobabini, nokuba nihlala kunye nokuba anihlali kunye
* Ukuba ningamaqabane abelana ngesondo, nokuba nihlala kunye nokuba anihlali kunye
* Naniza kutshata okanye niza kutshata, nisafunana okanye nalamana ngokwamasiko, okanye nayiphi na indlela yokwalamana ocinga ukuba okanye iqabane lakho elikholelwa ekubeni niyathandana
* Nikhe nanokwalamana ngokwabelana ngesondo, nokuba lixeshana nje elingephi
* Ningabazali bomntwana
* Nabelana okanye kutshanje nihlala kwikhaya elinye okanye kwindawo yokuhlala enye.


'Ukuphathwa gadalala ekhaya' kuquka:
* ukuphathwa gadalala ngokwasemzimbeni
* ukuphathwa gadalala ngokwesondo
* ukuphathwa gadalala ngokwasemphefumlweni
* ukuphathwa gadalala ngokwentetha
* ukuphathwa gadalala ngokwasengqondweni
* ukuphathwa gadalala ngokwezoqoqosho
* isoyikiso
* ukuzungulwa
* umonakalo kwimihlaba nezakhiwo
* Xa ningahlali kunye, ukungena kwisakhiwo sakho ngaphandle kwemvume yakho.
* Nayiphina indlela engenye elawulayo enokubangela umonakalo kukhuseleko lwakho, impilo okanye indlela ophila ngayo.


Xa ucela umyalelo wokhuselo, awufaki tyala lalwaphulo-mthetho kwaye akukho mfuneko yakwenza tyala lolwaphulo-mthetho ukuze ufumane umyalelo wokhuseleko. Kodwa ke, ukuba ulixhoba lodidi oluthile lokuphathwa gadalala ekhaya olukwalulwaphulo-mthetho, ungazikhethela ukwenza isicelo somyalelo wokhuseleko, okanye ufake ityala lolwaphulo-mthetho okanye uzenze zombini. Izenzo zokuphathwa gadalala nezikwa lulwaphulo-mthetho ziquka ukuhlasela okuqhelekileyo, ukuhlasela ngeenjongo zokubangela iintlungu emzimbeni, ukuhlasela okungafanelekanga, ukudlwengula, umbulo, ukuzama ukubulala, ukonakalisa ngolunya imihlaba nezakhiwo, ukukhomba ngompu kunye nokuphatha gadalala izilwanyana.

Xa sele unawo umyalelo wokhuseleko, ukuba umntu okuphatha gadalala uye wayophula imiqathango yomyalelo wokhuseleko, oko lulwaphulo-mthetho kwaye angamangalelwa ngokwenza ulwaphulo-mthetho lokudela inkundla (nokuba isenzo solwaphulo lwemiqathango silulwaphulo-mthetho, umzekelo, indlela yokulawula). Ukuba olu lwaphulo luquka ulwaphulo-mthetho olunjengokuhlasela, angamangalelwa ngokudela inkundla kunye nokuhlasela.

Xa unomyalelo wokhuseleko kuthetha ukuba unegunya lokuba umntu okuphatha gadalala abanjwe nangaliphina ixesha esenza isenzo sokukuphatha gadalala. Okufuneka ukwenzile kukuzisa ingxelo yokuba waphule imiqathango emimiselwe kwaye amapolisa kufuneka athathe inyathelo ngokukhawuleza.

Ngaphambi kokuba ufumane umyalelo wokhuseleko, ungafumana umyalelo wokhuseleko wexeshana ngokukhawuleza okukhulu ngokugcwalisa amaphetshana athile kwaye lo myalelo wethutyana uya kuchaza ngokukodwa umhla ekuya kuthi kuqwalaselwa ngawo umyalelo wokugqibela (umhla wokubuyiswa). Xa sele kwenziwe umyalelo wokugqibela, oku kuya kuba sisigxina kwaye oku kungatshintshwa kuphela ngokufakwa kwesicelo kwiinkundla.
Iindidi zokhuseleko onokuthi ulufumane kumyalelo wokhuseleko ziquka iimeko apho:
* Umntu okuphatha gadalala kungafunekanga ukuba enze nasiphina isenzo sokukuphatha gadalala ekhayeni.
* Umntu okuphatha gadalala kufuneka akuhlawule irente, iintlawulo zokubambisa okanye ezinye iimali ezingxamisekileyo.
* Amapolisa kufuneka athimbe nayiphi na imipu okanye izixhobo ezinobungozi anazo umntu okuphatha gadalala.
* Amapolisa kufuneka ahambe nawe ze akuncede uqokelelele izinto ezizezakho.
* Idilesi yakho akufunekanga ibhalwe nandawoni na kumyalelo wokhuseleko.



IMIYALELO:

Inyathelo lokuqala lokufumana umyalelo wokhuseleko kukuba wena ugcwalise iphetshana uForm 2: Isicelo Somyalelo Wokhuseleko .


* Kufuneka ndiye phi?
* Ingaba kufuneka ndizenzele ngokwam isicelo? Ndingamenzela omnye umntu isicelo?
* Loluphi ulwazi / ingcaciso endiyidingayo?
* Kuza kwenzeka ntoni ndakugqiba ukugcwalisa iphetshana lesicelo?
* Uya kunikezelwa nini umyalelo wokhuseleko wethutyana?
* Kwenzeka ntoni xa sele ndinikwe umyalelo wethutyana?
* Kwenzeka ntoni xa ndingawunikwanga umyalelo wethutyana?
* Kwenzeka ntoni ngosuku lokubuya?
* Kuphantsi kwaziphi iimeko apho kuya kuthi kunikezelwe umyalelo wokhuseleko wokugqibela?
* Kuphantsi kwaziphi iimeko apho kuya kuthi kubekelwe bucala umyalelo wokhuseleko (unganikezelwa)?
* Kuphantsi kwaziphi iimeko apho eli tyala liya kuthi lixoxelwe enkundleni?
* Kwenzeka ntoni xa sele kunikezelwe umyalelo wokhuseleko wokugqibela?


KUFUNEKA NDIYE PHI?

U-Form 2 uyafumaneka kwizikhululo zamapolisa neenkundla kwakunye nakwesi sikhundla sothungelwano ngekhompyutha, nangona amapolisa esenokukugqithisela kwiinkundla ukuze uncediswe ekugcwaliseni eli phetshana. Amapolisa aya kukunika noForm 1, oluxwebhu olukucacisela ngamalungelo akho. Ukuba wonzakele okanye ufuna indawo engenye yokuhlala ngenxa yokuphathwa gadalala, amapolisa kufuneka akuncede ekufumaneni unyango ze akuncede ekufumaneni unyango aphinde akuncede ekufumaneni indawo ekhuselekileyo yokufihla intloko.

Nayiphi na inkundla ejongene nommandla ohlala kuwo okanye osebenza kuwo, okanye ekummandla apho umntu okuphatha gadalala asebenza kuwo okanye ahlala kuwo okanye ekummandla apho esi siganeko sokuphathwa gadalala senzeke khona, ingakunika umyalelo wokhuseleko. Ngokwesiqhelo kufuneka uye kwinkundla ngamaxesha evulwe ngawo inkundla (phakathi evekini, 8:00 - 16:00). Emva kweeyure zomsebenzi, izicelo ziya kuqwalaselwa kuphela xa unokubonisa ukuba uya kusokola kakhulu ukuba lo mba uthe awaqwalaselwa ngokukhawuleza.

Iinkundla ezithile zinegumbi elibekelwe bucala ukujongana namatyala obundlobongela basekhaya. Abantu abazigqatsayo baye ngamanye amaxesha bafumaneke ekukuncediseni xa ugcwalisa uForm 2 kwakunye nonobhala wenkundla angakwazi ukukunceda. Lo nobhala wenkundla uya kukunika noForm 3 ochaza ngendlela osebenza ngayo umyalelo wokhuseleko ze akulumkise nangokuba ungathethi buxoki xa ugcwalisa uForm 2 njengoko oku ilityala lolwaphulo-mthetho.

INGABA KUFUNEKA NDIZENZELE NGOKWAM ISICELO ? NDINGAMENZELA OMNYE UMNTU ISICELO?

Omnye umntu angakwenzela isicelo. Okufunekayo yimvume yakho ebhalwe phantsi yokwenza oku. Ukuba ungumntwana (ongaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala), okhubazekileyo ngengqondo, ongekho zingqondweni okanye ongakwaziyo ukunikezela ngemvume kuso nasiphi na isizathu esisesinye, omnye umntu angakwenzela isicelo ngaphandle kwemvume yakho. Ukuba ungumntwana, ungasenza isicelo somyalelo wokhuseleko ngaphandle kokuncediswa ngabazali, umntu okugcinayo, okanye nokuba ngubani na umntu ongomnye. Ukuba wenzela umntwana isicelo, ungakwenza oko ngaphandle kwemvume yabazali bomntwana, umntu omgcinayo okanye ngoncedo lwakhe nabani na.

LOLUPHI ULWAZI / INGCACISO ENDIYIDINGAYO?

U-Form 2 uqulethe intaphane yamacandelo.

Isigaba 1: Umenzi wesicelo

Olu lulwazi malunga nomenzi wesicelo, okwabizwa ngokuba ngummangali. Ungumenzi wesicelo ngaphandle kokuba wenzela omnye umntu esi sicelo, nalapho olu lwazi malunga owenza esi sicelo egameni lakhe - umntu olixhoba lokuphathwa gadalala. Kuya kufuneka unikezele ngenombolo yencwadana yesazisi yomenzi wesicelo, idilesi yasekhaya neyasemsebenzini, iinombolo zomnxeba, umsebenzi, nobudlelwane nexhoba (umzekelo, uyinkosikazi, usisihlobo okanye ungumntu ohlala naye kwindawo eniyiqeshileyo) kumntu ophethe gadalala ummangalelwa.

Isigaba 2: Ukuba awunguye umntu owenza isicelo

Akukho mfuneko yakuligcwalisa eli candelo ukuba uyazenzela esi sicelo. Kodwa ke, ukuba wenza isicelo egameni lomnye umntu, olu lulwazi malunga nawe luyafuneka. Oku kuquka inombolo yakho yesazisi, idilesi yasekhaya neyasemsebenzini, iinombolo zomnxeba, umsebenzi, nobudlelwane bakho nexhoba (umzekelo, ungumhlobo wakho,ulilungu lebhunga okanye ipolisa), isizathu sokwenza esi sicelo, kwakunye nokuba unemvume esuka kuloo mntu umenzela esi sicelo.

Isigaba 3: Ummangalelwa

Ulwazi malunga nomntu ophatha gadalala (ummangalelwa) luquka inombolo yesazisi sakhe, idilesi yasekhaya neyasemsebenzini, iinombolo zomnxeba nomsebenzi. Iidilesi zibaluleke kakhulu. Ukuba awuzazi iidilesi, kufuneka unikezele naluphi na ulwazi apho anokufumaneka khona olunjengeendawo zomjuxuzo okanye abahlobo athi abatyelele rhoqo. Oku kwenzelwa ukuba umgwebi wesithili akwazi ukumfuna amfumane.

Isigaba 4: Abanye abantu abachaphazelekayo

Iinkcukacha zakhe nabani na omnye umntu ochaphazelekayo kubundlobongela basekhaya, ukuba bachaphazeleka njani nokuba nabani na omnye kubo ukhubazekile na.

Isigaba 5: Ingxelo yempatho-mbi
Isigqibo esifungelweyo (ingxelo) esisuka kuwe sichaza ngeentshukumo zobundlobongela basekhaya ezenziwa ngulowo ukuphethe gadalala, ngxelo leyo iquka nenkcazelo ngezixhobo okanye imipu esetyenziswe kobo bundlobongela, wonzakele njani futhi ngaba udinga unyango lwezempilo na.

Isigaba 6: Naziphi na iinkcukacha ngokuba singxamiseke kangakanani na eso sicelo. Umzekelo, kunokungxamiseka ukuba unesizathu sokoyikisela ukuba umntu okuphethe kakubi angaphinda enze intshukumo yobundlobongela kuwe kungekudala, kuba efumene isixhobo okanye ukhe wakoyikisa okanye kwenzeke into ezakumenza aphinde avukwe bubundlobongela.

Isigaba 7: Yeyiphi imiqathango oyidingayo kulo myalelo wokhuseleko?

Le miqathango kufuneka ihambelane neentlobo zobundlobongela oziqwalaseleyo. Umzekelo, ukuba uchaze impatho-mbi ngokoqoqosho, kufuneka ucele ukuba omnye wemiqathango ibe kukuba lo mntu makangaphindi akuphathe gadalala ngokoqoqosho. Eli phetshana lesicelo linoluhlu lwemiqathango yaye wena umelwe nje kukukhetha iibhokisi ezifanele olo hlobo lobundlobongela. Musa ukuzikhetha zonke ezi bhokisi njengoko ezinye zikwakhabana, ngoko ke thabatha isigqibo esicingisisiweyo ngokuba ufuna khuseleko luni.

Isigaba 8: Nayiphi na imiqathango eyongezelelweyo
Usenakho nokucela ukuba kufakwe imiqathango engekhoyo kuluhlu lokuqala. Eminye yale miqathango idwelisiwe yaye wena kudingeka nje ukuba ukhethe nje iibhokisi ozidingayo ze ugcwalise iinkcukacha. Kukwakho nesikhundla sokufaka nayiphi na imiqathango enokuba ayidweliswanga apho.

Isigaba 9: Impahla yakho
Uluhlu lwempahla oyibona iyeyakho kuphela. Oku kubalulekile ukuba ucele uncedo kumapolisa ukuba akulandele impahla yakho.


KUZA KWENZEKA NTONI EMVA KOKUBA UGCWALISE ELI PHETSHANA LESICELO?


Xa uForm 2 sele egqityiwe, kufuneka kuqinisekiswe ngokuthi amapolisa atyikitye phantsi ze afake isitampu sawo. Oku ke kuthetha ukuba kufuneka isifungo phambi komkomishinala wezifungo apho uvuma ukuba wazi futhi uqonda konke okubhale kuForm 2, ukuba awali ukuthabatha isigqibo esifungelweyo yaye usibona esi sifungo njengesibophelela isazela sakho. Oku kunokwenziwa kwisikhululo samapolisa, kwiinkundla yiJaji Yoxolo, okanye ngumantyi.


Xa uForm 2 sele egqityiwe ze waqinisekiswa ngamapolisa, kufuneka uyise kunobhala wenkundla, oya kuthi yena agcwalise elinye iphetshana lesicelo elibizwa ngokuba nguForm 4: Umyalelo Wokhuseleko Wethutyana ze axele akunike nosuku ekufuneka ubuye ngalo (usuku ekuza kuthi kuqwalaselwe owona myalelo wokhuseleko lwakho wokugqibela) ukuza kuxoxa eli tyala. Unobhala lo uya kukunikezela zombini uForm 2 noForm 4 kumantyi, yena onokuzityikitya ezo mpepha enikezela nangomyalelo wokhuseleko wethutyana


UYA KUNIKEZELWA NINI UMYALELO WOKHUSELEKO WETHUTYANA?


Kwezinye iinkundla, umantyi usenokudibana nawe ixeshana nje elingephi phambi kokuba akunike lo myalelo ukuze akubuze nayiphi na imibuzo anayo ngesi sicelo sakho sokhuseleko olungxamisekileyo. Kwezinye iinkundla, kuya kufuneka ubuye emva kosuku okanye ezimbini ukufumanisa ukuba uza kuwunikwa na umyalelo wokhuseleko wethutyana, ngexa kwezinye iinkundla ezi mpepha zesicelo zinokugcwaliswa kwangolo suku, ngokubanzi, oku kuxhomekeka ekubeni inkundla leyo ixakeke kangakanani na, nokuba isicelo sakho singxamiseke kangakanani na.


KWENZEKA NTONI XA UMYALELO WOKHUSELEKO WETHUTYANA UKHUTSHIWE?


Xa sele uwunikiwe, uya kunikwa ikopi yomyalelo wethutyana yaye nayo iya kunikezelwa kumntu okuphethe kakubi ngamapolisa, okanye ukuba ungamelana neentlawulo zoMthunywa Wenkundla, uya kunikezelwa ngumthunywa lowo (apha eMzantsi Afrika, lo mthunywa ligosa lenkundla elijongene nokunikezela ngeempepha ekufuneka zinikezelwe kumatyala abandakanya abemi balapha). Umyalelo wokhuseleko wethutyana awusebenzi de ube kanti ukhutshiwe wanikezelwa kulowo kufuneka ewufumene. Ukunikezelwa komyalelo wethutyana ngamapolisa kusimahla. Ukuba ungamelana neentlawulo zeenkonzo, kungcono ukucela uMthunywa wenkundla kuba amapolisa enamatyala amaninzi ekufuneka ejongene nawo futhi enokuthatha ixesha elide kunomthunywa. Unobhala wenkundla usenokwenza amalungiselelo okuthunyelwa kwalo myalelo ngeposi ebhalisiweyo nekhawulezayo, kodwa ke oku kubandakanya intlawulo yaye akunakusebenza ukuba umntu okuphethe gadala akayi kuzilanda ze atyikitye ukuba uzifumene ezo mpepha kuloo ofisi yeposi.

Nabani na odlulisela lo myalelo kummangalelwa kufuneka anike unobhala wenkundla iphetshana 'lokubuya kwenkonzo' ukuqinisekisa ukuba uwudlulisele kulowo uthunyelwa kuye umyalelo wexeshana, futhi iphetshana eligunyazisa ukubanjwa kwalowo uphethe omnye kakubi (uForm 8) linikezelwa kuwe. Esisigunyaziso sisebenza kuphela ukuba umntu okuphethe kakubi waphula imiqathango yomyalelo wokhuseleko wethutyana

Ukuba awulifumani phetshana eligunyazisa ukuvalelwa komntu okuphethe gadalala kufuneka uye kulilanda enkundleni. Ukuba neli phetshana kuthetha ukuba xa anokuthi umntu okuphethe gadalala ophule imiqathango yomyalelo wokhuseleko wethutyana ungenza ukuba avalelwe okanye abekwe ityala ngokuthi uye emapoliseni ze uwanike esi sigunyaziso sokuvalelwa kwesi sihange kwakunye nesigqibo esifungelweyo(uForm 10) esichaza ukuba uyophule njani na imiqathango yalo myalelo. Amapolisa ke kuya kufuneka amvalele ukuba kuyabonakala ukuba ungazifumana ukwenye ingozi ngenxa yoku.

Umyalelo wokhuseleko wethutyana uya kuba nosuku olubizwa ngokuba 'lusuku lokubuya' apho kuwo. Ngolu suku wena (mntu ofaka isicelo) kwanalowo ukuphethe gadalala (ummangalelwa) niya kuba nethuba lokunika inkundla ezinye iinkcukacha ngale mapatho-mbi, futhi nemiqathango ekulo myalelo iya kuqinisekiswa, itshintshwe okanye ibekelwe bucala ngumantyi, kumyalelo wokhuseleko wokugqibela. Usuku lokubuya lungangabi ngaphambi kweentsuku ezilishumi emva kokunikezelwa kwalo myalelo.


KWENZEKA NTONI XA UMYALELO WOKHUSELEKO UNGAKHUTSHWANGA?


Kumanye amatyala, umantyi unokugqiba ekubeni angawukhuphi umyalelo wokhuseleko wethutyana. Endaweni yawo, isaziso (uForm 5) siya kunikezelwa kulowo ukuphethe gadalala, apho kuya kubakho nosuku lokubuya, saziso eso esiya kube silumkisa nalowo ukuphethe gadalala ukuba avele enkundleni ngolo suku ze anike nezizathu zokuba kutheni na engenakuwukhutshelwa umyalelo wokhuseleko. Akukho sigunyaziso sakuvalelwa sikhutshwayo ngeli thuba.


KWENZEKA NTONI NGOSUKU LOKUBUYA?


Ngosuku lokubuya, umyalelo wakho wokhuseleko wokugqibela ungakhutshwa. Lo ngumyalelo osisigxina yaye uya kusebenza de umantyi aphumeze isicelo sokuwubekela bucala. Ngosuku lokubuya, ityala lakho liya kuqwalaselwa kwi-ofisi kamantyi, hayi kwinkundla evulelekileyo. Kule ofisi akuyi kubakho mntu wumbi ngaphandle kwamagosa enkundla nabantu abachaphazeleka ngqo kulo mba. Kusenjalo, unokuza nabantu abaya kuma kwisithathu abaza kukuxhasa. Wena okanye ummangalelwa ninganawo amagqwetha animeleyo kulo naliphi na inqanaba lokuxoxwa kweli tyala. Akukho nabani na ovumeleke ukuba ashicilele okanye adize iinkcukacha zakhe nabani na ochaphazelekayo kweli tyala. Idilesi yekhaya lakho nayo ayinakudizwa kuzo naziphi na iimpepha okanye iinkqubo ezinento yokwenza nomyalelo wokhuseleko ukuba ufaka isicelo soko kuForm 2 (ngaphandle kokuba kunyanzelekile ukwenzela ukuchaza imiqathango yalo myalelo wokhuseleko).


KUPHANTSI KWAZIPHI IIMEKO APHO UMYALELO WOKHUSELEKO WOKUGQIBELA UNOKUKHUTSHWA KHONA?


Ukuba umntu okuphethe gadalala akawukhabi lo myalelo, okanye ukuba akakho kodwa kukho ubungqina bokuba wasifumana isaziso somyalelo wokhuseleko wethutyana, okanye ukuba nobabini anikho kodwa bukho ubungqina bokuba umyalelo wokhuseleko wethutyana wanikezelwa, umyalelo wokhuseleko wokugqibela ungakhutshwa.


KUPHANTSI KWAZIPHI IIMEKO APHO UMYALELO WOKHUSELEKO UNGABEKELWA BUCALA (UKHATYWE)?


Ukuba nobabini anizimasi, yaye akukho bungqina bakunikezelwa komyalelo wokhuseleko, umyalelo wokhuseleko wethutyana ungabekelwa bucala. Ukuba nguwe wedwa ozimasayo futhi akukho bungqina bakunikezelwa komyalelo, umyalelo wokhuseleko ungahlehliselwa olunye usuku lokubuya. Ukuba nguwe wedwa ofikayo okanye nithi nifike nobabini, ze nicele ukuba umyalelo wokhuseleko wethutyana ubekelwe bucala, uya kubekelwa bucala ngokwesicelo eso.


KUPHANTSI KWAZIPHI IIMEKO APHO ELI TYALA LIYA KUTHI LIYE ENKUNDLENI?


Ukuba umntu okuphethe gadalala ukho yaye uyakulwa ukukhutshwa komyalelo wokhuseleko wokugqibela, tyala elo liya kuya enkundleni, okuthetha ukuthi ke umantyi uya kumamela bonke ubungqina obuza nawe okanye nalo naliphi na ingqina ze enze isigqibo. Enkundleni, umantyi angayalela ukuba nakuphi na ukuswantsuliswa kwakho okanye naliphi ingqina ngulowo ukuphethe gadalala ngemibuzo (apho ingelogqwetha elimfakela imibuzo) kwenziwe ngoyibuza loo mibuzo kwinkundla ze umantyi yena ayidlulisele kuwe ngokwakhe, ukuze umenzi lowo wobubi angabi nakukubuza ngqo. Kufuneka ukucele oko ukuba ucinga ukuba uya kuziva usoyika futhi uphantsi kwezisongelo xa ufakwa ekufaka imibuzo.

Ukuba ekuxoxweni kweli tyala inkundla ithi ifumanise ukuba xa ithi ithelekise ubungqina - ukuba kukhangaleka kakhulu ngathi umntu okuphethe kakubi (ummangalelwa) uzibandakanye okanye uzibandakanya kwintshukumo yobundlobongela basekhaya, iya kuthi ikhuphe umyalelo wokhuseleko wokugqibela.


KWENZEKA NTONI XA UMYALELO WOKHUSELEKO WOKUGQIBELA UKHUTSHIWE?


Isigunyaziso sokuvalelwa sikhutshwa ngoko nangoko ekukhutshweni komyalelo wokhuseleko wokugqibela, kodwa ubekelwa bucala okweli thuba umntu okuphethe gadalala engayophuli imiqathango yomyalelo wokhuseleko. Kufuneka uqinisekise ukuba isigunyaziso sokuvalelwa kwalo mntu sikuwe. Ukuba nesi sigunyaziso kuthetha ukuthi ukuba umntu okuphethe gadalala uthi ophule nawuphi na kwimiqathango yomyalelo wokhuseleko, ekufuneka ukwenzile kukugcwalisa isigqibo esifungelweyo (kuForm 10) apho uchaza khona ukuba imiqathango yalo myalelo yaphulwe njani, ze unikezele eso sigqibo sakho sifungelweyo nesigunyaziso sokuvalelwa kwalo mntu emapoliseni, wona ekufuneka emvalele ngoko nangoko ukuba kuyacaca ukuba ungaphinda ube phantsi kwenye intlungu genxa yakhe. Ukuba akubonakali ngathi ungaphinda ufumane enye intlungu, amapolisa angathi ke anike umntu lowo ukuphethe gadalala isaziso sokuba avele enkundleni ngetyala lolwaphulo-mthetho lokwaphula imiqathango yomyalelo wokhuseleko.

Ukuba uthi usisebenzise isigunyaziso sokuvalelwa komntu okuphatha gadalala (sinokusetyenziswa kube kanye kuphela 'ekusetynzisweni sirhoxiswe') futhi udinga esesibini, okanye isigunyaziso sokuvalewa sokuqala silahlekile okanye satshatyalaliswa, ungafaka isicelo sesinye (kuForm 9)
Ukuba umntu okuphethe gadalala ufunyaniswe enetyala lokwaphula imiqathango yomyalelo wokhuseleko kwityala lolwaphulo-mthetho, angadliwa okanye agwetyelwe ejele ixesha eliyiminyaka engadlulanga kwisihlanu.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* INkundla kaMantyi
* Iindawo Zokuhlala Amakhosikazi Abephethwe Gadalala


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* The Domestic Violence Act (UMthetho) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Domestic Violence Destroys our Society: Heal our Families, Heal our Nation (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uMeyi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





