﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukhuseleko Ekuhlaleni > Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo

Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo




INKCAZELO:

Abantu abasebenzela uxolo bahamba-hamba apha ekuhlaleni yaye bayafumaneka ukuncedisa kuyo nayiphi na imeko yengxwaba-ngxwaba engenazigalo. Ezinye iinkonzo ezinikezelwayo ziquka ukuya kwiziganeko ezinkulu, ezifana nemingcwabo, enokuba nobundlobongela. Abantu abasebenzela uxolo banceda iindawo abahlala kuzo ixesha elingangonyaka. Nabani na obudala buyiminyaka ephakathi kwe-18 nama-35, ongaphangeliyo, ofikeleleyo kwibanga lesibhozo okanye ngaphezulu esikolweni yaye ongazange wabekwa tyala lakwaphula mthetho angasifaka isicelo sokusebenzela uxolo. Abantu abasebenzela uxolo baqeqeshwa yePeace and Development Project yeSebe Lokhuseleko Loluntu, exhaswa ngezimali ngurhulumente waseJamani. Abantu abasebenzela uxolo ABAHLAWULWA. Noxa kunjalo, njengomntu osebenzela uxolo, uya kufumana:
* iipasile zokutya ngexesha ngalinye olingenileyo emsebenzini
* ukuthuthwa ukuya nokusuka kwezo ndawo kufuneka nibe kuzo ukuya kwiindawo enisebenza kuzo
* izifundo ezikumgangatho ophakamileyo zezakhono zobomi
* izifundo ezikumgangatho ophakamileyo zabasebenzi boxolo ekuhlaleni
* izifundo zoncedo lokuqala
* izifundo zokungena kwisiNgesi Soshishino, iiKhompyutha, iZibalo, Nemigaqo Yezifundo Onokuzenza.



IMIYALELO:

Ukuze ufake isicelo sokuba ngumsebenzi woxolo, kufuneka kuqala uqinisekise ukuba uyamelana nezi mfuno zilandelayo:
* Kufuneka ube phakathi kwe-18 nama-35 eminyaka ubudala.
* Ungayindoda okanye umntu wasetyhini.
* Kufuneka ube kanti uhlala kule ngingqi ufuna ukusebenza kuyo.
* Kufuneka ube kanti awuphangeli.
* Kufuneka ube kanti awuzange wabanjelwa ukwaphula mthetho, ngaphandle kokuba oko kubanjwa kwakunento yokwenza neentshukumo zezopolitiko phambi konyaka u-1994.
* Kufuneka ube kanti unencwadana yesazisi eyiyo nesebenzayo.
* Kufuneka ube nokuzimisela ekuziseni uxolo nophuhliso kwindawo ohlala kuyo.
* Kufuneka ube kanti waziwa kakuhle ekuhlaleni.

Ukumelana kwakho nezi mfuno akuthethi tu ukuba ngokuqinisekileyo uza kuphumelela njengomntu osebenzela uxolo. Kuya kufuneka kuqala uye kudliwano-ndlebe, apho kuya kufuneka ubonise khona ukuba ufuna ngokunyanisekileyo ukuncedisa ekuliweni kolwaphulo-mthetho ngokuthi uzibandakanye nomsebenzi wokuzinikezela ekusebenzeleni indawo ohlala kuyo. Kufuneka ubonise ukuba unawo amandla nokuzimisela ekuphuculeni ikamva lakho. Uya kuba ngumntu osebenzela uxolo kuphela xa uthe waphumelela olo dliwano-ndlebe

Ukwenza amalungiselelo odliwano-ndlebe, qhagamshelana nePeace and Developmwent Project:
UMnu. LM Ngwatyu
UMququzeleli wale Project
Peace and Development Project
Inombolo Yomnxeba: 021 386 3896/80
Inombolo Yefeksi: 021 386 3981
pdpwc@yahoo.com


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Uthetha-thethwano Ngokhuseleko loLuntu


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali (IiNkonzo)
* Ukuseka iNkampani Yokuphuculwa Kwesixeko (IiNkonzo)
* Final Draft City of Cape Town City Improvement District By-Law 2003 (UMthetho kaMaspala) (File type: pdf; size: 262 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uMeyi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





